Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 50


Icandelo 50

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Meyi 9, 1831. Imbali kaJoseph Smith ixela okokuba abathile babadala babengakuqondi ukuzibonakalisa koomoya abahlukileyo ngaphesheya emhlabeni nokokuba esi sityhilelo sanikwa ekuphenduleni umbuzo wakhe okhethekileyo kulo mba. Usinga moya omkhulukazi wawuqhelekile phakathi kwamalungu, athile awo ayebanga ukuba afumana imibono nezityhilelo.

1–5, Oomoya bobuxoki abaninzi bangapha nangapha emhlabeni; 6–9, Yeha kubahanahanisi nabo bakhutshelwe ngaphandle eBandleni; 10–14, Abadala bamele ukushumayela ivangeli ngoMoya; 15–22, Kunye abashumayeli nabamameli kufuneka bahlaziywe ngoMoya; 23–25, Oko kungathanga kuhlaziywe asikuko okukaThixo; 26–28, Abathembekileyo ngabanini bezinto zonke; 29–36, Imithandazo yabahlanjululweyo iyaphendulwa; 37–46, UKrestu nguMalusi oLungileyo neLitye likaSirayeli.

1 Phulaphulani, Owu badala bebandla lam, nize ninike indlebe elizwini loThixo ophilileyo; kwaye nilungiselele amazwi obulumko aya kunikwa nina, ngokunxulumene njengoko nithe nacela naze navuma njengokokuchukumisa ibandla, nomoya abathe baya ngaphesheya emhlabeni.

2 Qaphelani, inene ndithi kuni, okokuba baninzi oomoya aabangoomoya abangcolileyo, abathe beza ngaphambili emhlabeni, bekholisa ihlabathi.

3 Kananjalo auSathana ufune ukukhohlisa, ukuze abenokunibhukuqa.

4 Qaphelani, mna, iNkosi, ndijonge phezu kwenu, ndaza ndabona amasikizi ebandleni aelibhengeza igama lam.

5 Kodwa basikelelekile abo bathembekileyo baze abanyamezele, nokokuba kusebomini okanye ekufeni, kuba baya kufumana ilifa lobomi obungunaphakade.

6 Kodwa yeha kwabo abangabakhohlisi nabahanahanisi, kuba, itsho njalo iNkosi, ndiya kubazisa emgwebeni.

7 Qaphelani, inene ndithi kuni, kukho aabahanahanisi phakathi kwenu, abakhohlise abathile, abanike butshaba camandla; kodwa qaphelani dabanjalo baya kubangwa kwakhona;

8 Kodwa abahanahanisi baya kufunyanwa baze abakhutshwelwe ngaphandle, nokokuba kusebomini okanye ekufeni, nkqu njengoko ndiya kwenza; kwaye yeha kwabo bakhutshelwe ngaphandle ebandleni lam, kuba abanjalo boyiswa lihlabathi.

9 Ngako oko, vumelani wonke umntu alumke hleze enze oko kungeyonyaniso nobulungisa phambi kwam.

10 Kwaye ngoku yizani, ngoMoya, itsho iNkosi, kubadala bebandla layo, kwaye amasiqondisane kunye, ukuze nibe nokuqonda;

11 Masiqondisane nkqu njengomntu eqondisana omnye nomnye ubuso ngobuso.

12 Ngoku, xa umntu eqondisisa uyaqondwa ngabantu, ngenxa yokuba uqondisisa njengomntu; nkqu kunjalo mna, iNkosi, ndiya kuqondisisana nani ukuze nibe anokuqonda.

13 Ngako oko, mna iNkosi ndimbuza lo mbuzo—ananimiselwe entweni?

14 Ekushumayeleni ivangeli yam angoMoya, nkqu bngoMonwabisi owathunyelwa ngaphambili ekufundiseni inyaniso.

15 Kwaye ngoko nifumene aoomoya eningenako ukubaqonda, nize nibamkele ngokungathi ngabakaThixo; kwaye kuko oku ingaba nilungisile?

16 Qaphelani niza kuwuphendula lo mbuzo ngokwenu; nangona kunjalo, ndiya kuba nenceba kuni; lowo ubuthathaka phakathi kwenu ngoku nakwixesha elizayo uya kwenziwa aomelele.

17 Inene ndithi kuni, lowo umiselwe ndim waza wathunyelwa ngaphambili aye akushumayela ilizwi lenyaniso ngoMonwabisi, ekuMoya wenyaniso, lowo ulishumayela bngoMoya wenyaniso okanye ngenye indlela?

18 Kwaye ukuba ke kungenye indlela ethile ayiyiyo ekaThixo.

19 Kwaye kwakhona, lowo wamkela ilizwi lenyaniso, ingaba ulamkela ngoMoya wenyaniso okanye ngenye indlela ethile?

20 Ukuba kungenye indlela ethile ayiyiyo ekaThixo.

21 Ke ngoko, kutheni okokuba ningabi nako ukuqonda nokwazi, okokuba lowo wamkela ilizwi ngoMoya wenyaniso ulamkela njengoko lishunyayelwa nguMoya wenyaniso?

22 Ngako oko, lowo ushumayelayo nalowo wamkelayo, bayaqondana omnye nomye, kwaye bobabini baya akuhlaziyeka baze bbagcobe kunye.

23 Kwaye oko kungahlaziyiyo asikuko okukaThixo, kwaye akububumnyama.

24 Oko kukokukaThixo akukukhanya; kwaye lowo wamkela ukukhanya, aze bbaqhubekeke kuThixo, wamkela cukukhanya okungakumbi; kwaye oko kukhanya kuya kuqaqamba ngakumbi nangakumbi kude kube ngumhla ogqibeleleyo.

25 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, kwaye ndikutsho ukuze nibe nokuyazi ainyaniso, ukuze nibe nokususa ubumnyama okuvela phakathi kwenu;

26 Lowo umiselwe nguThixo waza wathunyelwa ngaphambili, onjalo unyulelwe ukuba angoyena mkhulu, nangona lowo engoyena mncinane kwaye busisicaka sabo bonke.

27 Ngako oko, aungumnini wento zonke; kuba zonke izinto ziphantsi kwakhe, kunye ezulwini nasemhlabeni, ubomi nokukhanya, uMoya bnamandla, zithunyelwe ngaphambili ngentando kaBawo ngoYesu Krestu, uNyana wakhe.

28 Kodwa akukho mntu ungumnini wento zonke ngaphandle kokuba lowo auhlanjululwe waza bwacocwa kuso sonke isono.

29 Kwaye ukuba nihlanjululwe naza nacocwa kuso sonke isono, niya akucela nantonina eniya kuyifuna egameni likaYesu kwaye iya kwenziwa.

30 Kodwa yazini oku, niya kunikwa oko niya kukucela; kwaye njengokuba nonyulwe aentloko, oomoya baya kuba phantsi kwenu.

31 Ngako oko, kuya kwenzeka, okokuba xa niqaphela aumoya obonakaliswayo eningenako ukuwuqonda, nize ningamkeli loo moya, niya kubuza kuBawo egameni likaYesu; aze ukuba akaniniki loo moya, ngoko ke niya kuba nokwazi ukuba akanguwo okaThixo.

32 Kwaye niya kunikwa, aamandla ngaphezu kwaloo moya; kwaye niya kubhengeza ngokuchasene naloo moya ngelizwi elikhwazayo okokuba akanguwo okaThixo—

33 Ningenakumelana anomgwebo wakunyelisa, ukuze ningoyiswa, bnangakuzigwagwisa okanye ukugcoba, hleze nibanjwe apho kunye.

34 Lowo wamkela okukaThixo, makakwenzele ingxelo okukaThixo; kwaye makagcobe kuba ubalelwe kuThixo ukuba kufanelekile ukumamkela.

35 Kwaye ngokunika inyameko nokwenza ezi zinto nizamkeleyo, nezo niya kuzamkela ngoku nakwixesha elizayo—kwaye aubukumkani bukaBawo nibunikwe, bnamandla okoyisa zonke izinto ezingamiselwanga nguye—

36 Kwaye qaphelani, inene ndithi kuni, nisikelelekile nina ngoku nimamele la mazwi am avela emlonyeni wesicaka sam, kuba izono zenu azixolelwe.

37 Vumelani isicaka sam uJoseph Wakefield, kuso endikholisiweyo, nesicaka sam auParley P. Pratt baye ngaphambili phakathi kwamabandla baze bawomeleze ngelizwi blemvuselelo;

38 Kananjalo isicaka sam uJohn Corrill, okanye njengabaninzi bezicaka zam eziya kumiselwa kule ofisi, nize nizivumele zisebenze aesidiliyeni; kwaye ningavumeli mntu abaphazamise ekwenzeni oko ndibonyulele kona—

39 Ngako oko, kule nto isicaka sam auEdward Partridge akalungisanga; nangona kunjalo mvumeleni aguquke kwaye uya kuxolelwa.

40 Qaphelani, ningabantwana abancinane kwaye aninako aukuthwala zonke izinto ngoku; nimele bukukhula celubabalweni nakulwazi dlwenyaniso.

41 aNingoyiki, bbantwana abancinane, kuba ningabam, ndaye cndiloyisile ihlabathi, kwaye ningababanye babo uBawo dowabanika mna;

42 Kwaye akakho namnye owabo uBawo abanike mna oya akulahleka.

43 Kwaye uBawo nam asibanye. NdikuBawo kwaye uBawo ukum; kwaye njengokuba nindamkele, nikum kwaye nam ndikuni.

44 Ngako oko, ndiphakathi kwenu, kwaye andingumalusi olungileyo, bnelitye likaSirayeli. Lowo wakhela phezu kolu clwalwa dakasayi kuwa.

45 Kwaye umhla uyeza eniya kuva ilizwi lam nize anindibone, nize nazi ukuba ndim.

46 aLindani, ke ngoko, ukuze nibe bnihleli nizilungiselele. Nkqu kunjalo. Amen.