Icandelo 74
Isityhilelo esinikwe uJoseph Smith uMprofeti, eWayne Khawunti eNew York, ngowe-1830. Nangaphambi kokusekwa kweBandla, imibuzo yathi yavela malunga nokwenza ubhaptizo olufanelekileyo, ikhokelela uMprofeti ekubeni afune iimpendulo kulo mcimbi. Imbali kaJoseph Smith ichaza ukuba esi sityhilelo siyinkcazelo IÂ kwabaseKorinte 7:14; isibhalo esingcwele ebesisetyenziswa rhoqo ekuthetheleleni ubhaptizo lweentsana.
1–5, UPawulos ucebisa iBandla lemihla yakhe lingagcini umthetho kaMoses; 6–7, Abantwana abancinane bangcwele kwaye bangcwaliswe ngeNtlawulelo.
1 Kuba aindoda engakholiweyo ingcwalisiwe nguye umfazi, nomfazi ongakholiweyo ungcwalisiwe yindoda; okanye abantwana benu ngebeba baziinqambi; kungoku ke bangcwele.
2 Ngoku, ngemihla yabapostile umthetho wolwaluko wawukho phakathi kwamaYuda onke angakholelwayo yivangeli kaYesu Krestu.
3 Kwaye kwenzekile okokuba apho kuvela aimbambano enkulu phakathi kwabantu ngokunxulumene nomthetho bwolwaluko, kuba indoda engakholelwayo yayinqwenela okokuba abantwana bayo babe nokwaluka baze babe nokululamela cumthetho kaMoses, mthetho lowo wawuzalisekisiwe.
4 Kwaye kwenzekile okokuba abantwana, bekhuliselwe kululamelo lomthetho kaMoses, banika inyameko akwizithethe zooyise kwaye abakholelwa kwivangeli kaKrestu, kuyo baba ngabangangcwelanga.
5 Ngako oko, ngale njongo umpostile wabhalela ibandla, elinika umyalelo, ingenguwo oweNkosi, ingowakhe, okokuba ikholwa lingabi anokuzimanya kongakholwayo; ngaphandle kokuba bumthetho kaMoses abawenzi phakathi kwabo,
6 Ukuze abantwana babo babe nokuhlala ngaphandle kolwaluko; nokokuba isithethe sibe abasenzi, oko kuthetha ukuba abantwana baziinqambi; kuba kwakukho phakathi kwamaYuda;
7 Kodwa aabantwana abancinane bbangcwele, cbengcwalisiwe dngentlawulelo kaYesu Krestu; kwaye oku koko kuthethwa zizibhalo.