Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 19


Icandelo 19

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith, eManchester, eNew York, kutheleleleka kwihlobo lowe-1829. Kwimbali yakhe, uMprofeti usazisa njengo “myalelo kaThixo ingenguwo owomntu, kuMartin Harris, inikwa ngulowo unguNaphakade.”

1–3, UKrestu unamandla onke; 4–5, Bonke abantu bamele ukuguquka okanye bave iintlungu; 6–12, Isohlwayo sanaphakade sisohlwayo sikaThixo; 13–20, UKrestu wavela iintlungu bonke, ukuze bangabi nakuva iintlungu ukuba baya kuguquka; 21–28, Shumayela ivangeli yenguquko; 29–41, Bhengeza iindaba zovuyo.

1 NdinguAlfa no-Omega, uKrestu iNkosi; ewe, nkqu mna ndinguye, isiqalo nesiphelo, uMkhululi wehlabathi.

2 Mna, ekubeni ndiphumelelise ndaza ndagqiba intando yalowo ndingowakhe, nkqu uBawo, ngokunxulumene nam—ndikwenzile oku ukuze ndibe nokuzinyathelela kum zonke izinto—

3 Ndigcine onke amandla, nkqu ekutshatyalalisweni kukaSathana nemisebenzi yakhe ekupheleni kwehlabathi, nomhla omkhulu wokugqibela womgwebo, endiya kuwudlulisa phezu kwabemi ngoko, ndigweba elowo umntu ngokwemisebenzi yakhe nezenzo athe wazenza.

4 Kwaye inene elowo umntu umele kukuguquka okanye eve iintlungu, kuba mna, Thixo, andinasiphelo.

5 Ngako oko, andirhoxisi izigwebo endiya kuzizisa, kodwa iingqumbo ziya kuza ngaphambili, izikhalo, izijwili nokutshixiza kwamazinyo, ewe, kwabo bafunyenwe ngasekhohlo kwam.

6 Nangona kunjalo, akubhalwanga okokuba akusayi kubakho isiphelo kule ntuthumbo, kodwa kubhalwe intuthumbo engenasiphelo.

7 Kwakhona, kubhaliwe isigwebo esingunaphakade; ngako oko kuchazwe ngakumbi kunezinye izibhalo, ukuze kube nokusebenza phezu kweentliziyo zabantwana babantu, ngokupheleleyo ngenxa yozuko lwegama lam.

8 Ngako oko, ndiya kunichazela le mfihlelo, kuba kufanelekile kuni ukuba nazi nkqu njengabapostile bam.

9 Ndithetha kuni abakhethelwe kule nto, kwananjengalowo, ukuze nibe nokungena ekuphumleni kwam.

10 Kuba, qaphelani, imfihlelo yobuthixo, inkulu kangakanani! Kuba, qaphelani, andinasiphelo, kwaye isohlwayo esinikwayo sivela esandleni sam sisohlwayo esingenasiphelo, kuba uNgenasiphelo ligama lam. Ngako oko—

11 Isohlwayo sanaphakade sisohlwayo sikaThixo.

12 Isohlwayo esingenasiphelo sisohlwayo sikaThixo.

13 Ngako oko, ndiniyalela ukuba niguquke, nize nigcine imiyalelo eniyifumeneyo ngesandla sesicaka sam uJoseph Smith, Omnci., egameni lam;

14 Kwaye kungenxa yamandla am onke okokuba niyifumene;

15 Ke ngoko ndiniyalela ukuba niguquke—guqukani, hleze ndinibethe ngentonga yomlomo wam, nangengqumbo yam, nangomsindo wam, kwaye ukuva iintlungu kwenu kube lusizi—kalusizi kangakanani anazi, ngokugqithisileyo kangakanani anazi, ewe, nithwale nzima kangakanani anazi.

16 Kuba qaphelani, mna, Thixo, ndivele iintlungu ezi zinto zabo bonke, ukuze bangabi nokuva iintlungu ukuba baya kuguquka;

17 Kodwa ukuba abayi kuguquka bamele ukuva iintlungu nkqu njengam;

18 Ukubulaleka okwenza isiqu sam, nkqu Thixo, onguyena mkhulu wabo bonke, angcangcazele ngenxa yentlungu, kwaye ophe kwiintunja zonke, kwaye, abulaleke kunye emzimbeni nasemoyeni—kwaye ndibe andiyi kuyisela indebe ekrakra, ndize ndirhwaqele—

19 Nangona kunjalo, uzuko malube kuBawo, kwaye ndasela ndaze ndalugqiba ulungiselelo lwam ebantwaneni babantu.

20 Ngako oko, ndiniyalela kwakhona ukuba niguquke, hleze ndinithobe ngamandla am onke; nokokuba nivume izono zenu, hleze nive iintlungu ngezi zohlwayo endithe ndazithetha, ezizezona zincinane, ewe, nkqu nezikwelona lincinane iqondo nizingcamle ngexesha endarhoxisa uMoya wam.

21 Kwaye ndiniyalela ukuba ningashumayeli nto kodwa inguquko, kwaye ningabonisi ezi zinto ehlabathini kude ibe bubulumko obukum.

22 Kuba abanako ukuthwala inyama ngoku, kodwa bamele ukufumana amasi; ngako oko, bamele ukungazazi ezi zinto, hleze batshabalale.

23 Fundani kum, kwaye nimamele amazwi am; hambani kubulali boMoya wam, kwaye niya kuba noxolo kum.

24 NdinguYesu Krestu; ndize ngokwentando kaBawo, kwaye ndenza intando yakhe.

25 Kwaye kwakhona, ndikuyalela okokuba uze ungamnqweneli umfazi wommelwane wakho; nakufuna ubomi bommelwane wakho.

26 Kwaye kwakhona, ndikuyalela okokuba uze unganqweneli izinto ezizezakho, kodwa zigqithisele ngokukhululekileyo ekushicilelweni kweNcwadi kaMormoni, equlathe inyaniso nelizwi likaThixo—

27 Eli lizwi lam kwabeeNtlanga, eya kuthi kamsinyane ibe iya kumaYuda, amaLeymenayithi ayintsalela yawo, okokuba abe nokukholelwa yivangeli, kwaye angakhangeli uMesiya ozayo osele ezile.

28 Kwaye kwakhona, ndikuyalela ukuba uze uthandaze ngelizwi elivakalayo ngokunjalo nasentliziyweni yakho; ewe, phambi kwehlabathi ngokunjalo nasemfihlakalweni, esidlangalaleni ngokunjalo nangasese.

29 Kwaye uze ubhengeze iindaba zovuyo, ewe, zipapashe phezu kweentaba, naphezu kweendawo eziphakamileyo zonke, naphakathi kwabantu bonke abaya kuvunyelwa ukuba babone.

30 Kwaye uya kukwenza oku ngentobeko yonke, uthembele kum, unganyelisi ngokuchasene nabanyelisi.

31 Kwaye okwemfundiso uze ungakuthethi, kodwa uze ubhengeze inguquko nokholo kuMsindisi, noxolelo lwezono ngobhaptizo, nangomlilo, ewe, nkqu uMoya oyiNgcwele.

32 Qaphela, lo ngumyalelo omkhulu nowokugqibela endiya kuwunika wena ngokunxulumene nalo mba; kuba oku kuya konelisa uhambo lwemihla ngemihla, nkqu ukuya ekupheleni kobomi bakho.

33 Kwaye uya kufumana inkxwaleko ukuba uya kuzidelela ezi ngcebiso, ewe, nkqu intshabalalo yesiqu sakho neento zakho.

34 Yabelana ngenxalenye yezinto zakho, ewe, nkqu inxalenye yemihlaba yakho, nangako konke ngaphandle kwenkxaso yosapho lwakho.

35 Hlawula ityala wena ovumelene ngalo nomshicileli. Zikhulule ebukhobokeni.

36 Shiya indlu yakho nekhaya, ngaphandle kokuba kuxa wena uya kunqwenela ukubona usapho lwakho;

37 Kwaye thetha ngokukhululekileyo kubo bonke; ewe, shumayela, cebisa, bhengeza inyaniso, nkqu ngelizwi elikhwazayo, ngesandi esigcobayo, udanduluka—Hosana, hosana, lisikelelwe igama leNkosi uThixo!

38 Thandaza rhoqo, kwaye ndiya kuthululela uMoya wam phezu kwakho, kwaye iya kuba nkulu intsikelelo yakho—ewe, nkqu ibe ngakumbi kunokuba uya kuzuza ubutyebi bomhlaba nokonakala okungako kwawo.

39 Qaphela, wena unakona ukufunda oku ngaphandle kokugcoba kwaye uphakamisele phezulu intliziyo yakho eluvuyweni?

40 Okanye wena unakona ukubaleka kangangesithuba esingakumbi njengoko ukhokelwe yimfama?

41 Okanye wena unako na ukuthobeka unobulali, kwaye uphathe isiqu sakho ngobulumko phambi kwam? Ewe, yiza kum uMsindisi wakho. Amen.