Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 19


Icandelo 19

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith, eManchester, eNew York, kutheleleleka kwihlobo lowe-1829. Kwimbali yakhe, uMprofeti usazisa njengo “myalelo kaThixo ingenguwo owomntu, kuMartin Harris, inikwa ngulowo unguNaphakade.”

1–3, UKrestu unamandla onke; 4–5, Bonke abantu bamele ukuguquka okanye bave iintlungu; 6–12, Isohlwayo sanaphakade sisohlwayo sikaThixo; 13–20, UKrestu wavela iintlungu bonke, ukuze bangabi nakuva iintlungu ukuba baya kuguquka; 21–28, Shumayela ivangeli yenguquko; 29–41, Bhengeza iindaba zovuyo.

1 aNdinguAlfa no-Omega, buKrestu iNkosi; ewe, nkqu mna ndinguye, isiqalo nesiphelo, uMkhululi wehlabathi.

2 Mna, ekubeni ndiphumelelise ndaza andagqiba intando yalowo ndingowakhe, nkqu uBawo, ngokunxulumene nam—ndikwenzile oku ukuze ndibe bnokuzinyathelela kum zonke izinto—

3 Ndigcine onke aamandla, nkqu bekutshatyalalisweni kukaSathana nemisebenzi yakhe cekupheleni kwehlabathi, nomhla omkhulu wokugqibela womgwebo, endiya kuwudlulisa phezu kwabemi ngoko, dndigweba elowo umntu engokwemisebenzi yakhe nezenzo athe wazenza.

4 Kwaye inene elowo umntu umele akukuguquka okanye beve iintlungu, kuba mna, Thixo, candinasiphelo.

5 Ngako oko, aandirhoxisi izigwebo endiya kuzizisa, kodwa iingqumbo ziya kuza ngaphambili, izikhalo, bizijwili nokutshixiza kwamazinyo, ewe, kwabo bafunyenwe cngasekhohlo kwam.

6 Nangona kunjalo, aakubhalwanga okokuba akusayi kubakho isiphelo kule ntuthumbo, kodwa kubhalwe bintuthumbo engenasiphelo.

7 Kwakhona, kubhaliwe aisigwebo esingunaphakade; ngako oko kuchazwe ngakumbi kunezinye izibhalo, ukuze kube nokusebenza phezu kweentliziyo zabantwana babantu, ngokupheleleyo ngenxa yozuko lwegama lam.

8 Ngako oko, ndiya kunichazela le mfihlelo, kuba kufanelekile kuni ukuba nazi nkqu njengabapostile bam.

9 Ndithetha kuni abakhethelwe kule nto, kwananjengalowo, ukuze nibe nokungena aekuphumleni kwam.

10 Kuba, qaphelani, aimfihlelo yobuthixo, inkulu kangakanani! Kuba, qaphelani, andinasiphelo, kwaye isohlwayo esinikwayo sivela esandleni sam sisohlwayo esingenasiphelo, kuba buNgenasiphelo ligama lam. Ngako oko—

11 aIsohlwayo sanaphakade sisohlwayo sikaThixo.

12 Isohlwayo esingenasiphelo sisohlwayo sikaThixo.

13 Ngako oko, ndiniyalela ukuba niguquke, nize nigcine aimiyalelo eniyifumeneyo ngesandla sesicaka sam uJoseph Smith, Omnci., egameni lam;

14 Kwaye kungenxa yamandla am onke okokuba niyifumene;

15 Ke ngoko ndiniyalela ukuba niguquke—guqukani, hleze ndinibethe ngentonga yomlomo wam, nangengqumbo yam, nangomsindo wam, kwaye aukuva iintlungu kwenu kube lusizi—kalusizi kangakanani anazi, ngokugqithisileyo kangakanani anazi, ewe, nithwale nzima kangakanani anazi.

16 Kuba qaphelani, mna, Thixo, andivele iintlungu ezi zinto zabo bonke, ukuze bangabi bnokuva iintlungu ukuba baya ckuguquka;

17 Kodwa ukuba abayi kuguquka bamele aukuva iintlungu nkqu njengam;

18 Ukubulaleka okwenza isiqu sam, nkqu Thixo, onguyena mkhulu wabo bonke, angcangcazele ngenxa yentlungu, kwaye ophe kwiintunja zonke, kwaye, abulaleke kunye emzimbeni nasemoyeni—kwaye ndibe aandiyi kuyisela indebe ekrakra, ndize ndirhwaqele—

19 Nangona kunjalo, uzuko malube kuBawo, kwaye ndasela ndaze andalugqiba ulungiselelo lwam ebantwaneni babantu.

20 Ngako oko, ndiniyalela kwakhona ukuba niguquke, hleze ndinithobe ngamandla am onke; nokokuba anivume izono zenu, hleze nive iintlungu ngezi zohlwayo endithe ndazithetha, ezizezona zincinane, ewe, nkqu nezikwelona lincinane iqondo nizingcamle ngexesha endarhoxisa uMoya wam.

21 Kwaye ndiniyalela ukuba aningashumayeli nto kodwa inguquko, kwaye bningabonisi ezi zinto ehlabathini kude ibe bubulumko obukum.

22 Kuba abanako aukuthwala inyama ngoku, kodwa bamele ukufumana bamasi; ngako oko, bamele ukungazazi ezi zinto, hleze batshabalale.

23 Fundani kum, kwaye nimamele amazwi am; ahambani bkubulali boMoya wam, kwaye niya kuba cnoxolo kum.

24 aNdinguYesu Krestu; ndize ngokwentando kaBawo, kwaye ndenza intando yakhe.

25 Kwaye kwakhona, ndikuyalela okokuba uze aungamnqweneli bumfazi wommelwane wakho; nakufuna ubomi bommelwane wakho.

26 Kwaye kwakhona, ndikuyalela okokuba uze unganqweneli izinto ezizezakho, kodwa zigqithisele ngokukhululekileyo ekushicilelweni kweNcwadi kaMormoni, equlathe ainyaniso nelizwi likaThixo—

27 Eli lizwi lam akwabeeNtlanga, eya kuthi kamsinyane ibe iya bkumaYuda, amaLeymenayithi cayintsalela yawo, okokuba abe nokukholelwa yivangeli, kwaye angakhangeli duMesiya ozayo osele ezile.

28 Kwaye kwakhona, ndikuyalela ukuba uze authandaze bngelizwi elivakalayo ngokunjalo nasentliziyweni yakho; ewe, phambi kwehlabathi ngokunjalo nasemfihlakalweni, esidlangalaleni ngokunjalo nangasese.

29 Kwaye uze aubhengeze iindaba zovuyo, ewe, zipapashe phezu kweentaba, naphezu kweendawo eziphakamileyo zonke, naphakathi kwabantu bonke abaya kuvunyelwa ukuba babone.

30 Kwaye uya kukwenza oku ngentobeko yonke, authembele kum, unganyelisi ngokuchasene nabanyelisi.

31 Kwaye aokwemfundiso uze ungakuthethi, kodwa uze ubhengeze inguquko bnokholo kuMsindisi, cnoxolelo lwezono dngobhaptizo, enangomlilo, ewe, nkqu fuMoya oyiNgcwele.

32 Qaphela, lo angumyalelo omkhulu nowokugqibela endiya kuwunika wena ngokunxulumene nalo mba; kuba oku kuya konelisa uhambo lwemihla ngemihla, nkqu ukuya ekupheleni kobomi bakho.

33 Kwaye uya kufumana inkxwaleko ukuba uya kuzidelela ezi angcebiso, ewe, nkqu intshabalalo yesiqu sakho neento zakho.

34 aYabelana ngenxalenye yezinto zakho, ewe, nkqu inxalenye yemihlaba yakho, nangako konke ngaphandle kwenkxaso yosapho lwakho.

35 Hlawula aityala wena bovumelene ngalo nomshicileli. Zikhulule cebukhobokeni.

36 aShiya indlu yakho nekhaya, ngaphandle kokuba kuxa wena uya kunqwenela ukubona usapho lwakho;

37 Kwaye athetha ngokukhululekileyo kubo bonke; ewe, shumayela, cebisa, bhengeza binyaniso, nkqu ngelizwi elikhwazayo, ngesandi esigcobayo, udanduluka—Hosana, hosana, lisikelelwe igama leNkosi uThixo!

38 aThandaza rhoqo, kwaye ndiya bkuthululela uMoya wam phezu kwakho, kwaye iya kuba nkulu intsikelelo yakho—ewe, nkqu ibe ngakumbi kunokuba uya kuzuza ubutyebi bomhlaba nokonakala okungako kwawo.

39 Qaphela, wena unakona ukufunda oku ngaphandle kokugcoba kwaye uphakamisele phezulu intliziyo yakho eluvuyweni?

40 Okanye wena unakona ukubaleka kangangesithuba esingakumbi njengoko ukhokelwe yimfama?

41 Okanye wena unako na aukuthobeka unobulali, kwaye uphathe isiqu sakho ngobulumko phambi kwam? Ewe, byiza kum uMsindisi wakho. Amen.