Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 7


Icandelo 7

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti no-Oliver Cowdery, eHarmony, ePennsylvania, Aprili 1829, xa ba buzayo ngeYurim neTumim okokuba uYohane oyiNtanda, umfundi obethandwa, okokuba usahleli enyameni okanye wafa. Isityhilelo siyimbonakalo yoguqulelo lwembali eyenziwe kwizintsu ezibhalwe nguYohane waza wazifihla ngokwakhe.

1–3, UYohane oyiNtanda uya kuphila ide iNkosi ibuye; 4–8, UPetros, uYakobi, noYohane baphethe izitshixo zevangeli.

1 Kwaye iNkosi yathi kum: aYohane, ntandane yam, bunqwenela ntoni? Kuba xa uya kucela oya kuba kuko, uya kunikwa.

2 Kwaye ndathi kuyo: Nkosi, ndinike amandla phezu akokufa, wokokuba ndibe nokuphila ndize ndizise imiphefumlo kuwe.

3 Kwaye iNkosi yathi kum: Inene, inene, ndithi kuwe, ngenxa yokuba wena unqwenele oku wena uya akuhlala ndide ndibuye beluzukweni kwam, kwaye uya ckuprofetha phambi kwezizwe, izalamane, iilwimi nabantu.

4 Kwaye ngenxa yesi sizathu iNkosi yathi kuPetros: Ukuba ndiya kukwenza okokuba uhlale ndide ndibuye, kuyintoni na oko kuwe? Kuba unqwenele okukokwam okokuba ube nokuzisa imiphefumlo kum, kodwa wena unqwenele oko wena unga unganqwenela ukuza ngokukhawuleza aebukumkanini bam.

5 Ndithi kuwe, Petros, lo ibe ngumnqweno olungileyo; kodwa ntandane yam unqwenele oko ubuno kwenza ngokungakumbi, okanye umsebenzi kunjalo othe kratya phakathi kwabantu kunalowo uwenzileyo ngaphambili.

6 Ewe, wenze umsebenzi omkhulu ngakumbi; ke ngoko ndiya kumenza njengomlilo ovuthayo anolungiselelo lwengelosi; uya kufundisa kwabo baye kuba bziindlalifa zosindiso abahleli cemhlabeni.

7 Kwaye ndiya kukwenza ufundisele wena kwaye nomntakwenu uYakobi; kwaye kuni bathathu ndiya kuninika la mandla anezitshixo zobu bufundisi ndide ndibuye.

8 Inene ndithi kuwe, niya kufumana nobabini ngokunxulumene neminqweno yenu, kuba nobabini aninovuyo koko nikunqweneleyo.