Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 33


Icandelo 33

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuEzra Thayre noNorthrop Sweet, eFayette, eNew York, Oktobha 1830. Ekwaziseni esi sityhilelo, imbali kaJoseph Smith yaqinisekisa ukuba “iNkosi…isoloko ikulungele ukuyalela abo bafuna ngenkuthalo beselukholweni.”

1–4, Abasebenzi babizelwe ukubhengeza ivangeli ngelixa leshumi elinanye; 5–6, IBandla lisekiwe, kwaye abanyulwa bamele ukuhlanganiswa; 7–10, Guqukani, kuba ubukumkani bezulu busondele; 11–15, IBandla lakhelwe phezu kolwalwa lwevangeli; 16–18, Lungiselelani ukuza koMyeni.

1 Qaphelani, ndithi kuni, zicaka zam Ezra noNorthrop, vulani nina iindlebe zenu nize niphulaphule kwilizwi leNkosi uThixo wenu, aozwi lakhe likhawulezayo kwaye linamandla, libukhali kunekrele elintlangothi-mbini, elohlula phakathi amalungu nomongo, umphefumlo kwanomoya; kwaye ligweba iingcinga bneenjongo zentliziyo.

2 Kuba inene, inene, ndithi kuni okokuba nibizelwe ukunyusa amazwi enu njengokungathi asisandi sexilongo, ukubhengeza ivangeli yam kwisizukulwana esigoso nesigwenxa.

3 Kuba qaphelani, aintsimi ivuthiwe ilungele ukuvunwa; kwaye blilixa leshumi elinanye, kwaye clixesha lokugqibela endiya kubizela abasebenzi esidiliyeni sam.

4 Kwaye aisidiliya sam sithe bsonakala kwisuntswana lonke; kwaye akukho namnye owenza cokulungileyo ngaphandle nje kwabambalwa; kwaye dbayaphazama amaxesha amaninzi ngenxa eyobubingeleli bobuxoki, bonke beneengqondo ezonakeleyo.

5 Kwaye inene, inene, ndithi kuni, okokuba eli abandla ndithe bndaliseka ndaze ndalibizela ngaphambili liphume entlango.

6 Kwaye nkqu kunjalo ndiya akubahlanganisa abanyulwa bam ukusuka bkwiimbombo zone zomhlaba, nkqu njengoko beya kubabaninzi abaya kukholelwa kum, kwaye baphulaphule ilizwi lam.

7 Ewe, inene, inene, ndithi kuni, okokuba intsimi ivuthiwe ilungele ukuvunwa; ngako oko, phoselani iirhengqe zenu, nize nivune ngamandlakazi enu onke, ingqondo, nokomelela.

8 aVulani imilomo yenu kwaye iya kuzaliswa, kwaye niya kuba nkqu bnjengoNifayi wakudala, owahamba entlango esuka eYerusalem.

9 Ewe, vulani imilomo yenu kwaye ningoyikiseli, kwaye niya kuthwaliswa aizithungu phezu kwemiqolo yenu, kuba yabona, ndikunye nani.

10 Ewe, vulani imilomo yenu kwaye iya kuzaliswa, nisithi: aGuqukani, guqukani, kwaye nilungise indlela yeNkosi, nizityeneneze iindlela zayo; kuba ubukumkani bezulu busondele;

11 Ewe, guqukani kwaye anibhaptizwe, nonke ngabanye benu, nisenzela uxolelo lwezono zenu; ewe, manibhaptizwe nkqu ngamanzi, kwaye ngoko kuze ubhaptizo lomlilo neloMoya oyiNgcwele.

12 Qaphelani, inene, inene, ndithi kuni, le ayivangeli yam; kwaye khumbulani okokuba baya kuba nokholo kum okanye abanako nangayiphi indlela ukusindiswa;

13 Kwaye phezu kolu alwalwa ndiya kwakha ibandla lam; ewe, phezu kolu lwalwa nakhelwe, kwaye ukuba niyaqhubekeka, bamasango esihogo akasayi koyisa ngokuchasene nani.

14 Kwaye niya kukhumbula aizivumo zebandla neminqophiso ukuba niyigcine.

15 Kwaye nabani na onokholo niya akumqinisela ebandleni lam, ngokubeka bizandla, kwaye ndiya kuthobela cisipho soMoya oyiNgcwele phezu kwabo.

16 Kwaye iNcwadi kaMormoni anezibhalo ezingcwele zinikwe ndim zibe bngumyalelo wenu; namandla oMoya wam codlisa ubomi zonke izinto.

17 Ngako oko, thembekani, nithandaza rhoqo, ninezibane zenu zilungisiwe kwaye zivutha, nani nine-oli, ukuze nibe nikulungele ukuza akoMyeni

18 Kuba qaphelani, inene, inene, ndithi kuni, okokuba andiyeza kamsinya, Nkqu kunjalo. Amen.