Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 99


Icandelo 99

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuJohn Murdock, Agasti 29, 1832, eHiram, eOhio. Kangaphezu konyaka, uJohn Murdock ebethe washumayela ivangeli noxa abantwana bakhe babengenamama emva kokufa kwenkosikazi yakhe, uJulia Clapp, ngoAprili 1831—babehlala nezinye iintsapho eOhio.

1–8, UJohn Murdock ubizelwa ukubhengeza ivangeli, nabo bamamkelayo bamkela iNkosi kwaye baya kuzuza inceba.

1 Qaphelani, itsho njalo iNkosi kwisicaka sayo uJohn Murdock—ubizelwe ukuya emazweni asempumalanga ukusuka endlwini uye endlwini, ukusuka kwidolophana ukuya kwidolophana, nokusuka esixekweni ukuya esixekweni, ukubhengeza ivangeli yam yanaphakade kubo abemi bazo, phakathi akwentshutshiso nenkohlakalo.

2 Kwaye abo abamkela wena bamkela mna; kwaye baya kuba namandla okubhengeza ilizwi lam bekuqondakaliseni koMoya wam oNgcwele.

3 Kwaye abo bamkela wena anjengomntwana omncinane, bamkela bubukumkani bam; kwaye banoyolo, kuba baya kuzuza cinceba.

4 Kwaye nabanina ongakufuniyo aakayi kufunwa nguBawo nendlu yakhe; kwaye uya kucoca biinyawo zakho kwiindawo ezifihlakeleyo ecaleni kwendlela ngokobungqina obuchasene nabo.

5 Kwaye qaphela, kwaye yabona, andiyeza kamsinya bemgwebeni, ukuqinisekisa bonke okwezenzo zabo zokungahloneli thixo abazenzileyo ngokuchasene nam, njengoko kubhaliweyo ngam emqulwini wencwadi.

6 Kwaye ngoku, inene ndithi kuwe, okokuba akufanelekanga okokuba uhambe bade abantwana bakho babe balungiselelwe, baze bathunyelwe phezulu ngokulunga kubhishophu yeZiyon.

7 Kwaye emva kweminyaka embalwa, ukuba unqwenela mna, unokunyukela kanjalo kumhlaba olungileyo, ubange ilifa lakho.

8 Ngenye indlela uya kuqhubeka ubhengeza ivangeli yam aude ube uthathiwe. Amen.