Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 112


Icandelo 112

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuThomas B. Marsh, eKirtland, eOhio, Julayi 23, 1837, ngokunxulumene naBapostile abaLishumi elineSibini beMvana. Esi sityhilelo safunyanwa ngomhla aBadala uHeber C. Kimball no-Orson Hyde bashumayela okokuqala ivangeli eNgilane. UThomas B. Marsh ngeli xesha wayenguMongameli weKhoram yaBapostile abaLishumi elineSibini.

1–10, AbaLishumi elineSibini bamele ukuthumela ivangeli baze baphakamise ilizwi lesilumkiso kuzo zonke izizwe nabantu; 11–15, Bamele ukuthabatha umnqamlezo wabo, balandele uYesu, baze badlise izimvu Zakhe; 16–20, Abo bafumana uBumongameli boKuqala bafumana iNkosi; 21–29, Ubumnyama bugquma umhlaba, kwaye kuphela ngabo bakholwayo kwaye ababhaptiziweyo abaya kusindiswa; 30–34, UBumongameli boKuqala nabaLishumi elineSibini baphethe izitshixo zexesha lokuzihlanganisela lenzaliseko yamaxesha.

1 Inene itsho njalo iNkosi kuwe sicaka sam Thomas: Ndiyivile imithandazo yakho; namalizo akho aze phezulu anjengesikhumbuzo phambi kwam, egameni labo, abazalwana bakho, ababekhethelwe ukunika ubungqina begama lam bnokulithumela ngaphesheya phakathi kwazo zonke izizwe, izalamane, iilwimi, nabantu, baze bamisele ngoncedo lwezicaka zam.

2 Inene ndithi kuwe, bekukho izinto ezimbalwa entliziyweni yakho nezikuwe, mna iNkosi endandingakholisekanga zizo.

3 Nangona kunjalo, njengokuba auzithobile uya kuphakanyiswa; ke ngoko, zonke izono zakho zixolelwe.

4 aMayomelele intliziyo yakho phambi kobuso bam; kwaye uya kunika ubungqina begama lam, ingabi kuphela nje beziNtlangeni, kodwa kanjalo ckumaYuda; kwaye uya kuthumela ngaphambili ilizwi eziphelweni zomhlaba.

5 aZamela wena, ke ngoko, intsasa ngentsasa; kwaye imihla ngemihla ilizwi lakho belilumkisayo lihambele ngaphambili; kwaye xa ubusuku busiza ungavumeli abemi bomhlaba balale, ngenxa yentetho yakho.

6 Makwaziwe ukuhlala kwakho eZiyon, uze aungayisusi indlu yakho; kuba mna, iNkosi, ndinomsebenzi omkhulu omawuwenze, ekupapasheni igama lam phakathi kwabantwana babantu.

7 Ke ngoko, abhinqa isinqe sakho usebenze. Iinyawo zakho mazinxityiswe kanjalo, kuba wena wonyuliwe, kwaye nendlela yakho ibekwe phakathi kweentaba, naphakathi kwezizwe ezininzi.

8 Kwaye ngelizwi lakho abaninzi abaphakamileyo baya kuziswa aekuthobekeni, kwaye ngelizwi lakho abaninzi abathobekileyo baya kuphakanyiswa.

9 Ilizwi lakho liya kuba yinkalimo kumkreqi; kwaye kwinkalimo yakho maliyeke ubugwenxa balo ulwimi lomngcikivi.

10 Yiba angothobekileyo; kwaye iNkosi uThixo wakho iya kukhokela ngesandla sayo, ize ikunike impendulo emithandazweni yakho.

11 Ndiyayazi intliziyo yakho, kwaye ndiyivile imithandazo yakho ngokunxulumene nabazalwana bakho. Uze ungakhethi cala ngakubo aekubathandeni ngaphezulu kwabanye abaninzi, kodwa uthando lwakho malube lolwabo njengoko lulolwesiqu sakho; kwaye uthando lwakho maluphuphume kubo bonke abantu, nakubo bonke abathanda igama lam.

12 Kwaye bathandazele abazalwana bakho abaLishumi elineSibini. Baluleke kabukhali ngenxa yegama lam, kwaye mabalulekelwe zonke izono zabo, kwaye uze uthembeke phambi kwam anasegameni lam.

13 Kwaye emva akwezihendo zabo, bnenkxwaleko enkulu, qaphela, mna, iNkosi, ndiya kuba velela, kwaye ukuba abazenzi lukhuni iintliziyo zabo, baze bangaziqinisi iintamo zabo ngokuchasene nam, baya ckuguqulwa, kwaye ndiya kubaphilisa.

14 Ngoku, ndithi kuwe, kwaye endikuthetha kuwe, ndikuthetha nakubo bonke abaLishumi elineSibini: Phakamani nize nibhinqe izinqe zenu, nithabathe aumnqamlezo wenu, nindilandele, nize bnidlise izimvu zam.

15 Ningaziphakamisi iziqu zenu; aningasivukeli isicaka sam uJoseph; kuba inene ndithi kuni, ndikunye naye, nesandla sam siya kuba phezu kwakhe; bnezitshixo endizinike yena, kananjalo nakuni, azisayi kuthatyathwa kuye ndide ndifike.

16 Inene ndithi kuwe, sicaka sam Thomas, uyindoda endiyanyulele ukuphatha izitshixo zobukumkani bam, njengokuphathelele kwabaLishumi elineSibini, ngaphesheya phakathi kwazo zonke izizwe—

17 Ukuze wena ube nokuba sisicaka sam sokuvala ucango lobukumkani kuzo zonke iindawo apho isicaka sam uJoseph, nesicaka sam auSidney, nesicaka sam buHyrum, zingenako ukuza;

18 Kuba kubo ndibeke umthwalo wamabandla onke wexesha elincinane.

19 Ngako oko, nokuba kuphina apho baya kukuthuma khona, yiya, kwaye ndiya kuba kunye nawe; nakuyo nayiphina indawo oya kubhengeza kuyo igama lam aumnyango onamandla uya kuvulelwa wena, ukuze babe nokwamkela ilizwi lam.

20 Nabanina aowamkela ilizwi lam wamkela mna, nabanina ondamkeleyo, wamkela abo, boBumongameli boKuqala, endibathumileyo, endibenze abacebisi ngenxa yegama lam kuni.

21 Kwaye kwakhona, ndithi kuwe, nabanina oya kumthuma egameni lam, ngelizwi labazalwana, aabaLishumi elineSibini, ngokusemthethweni okhethiweyo bnogunyaziswe nguwe, uya kuba namandla okuvula umnyango wobukumkani kuso sonke isizwe nasiphina oya kuba thuma kuso—

22 Nanjengokuba baya kuthoba iziqu zabo phambi kwam, baze bahlale elizwini lam, baze abaphulaphule elizwini loMoya wam.

23 Inene, inene, ndithi kuni, aubumnyama bugquma wonke umhlaba, nobumnyama obukhulu bengqondo zabantu, nayo yonke inyama isuke byonakala phambi kobuso bam.

24 Qaphelani, aimpindezelo iyeza ngokukhawuleza phezu kwabemi bomhlaba, imini yomsindo, imini yokutsha, imini yenkangala, byokulila, yokuzila, neyesijwili; njengesaqhwithi iya kuza phezu kwabo bonke ubuso bomhlaba, itsho iNkosi.

25 Kwaye phezu kwendlu yam iya akuqala, kwaye ukusuka endlwini yam iya kuya ngaphambili, itsho iNkosi;

26 Kuqala phakathi kwabo baphakathi kwenu, itsho iNkosi, aababange ukulazi igama lam kwaye babandazi, baza cbanyelisa ngokuchasene nam phakathi endlwini yam, itsho iNkosi.

27 Ke ngoko, bonani ekubeni anizikhathazi iziqu zenu ngokunxulumene nemicimbi yebandla lam kule ndawo, itsho iNkosi.

28 Kodwa ayenzani nyulu iintliziyo zenu phambi kwam; nize bniye kulo lonke ihlabathi, nize nishumayele ivangeli yam kuzo zonke izidalwa ezingekayamkeli;

29 Kwaye lowo aukholwayo aze babhaptizwe uya kusindiswa, kwaye lowo ungakholwayo, kwaye engebhaptizwanga, uya ckugwetywa.

30 Kuba kuni, aabaLishumi elineSibini, nabo, bbobuBumongameli boKuqala, abanyulwe kunye nawe babengabacebisi bakho neenkokeli zakho, amandla obu bubingeleli bawanikiwe, ngale mihla yokugqibela nangeli xesha lokugqibela, kuyo cilixesha lokuzihlanganisela lenzaliseko yamaxesha,

31 Amandla lawo owaphetheyo, ngokunxulumene nabo bonke abo bafumene ixesha lokuzihlanganisela nangaliphi na ixesha ukususela ekuqalekeni kwendalo;

32 Kuba inene ndithi kuni, aizitshixo zeli xesha lokuzihlanganisela, enilifumeneyo, bzize ezantsi zivela koobawo, nasemva kwako konke zithunyelwa ezantsi zivela ezulwini zisiza kuni.

33 Inene ndithi kuni, qaphelani ukuba lukhulu kangakanani ubizo lwenu. aHlambululani iintliziyo zenu neengubo zenu, hleze igazi lesi sizukulwana blibuzwe ezandleni zenu.

34 Thembekani ndide ndize, kuba andiyeza kamsinya; nomvuzo wam ukunye nam ukuvuza wonke umntu ngokunxulumene njengoko bumsebenzi wakhe uya kubanjalo. NdinguAlfa no-Omega. Amen.