Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 103


Icandelo 103

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Februwari 24, 1834. Esi sityhilelo safunyanwa emva kokufika eKirtland, eOhio, kukaParley P. Pratt noLyman Wight, ababevela eMissouri ukuza kucebisana noMprofeti njengokunceda nokubuyiselwa kwabaNgcwele emihlabeni yabo eJackson Khawunti.

1–4, Kwakutheni iNkosi ivumele abaNgcwele batshutshiswe eJackson Khawunti; 5–10, AbaNgcwele baya koyisa ukuba bagcine imiyalelo; 11–20, Inkululeko yeZiyon iya kuza ngamandla, kwaye iNkosi iya kuhamba phambi kwabantu Bayo; 21–28, AbaNgcwele bamele ukuhlanganisana eZiyon, nabo babeke phantsi ubomi babo baya kubufumana kwakhona; 29–40, Abazalwana abahlukuneyo babizelwa ukuseka iNkampu yeZiyon baze baye eZiyon; bathenjiswa uloyiso ukuba bathembekile.

1 Inene ndithi kuni, bahlobo bam, qaphelani, ndiya kuninika isityhilelo nomyalelo, ukuze nibe nokwazi ukuba aningenza njani ekukhupheni imisebenzi yenu ngokunxulumene nosindiso bnenkululeko yabazalwana benu, abasasazwe emhlabeni weZiyon;

2 aBekhutshelwe ngaphandle baza babethwa ngezandla zeentshaba zam, endiya kuthululela kuzo ingqumbo yam ngaphandle komlinganiselo ngexesha elilelam.

3 Kuba ndibandezeleke ngabo kude kube ngoku, ukuze babe abazalisa umlinganiselo wobugwenxa babo, ukuze indebe yabe ibe nokuzala;

4 Nokokuba abo bazibiza emva kwegama lam babe anokohlwaywa ixesha elincinane ngesohlwayo esilusizi kakhulu nesibuhlungu kakhulu, ngenxa yokuba babaphulaphulanga ngokupheleleyo kwiimfundiso nemiyalelo endibanike yona.

5 Kodwa inene ndithi kuni, okokuba ndibamisele ummiselo abantu bam abaya kuwuqonda, njengokuba bephulaphula ukususela kweli lixa kanye akwicebiso mna, iNkosi uThixo wabo, endiya kulinika bona.

6 Qaphelani baya kuqala, ukoyisa ngokuchasene neentshaba zam ukususela kweli lixa kanye, ngenxa yokuba ndiwumisile.

7 Kwaye angokuphulaphula ukuqaphela onke amazwi mna, iNkosi uThixo wabo, endiya kuwathetha kubo, abasayi kuyeka ukoyisa zide bizikumkani zehlabathi zoyiselwe phantsi kweenyawo zam, nomhlaba cunikelwe dkwabangcwele, ebawubange ngonaphakade nangonaphakade.

8 Kodwa njengokuba abengayigcini imiyalelo yam, baze bangaphulaphuli ukuqaphela onke amazwi am, izikumkani zehlabathi ziya koyisa ngokuchasene nabo.

9 Kuba benzelwe ukuba alukhanyiso ehlabathini, kwaye babe ngabasindisi babantu;

10 Kwaye njengokuba bengengabo abasindisi babantu, abanjengetyuwa ethe yalahlakelwa sisongo sayo, kwaye ayisalungele nto kodwa kukulahlelwa ngaphandle ize inyathelwe phantsi kweenyawo zabantu.

11 Kodwa inene ndithi kuni, ndinimisele ummiselo okokuba bazalwana benu abasasaziweyo baya kubuyela akwimihlaba yamafa abo, kwaye baya kwakha iindawo ezonakeleyo zeZiyon.

12 Kuba emva akwenkxwaleko eninzi, njengoko nditshilo kuni kumyalelo wokuqala, iyeza intsikelelo.

13 Qaphelani, le yintsikelelo endithembise ngayo emva kweenkxwaleko zenu, neenkxwaleko zabazalwana benu—inkululeko yenu, nenkululeko yabazalwana benu, nkqu ubuyiselo lwabo kumhlaba weZiyon, bamiselwe, bangaze baphoselwe phantsi.

14 Nangona kunjalo, ukuba bangcolisa amafa abo baya kuphoselwa phantsi; kuba andiyi kubasindisa ukuba bangcolisa amafa abo.

15 Qaphelani, ndithi kuni, inkululeko yeZiyon imele ukuza ngegunya;

16 Ke ngoko, ndiya kuphakamisela ebantwini bam indoda, eya kubakhokela njengoko auMoses wakhokela abantwana bakaSirayeli.

17 Kuba ningabantwana bakaSirayeli, anabembewu ka-Abraham, kwaye nifanele ukukhokelwa ngaphandle kobukhoboka ngegunya, nangengalo eyoluliweyo.

18 Kwaye njengokuba ooyihlo bakhokelwayo ekuqaleni, nkqu kunjalo inkululeko yeZiyon iya kubanjalo.

19 Ke ngoko, mazingatyhafi iintliziyo zenu, kuba anditsho kuni njengoko ndatshoyo kooyihlo: aIngelosi yam iya kuya phezulu phambi kwenu, kodwa ingabi bbubuso bam.

20 Kodwa ndithi kuni: aIingelosi zam ziya kuya phezulu phambi kwenu, kananjalo nobuso bam, kwaye ethubeni niya bkubanga umhlaba olungileyo.

21 Inene, inene ndithi kuni, okokuba isicaka sam uJoseph Smith, Omnci., ayindoda endiyafanekisa nesicaka iNkosi byesidiliya eyathetha nayo kumzekeliso endininike wona.

22 Ke ngoko vumelani isicaka sam uJoseph Smith, Omnci., athi akukomelela kwendlu yam, abafana namaqina aphakathi—Zihlanganiseleni kunye kumhlaba weZiyon, phezu komhlaba endiwuthenge ngemali engcwaliselwe kum.

23 Kwaye vumelani onke amabandla athumele phezulu amadoda alumkileyo kunye neemali zawo, aze aathenge imihlaba nkqu njengoko ndiwayaleleyo.

24 Kwaye njengokuba iintshaba zam ziza ngokuchasene nani zinikhupha aemhlabeni wam olungileyo, endiwungcwalisele ekubeni ngumhlaba weZiyon, nkqu ukusuka kweyenu imihlaba emva kobu bungqina, enibuzise phambi kwam ngokuchasene nabo, niya kubaqalekisa;

25 Kwaye nabani na enimqalekisayo, ndiya kumqalekisa, kwaye niya kundiphindezela ezintshabeni zam.

26 Kwaye ubuso bam buya kuba nani nkqu aekundiphindezeleni ezintshabeni zam, ukuya kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabo bandithiyileyo.

27 Makungabikho mntu woyikayo ukubeka phantsi ubomi bakhe ngenxa yam; kuba lowo aubeka phantsi ubomi bakhe ngenxa yam uya kubufumana kwakhona.

28 Kwaye lowo ungafuniyo ukubeka phantsi ubomi bakhe ngenxa yam akanguye umfundi wam.

29 Yintando yam okokuba isicaka sam auSidney Rigdon siya kuphakamisa ilizwi laso kwiirhamente ezisemazweni asempumalanga, elungiselela amabandla ekugcineni imiyalelo endiyinike wona ngokunxulumene nobuyiselo nenkululeko yeZiyon.

30 Yintando yam okokuba isicaka sam auParley P. Pratt nesicaka sam uLyman Wight bangabuyela emhlabeni wabazalwana babo, bade bafumane amaqela okunyukela emhlabeni weZiyon, angamashumi, okanye angamashumi amabini, okanye angamashumi amahlanu, okanye alikhulu, bade bafumane ukuya kwinani lamakhulu amahlanu blokomelela kwendlu yam.

31 Qaphelani le yintando yam; celani nofumana; kodwa abantu aabasoloko beyenza intando yam.

32 Ke ngoko, ukuba aninako ukufumana amakhulu amahlanu, funani ngenkuthalo kuba mhlawumbi ningaba nokufumana amakhulu amathathu.

33 Kwaye ukuba aninako ukufumana amakhulu amathathu, funani ngenkuthalo ukuba mhlawumbi ninokufumana ikhulu elinye.

34 Kodwa inene ndithi kuni, ndininika umyalelo, okokuba aniyi kunyukela emhlabeni weZiyon nide nifumane ikhulu lokomelela lendlu yam, ukunyuka kunye ukuya emhlabeni weZiyon.

35 Ke ngoko, njengoko ndatshoyo kuni, celani nofumana; thandazani ngenyaniso kuba mhlawumbi isicaka sam uJoseph Smith, Omnci., unokuhamba nani, aze ongamele phakathi kwabantu bam, aze alungiselele ubukumkani bam phezu akomhlaba ongcwalisiweyo, aze amisele abantwana beZiyon phezu kwemithetho nemiyalelo enikiweyo neya kunikwa nina.

36 Lonke uloyiso nobuqaqawuli buya kwenzeka ngenxa ayenkuthalo yenu, ukuthembeka, bnemithandazo yokholo.

37 Vumelani isicaka sam uParley P. Pratt ahambe kunye nesicaka sam uJoseph Smith, Omnci.

38 Vumelani isicaka sam uLyman Wight ahambe kunye nesicaka sam uSidney Rigdon.

39 Vumelani isicaka sam uHyrum Smith ahambe kunye nesicaka sam uFrederick G. Williams.

40 Vumelani isicaka sam uOrson Hyde ahambe kunye nesicaka sam uOrson Pratt, nakweyiphi na indawo isicaka sam uJoseph Smith, Omnci., aya kubacebisa ngayo, ekuzuzeni ukuzalisekiswa kwale miyalelo endininike yona, nize niyekele intsalela ezandleni zam. Nkqu kunjalo. Amen.