Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 93


Icandelo 93

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Meyi 6, 1833.

1–5, Bonke abo bathembekileyo baya kuyibona iNkosi; 6–18, UYohane wanika ubungqina bokokuba uNyana kaThixo wahamba ukusuka elubabalweni ukuya elubabalweni wada Yena wazuza ukuzaliseka kozuko lukaBawo; 19–20, Abantu abathembekileyo, behamba ukusuka elubabalweni kuye elubabalweni, kanjalo baya kuzuza okukoKwayo ukuzaliseka; 21–22, Abo bazelwe ngoKrestu baliBandla leZibulo; 23–28, UKrestu uzuza ukuzaliseka kwenyaniso yonke, kwaye umntu ngokuthobela angenza ngokunjalo; 29–32, Umntu ekuqaleni wayekunye noThixo; 33–35, Izinto zezanaphakade, kwaye umntu angazuza ukuzaliseka kovuyo eluVukweni; 36–37, Uzuko lukaThixo yingqiqo; 38–40, Abantwana bamsulwa phambi kukaThixo ngenxa yenkululelo kaKrestu; 41–53, Abazalwana abakhokelayo bayalelwa ekulungiseni iintsapho zabo.

1 Inene, itsho njalo iNkosi: Kuya kwenzeka okokuba yonke imiphefumlo aezilahlayo izono zayo kwaye ize kum, ize bibize egameni lam, ize cithobele ilizwi lam, ize igcine imiyalelo yam, iya dkubona eubuso bam ize yazi ukuba ndinguye;

2 Nokokuba andilukhanyiso lwenene olukhanyisela bonke abantu abeza ehlabathini;

3 Nokokuba andikuBawo, noBawo ukum, kwaye uBawo nam sibanye—

4 Ubawo akuba bwandinika ukuzaliseka kwakhe, kwaye mna Nyana ngenxa yokuba ndandisehlabathini kwaye ndenza cinyama umnquba wam, ndaza ndahlala phakathi koonyana babantu.

5 Ndandisehlabathini kwaye ndafumana uBawo, kwaye anemisebenzi yakhe ibonakaliswe ngokucacileyo.

6 Kwaye auYohane wabona waza wanika ubungqina bokuzaliseka bkozuko lwam, nokuzaliseka ckobungqina bukaYohane ngexesha elizayo buya kutyhilwa.

7 Kwaye wanika ubungqina, esithi: Ndabona ubuqaqawuli bakhe, okokuba awayesekuqalekeni, phambi kokuba ihlabathi libekho;

8 Ke ngoko, ekuqalekeni auLizwi wayekho, kuba wayenguLizwi, nkqu umthunywa wosindiso—

9 aUkhanyiso bnoMkhululi wehlabathi; uMoya wenyaniso, oweza ehlabathini, ngenxa yokuba ihlabathi lenziwa nguye, kwaye kuye kwakukho ubomi babantu nokhanyiso lwabantu.

10 Amazwe aenziwa nguye; abantu benziwa nguye; zonke izinto zenziwa nguye, kwaye ngaye, nangokwakhe.

11 Kwaye mna, Yohane, ndinika ubungqina bokokuba ndabona ubuqaqawuli bakhe, njengobuqaqawuli boKuphela koZelweyo kaBawo, ezaliswe lubabalo nenyaniso, nkqu uMoya wenyaniso, oweza waza wahlaba enyameni, oweza waza wahlala phakathi kwethu.

12 Kwaye mna, Yohane, ndabona ukuba akafumananga aokokuzaliseka ekuqaleni, kodwa wafumana bubabalo ngobabalo;

13 Kwaye akafumananga okokuzaliseka ekuqaleni, kodwa waqhubeka ukusuka aelubabalweni kuye elubabalweni, wada wabe ufumene ukuzaliseka;

14 Kwaye njalo wabizwa auNyana kaThixo, ngenxa yokuba akakufumananga okokuzaliseka ekuqaleni.

15 Kwaye mna, aYohane, ndinika ubungqina, kwaye yabona, amazulu ayevulekile, waza buMoya oyiNgcwele wehlela phezu kwakhe ukwimo cyehobe, waza wahlala phezu kwakhe, kwaye kweza ilizwi liphuma ezulwini lisithi: Lo dnguNyana wam oyintanda.

16 Kwaye mna, Yohane, ndinika ubungqina bokuba wafumana ukuzaliseka kozuko lukaBawo;

17 Kwaye wafumana aonke bamandla, kunye ezulwini nasemhlabeni, nozuko clukaBawo lwalukunye naye, kuba wahlala kuye.

18 Kwaye kuya kwenzeka, okokuba uthembekile uya kufumana ukuzaliseka kobungqina bukaYohane.

19 Ndininika ezi ntetha ukuze nibe nokuqonda nokwazi ukuba kunqulwa njani, nokwazi ukuba aunqula ntoni, ukuze nibe nokuza kuBawo egameni lam, kwaye ngexesha elifanelekileyo nifumane ukuzaliseka kwakhe.

20 Kuba xa nigcina aimiyalelo yam niya kufumana bukuzaliseka kwakhe, nize cnizukiswe kum njengoko ndikuye uBawo; ke ngoko, ndithi kuni, niya kufumana dubabalo ngobabalo.

21 Kwaye ngoku, inene ndithi kuni, ndandikho aekuqalekeni kunye noBawo, kwaye bndiliZibulo;

22 Kwaye bonke abo bazelweyo ngam abangamadlelana bobuqaqawuli obukwanjalo, kwaye balibandla leZibulo.

23 Kanjalo nanikho ekuqalekeni akunye noBawo; lowo unguMoya, uMoya wenyaniso;

24 Kwaye ainyaniso blulwazi lwezinto njengoko zinjalo, nanjengoko zazinjalo, nanjengoko ziya kuza;

25 Kwaye nantonina aengakumbi okanye enganeno kunoku ingumoya walowo ukhohlakeleyo bowayelixoki ukusukela ekuqalekeni.

26 UMoya awenyaniso ngokaThixo. NdinguMoya wenyaniso, noYohane wanika ubungqina ngam, esithi: Wafumana ukuzaliseka kwenyaniso, ewe, nkqu okwenyaniso yonke;

27 Kwaye akukho mntu ufumana aukuzaliseka ngaphandle kokuba ugcina imiyalelo yakhe.

28 Lowo augcina imiyalelo yakhe wamkela inyaniso bnokhanyiso, ade abe uzukisiwe enyanisweni kwaye cwazi zonke izinto.

29 Umntu kanjalo wayekho aekuqalekeni kunye noThixo. bUkuqiqa okanye ukhanyiso lwenyaniso, akuzange kudalwe okanye kwenziwe, kungenako ngenene ukubanjalo.

30 Yonke inyaniso izimele kweso sibhakabhaka apho uThixo ayibeke khona, ayenzela isiqu sayo, kanjalo njengako konke ukuqiqa; ngamanye amazwi abukho bukho.

31 Qaphelani, nali igunya alokuzikhethela lomntu, kwaye nangu umgwebo womntu; ngenxa yoko kwakukho ekuqalekeni bkubonakalisiwe ngokucacileyo kubo, kwaye abafumani lukhanyiso.

32 Kwaye wonke umntu onomoya ongalwamkeliyo aukhanyiso uphantsi komgwebo.

33 Kuba umntu angumoya. bIziqalelo zezanaphakade, kwaye umoya nesiqalelo, zidityaniswe ngokungahlukaniyo, zamkela ukuzaliseka kovuyo;

34 Kwaye xa azohlukene, umntu akanako ukufumana ukuzaliseka bkovuyo.

35 aIziqalelo zingumnquba kaThixo, ewe, umntu ngumnquba kaThixo, nkqu biitempile; nanjengokuba itempile ingcoliswa, uThixo uya kuyitshabalalisa loo tempile.

36 aUzuko lukaThixo bkukuqiqa, okanye, ngamanye amazwi, clukhanyiso nenyaniso.

37 Ukhanyiso nenyaniso zishiya aongendawo.

38 Wonke umoya womntu awawumsulwa ekuqalekeni; kwaye uThixo bemkhulule umntu cekuweni, abantu kwakhona babuyela, kwimo yabo yobuntwana, dbemsulwa phambi koThixo.

39 Kwaye lowo mnye okhohlakeleyo weza waza awahlutha ukhanyiso nenyaniso, ngokungathobeli, eyihlutha ebantwaneni babantu, nangenxa byezithethe zooyise.

40 Kodwa ndiniyalele ekukhuliseleni aabantwana benu ekukhanyeni nasenyanisweni.

41 Kodwa inene ndithi kuwe sicaka sam Frederick G. Williams, uqhubekeke phantsi komgwebo;

42 aAkubafundisanga abantwana bakho ukhanyiso nenyaniso, ngokunxulumene nemiyalelo; kwaye lowo okhohlakeleyo onamandla, okwa ngoku, phezu kwakho, kwaye oku ngunobangela wembandezelo yakho.

43 Kwaye ngoku ndikunika umyalelo—ukuba uya kuhlangulwa uya akulungisa indlu eyiyeyakho, kuba kukho izinto ezininzi ezingalunganga endlwini yakho.

44 Inene, ndithi kwisicaka sam uSidney Rigdon, okokuba kwezinye izinto akayigcinanga imiyalelo yam ngokunxulumene nabantwana bakhe; ke ngoko, qala ulungise indlu yakho.

45 Inene, ndithi kuwe sicaka sam Joseph Smith, Omnci., okanye ngamanye amazwi, ndiya kunibiza aabahlobo, kuba ningabahlobo bam, kwaye niya kuba nelifa kunye nam—

46 Ndinibize azicaka ngenxa yesizathu sehlabathi, kwaye nizizicaka zabo ngenxa yam—

47 Kwaye ngoku, inene ndithi kuJoseph Smith, Omnci.—Awukhange uyigcine imiyalelo, kwaye ufanele ukuma aukhalinyelwe phambi kweNkosi;

48 aUsapho lwakho lumele ukuguquka nokushiya ezinye izinto, luze lunike ngakumbi inyameko enyanisekileyo kwiintetha zakho, okanye lukhutshelwe ngaphandle endaweni yalo.

49 Endikuthethayo komnye ndikuthetha kubo bonke; athandaza rhoqo hleze lowo mnye ukhohlakeleyo abe namandla kuwe, aze akukhuphele ngaphandle endaweni yakho.

50 Kanjalo isicaka sam uNewel K. Whitney, ubhishophu webandla lam, ufanele ukohlwaywa, aze alungise usapho lwakhe, aze abone okokuba bakhuthele ngakumbi kwaye bayakhathala ekhaya, baze bathandaze rhoqo, okanye baya kukhutshelwa ngaphandle aendaweni yabo.

51 Ngoku, ndithi kuni, bahlobo bam, vumelani isicaka sam uSidney Rigdon ahambe uhambo lwakhe, aze enze ngokukhawuleza, aze abhengeze kanjalo aunyaka owamkelweyo weNkosi, nevangeli yosindiso, njengoko ndiya kumnika ukuthetha; kwaye ngomthandazo wenu wokholo kunye nesicelo esinye ndiya kumxhasa.

52 Kwaye vumelani izicaka zam uJoseph Smith, Omnci., noFrederick G. Williams kanjalo benze ngokukhawuleza, kwaye kuya kunikwa kubo nkqu ngokunxulumene emthandazweni wokholo; nanjengokuba niya kuzigcina iintetho zam aniyi kubhidaniswa kweli hlabathi, futhi nakwihlabathi elizayo.

53 Kwaye, inene ndithi kuni, okokuba yintando yam ukuba nimele ukukhawuleza aukuguqula izibhalo zam, bnokuzuza culwazi lwembali, nolwamazwe, nolwezikumkani, olwemithetho kaThixo nabantu, kwaye konke oku kwenzelwe usindiso lweZiyon. Amen.