Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 39


Icandelo 39

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuJames Covel, eFayette, eNew York, Januwari 5, 1831. UJames Covel, owayengumfundisi wamaWesile kangangeminyaka engamashumi amane, wanqophisana neNkosi okokuba uya kuthobela nawuphina umyalelo iNkosi eya kumnika wona ngoJoseph Smith uMprofeti.

1–4, AbaNgcwele banamandla okuba ngoonyana bakaThixo; 5–6, Ukwamkela ivangeli kukwamkela uKrestu; 7–14, UJames Covel uyalelwa ukuba abhaptizwe aze asebenze kwisidiliya seNkosi; 15–21, Izicaka zeNkosi zimele ukushumayela ivangeli phambi kokuBuya kweSibini; 22–24, Abo bamkela ivangeli baya kuhlanganiswa ngoku nangonaphakade.

1 Phulaphulani kwaye nimamele elizwini lakhe lowo usuka kuwo onke aamaphakade ukuya kuwo onke amaphakade, buNdinguye oMkhulu, nkqu uYesu Krestu—

2 aUkukhanya nobomi behlabathi; ukhanyiselo olwabonakala ebumnyameni, baza ubumnyama abaluqiqa;

3 Kwa oko kwenza akwixesha elimisiweyo kwabangabam, kwaye abangabam abazange bandamkela;

4 Kodwa kwabaninzi njengoko bandamkelayo, ndabanika amandla babe angoonyana bam; kwaye nkqu kunjalo ndiya kunika kwabaninzi njengoko beya kundamkela, amandla okuba ngoonyana bam.

5 Kwaye inene, inene, ndithi kuwe, lowo uyamkelayo ivangeli yam awamkela mna; kwaye lowo ungayamkeliyo ivangeli yam akandamkeli mna.

6 Kwaye le ayivangeli yam—ukuguquka nobhaptizo ngamanzi, kwaye ngoko kuze bubhaptizo lomlilo noMoya oyiNgcwele, nkqu uMonwabisi, obonisa zonke izinto, uze cufundise izinto zoxolo zobukumkani.

7 Kwaye ngoku, qaphela, ndithi kuwe, sicaka sam aJames, ndiyijongile imisebenzi yakho ndaza ndakwazi.

8 Kwaye inene ndithi kuwe, intliziyo yakho ngoku ilungile phambi kwam ngeli xesha; kwaye, qaphela, ndikunika iintsikelelo ezinkulu phezu kwentloko yakho;

9 Nangona kunjalo, wena ubone usizi olukhulu, kuba wena undalile amaxesha amaninzi ngenxa yekratshi nokukhathalela izinto azehlabathi.

10 Kodwa, qaphela, imihla yokuhlangulwa kwakho ifikile, ukuba wena uya kuliphulaphula ilizwi lam, elithi kuwe: Phakama uze aubhaptizwe, kwaye uhlambe izono zakho, ubiza egameni lam, kwaye uya kwamkela uMoya wam, neentsikelelo ezinkulu ngendlela ongazanga wayazi.

11 Kwaye ukuba wena wenza oku, ndikulungiselele umsebenzi omkhulu ngakumbi. Uze ushumayele ivangeli yam epheleleyo, endithe ndayithumela ngaphambili kule mihla yokugqibela, umnqophiso endithe ndawuthumela ngaphambili aukubuyisela abantu bam, abendlu kaSirayeli.

12 Kwaye kuya kwenzeka okokuba amandla aya akuhlala phezu kwakho; uya kuba nokholo olukhulu, kwaye ndiya kuba nawe ndize ndihambe phambi kobuso bakho.

13 Wena ubizelwe aukusebenza esidiliyeni sam, nokwakha ibandla lam, bnokuzisa ngaphambili iZiyon, ukuze ibe nokugcoba phezu kweenduli kwaye cichume.

14 Qaphela, inene, inene, ndithi kuwe, wena awubizelwanga kuya kumazwe asempumalanga, kodwa wena ubizelwe ukuya eOhio.

15 Kwaye njengokuba abantu bam beya kuzihlanganisela eOhio, ndigcine aintsikelelo engaziwayo phakathi kwabantwana babantu, kwaye iya kuthululelwa ngaphambili phezu kweentloko zabo. Kwaye ukususela apho abantu baya kuya ngaphambili kuzo bzonke cizizwe.

16 Qaphela, inene, inene, ndithi kuwe, ngokuba abantu eOhio bebiza kum ngokholo olungakumbi, becinga ndiya kusibamba isandla sam ekugwebeni phezu kwezi zizwe, kodwa andinako ukuliphika ilizwi lam.

17 Ngako oko lungisa ngamandlakazi akho kwaye bizela abasebenzi abathembekileyo esidiliyeni sam, ukuze sibe anokuthenelwa ixesha lokugqibela.

18 Kwaye njengokuba beguquka kwaye besamkela ivangeli yam epheleleyo, baze bangcwaliswe, ndiya kusibamba isandla sam aemgwebeni.

19 Ngako oko, yiya ngaphambili, udanduluka ngelizwi elikhwazayo, usithi: Ubukumkani bezulu bukufuphi; udanduluka: Hosana! malibongwe igama loThixo oseNyangweni.

20 Yiya ngaphambili ubhaptiza ngamanzi, ulungisa indlela phambi kobuso bam ngexesha alokuza kwam;

21 Kuba ixesha likufuphi; aumhla okanye ilixa akukho mntu bwaziyo; kodwa ngokuqinisekileyo uya kuza.

22 Kwaye lowo uzamkelayo ezi zinto wamkela mna; kwaye baya kuhlanganiselwa kum exesheni nangonaphakade.

23 Kwaye kwakhona, kuya kwenzeka njengakwabo baninzi oya kubabhaptiza ngamanzi, uya kubeka aizandla zakho, kwaye baya kwamkela bisipho soMoya oyiNgcwele, kwaye baya ckujonga ngaphambili imiqondiso dyokuza kwam, kwaye baya kundazi.

24 Qaphela, ndiyeza kamsinya. Nkqu kunjalo. Amen.