Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 51


Icandelo 51

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eThompson, eOhio, Meyi 20, 1831. Ngeli xesha abaNgcwele ababefuduka bevela kwiziteyiti zasempumalanga baqala ukufika eOhio, kwaye kwaba yimfuneko ukwenza amalungiselelo aqinisekileyo okuhlala kwabo. Njengokuba lo msebenzi ungowe-ofisi kabhishophu ngokucacileyo, uBhishophu Edward Partridge ufumana umyalelo ngalo mba, waza uMprofeti wabuza eNkosini.

1–8, UEdward Partridge wonyulelwe ukuba alungelelelanise ubugosa nezakhiwo neempahla; 9–12, AbaNgcwele bamele ukusebenzisana ngokunyaniseka baze bafumane ngokufanayo; 13–15, Bamele ukuba novimba kabhishophu baze balungiselele izakhiwo neempahla ngokunxulumene nomthetho weNkosi; 16–20, IOhio iza kuba yindawo yethutyana yokuhlanganisana.

1 Phulaphulani kum, itsho iNkosi uThixo wenu, kwaye ndiya kuthetha nesicaka sam auEdward Partridge, ndize ndimnike izikhokelo; kuba kuyimfuneko okokuba afumane izikhokelo zokulungiselela aba bantu.

2 Kuba kuyimfuneko ukuba balungiselelwe ngokunxulumene anemithetho yam; ukuba benza ngenye indlela, baya kusikelwa ngaphandle.

3 Ngako oko, vumelani isicaka sam uEdward Partridge, nabo abakhethileyo, endikholisiweyo ngabo, onyulele aba bantu izahlulo zabo, angokulinganayo wonke umntu ngokunxulumene nosapho lwakhe, ngokunxulumene neemeko zakhe neemfuno zakhe nezo bazisweleyo.

4 Kwaye vumelani isicaka sam uEdward Partridge, xa eya kunika umntu isabelo sakhe, amnike umbhalo oya kukhusela isabelo sakhe kuye, okokuba abe uya kusigcina, nkqu eli lungelo neli lifa ebandleni, ade abe uyona aze angabalelwa ukuba ufanelekile ngeli lizwi le bandla, ngokunxulumene nemithetho anemiqophiso yebandla, abe ungowebandla.

5 Kwaye ukuba uya kona aze angabalelwa ukuba ufanelekile ukuba ngowebandla, akayi kuba namandla okubanga isabelo asingcwalisele amahlwempu nabasweleyo kubhishophu webandla; ke ngoko, akayi kugcina sipho, kodwa uya kubanga kuphela isabelo esenzelwe yena.

6 Kwaye kungoko zonke izinto ziya kwenziwa ziqiniseke, angokunxulumene bnomthetho welizwe.

7 Kwaye vumelani oko kukokwaba bantu kwabelwe kwaba bantu.

8 Kwaye aimali eshiywe kwaba bantu—makubekho iarhente enyulelwe aba bantu, ithathe bimali yokubonelela ngokutya neengubo, ngokunxulumene neemfuno zaba bantu.

9 Kwaye vumelani wonke umntu asebenze angokunyanisekileyo, kwaye kufananwe phakathi kwaba bantu, kwaye bafumane ngokufanayo, ukuze nibe bbanye, nkqu njengoko ndimyaleleyo.

10 Kwaye vumelani oko kukokwaba bantu kungathathwa kuze kunikwe akokwelinye ibandla.

11 Ngako oko, ukuba elinye ibandla liya kufumana imali yeli bandla, bavumeleni bahlawule kweli bandla kwakhona ngokunxulumene njengoko beya kuvuma;

12 Kwaye oku kuya kwenziwa ngubhishophu okanye iarhente, eya konyulwa angelizwi lebandla.

13 Kwaye kwakhona, vumelani ubhishophu onyule auvimba kweli bandla; kwaye vumelani zonke izinto kunye emalini nasenyameni, ezingaphezu koko bkuyimfuneko zibe zezeemfuno zaba bantu, zigcinwe ezandleni zikabhishophu.

14 Kwaye nivumele kanjalo agcinele isiqu sakhe iimfuno ezizezakhe, neemfuno zosapho lwakhe, njengokuba eya kuqeshwa ngokwenza lo mcimbi.

15 Kwaye kungoko ndinika aba bantu ilungelo elilodwa lokuzilungiselela ngokunxulumene anemithetho yam.

16 Kwaye ndibangcwalisela alo mhlaba okwexesha elincinci, kude kube mna, iNkosi, ndiya kubabonelela ngenye indlela, kwaye ndibayalele ukumka kule ndawo;

17 Kwaye ilixa nomhla abawunikwanga, ngako oko bavumeleni basebenze kulo mhlaba kangangeminyaka, kwaye oku kuya kubuyela kubo ikokulungele bona.

18 Qaphelani, lo iya kuba angumzekelo kwisicaka sam uEdward Partridge, kwezinye iindawo, kuwo onke amabandla.

19 Kwaye lowo ufunyanwa ethembekile, elilungisa, kwaye aeligosa elilumkileyo uya kungena bekugcobeni kweNkosi, kwaye uya kufumana ilifa lobomi obungunaphakade.

20 Inene, ndithi kuni, ndinguYesu Krestu, aoza ngokukhawuleza, bngexesha ongalicingelanga. Nkqu kunjalo. Amen.