Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 14


Icandelo 14

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuDavid Whitmer, eFayette, eNew York, Juni 1829. Usapho lakwaWhitmer lwalunomdla kakhulu kuguqulelo lweNcwadi kaMormoni. UMprofeti waseka indawo yokuhlala kwikhaya likaPeter Whitmer Omkhulu, apho wahlala khona wade umsebenzi woguqulelo waya ekugqityweni laze ilungelo lokopo lwencwadi eza ngaphambili lakhuselwa. Abathathu boonyana bakaWhitmer, ngamnye ethe wafumana ubungqina njengokuqiniseka komsebenzi, elowo ethe waba nokuzixhalisa nzulu phezu komba wemfanelo yabo. Esi sityhilelo nezimbini ezilandelayo (icandelo 15 nele 16) zanikwa kuphendulwa umbuzo ngeYurim neTumim. UDavid Whitmer ethubeni waba lelinye lamaNgqina amaThathu eNcwadi kaMormoni.

1–6, Abasebenzi esidiliyeni baya kuzuza usindiso; 7–8, Ubomi obungunaphakade sesona sipho sikhulu sikaThixo; 9–11, UKrestu wadala amazulu nomhlaba.

1 Umsebenzi aomkhulu nomangalisayo sele kukufutshane ukuba uze ngaphambili ebantwaneni babantu.

2 Qaphela, ndinguThixo; nika inyameko elizwini lam, elikhawulezayo nelinamandla, elibukhali kunekrele elintlangothi-mbini, elohlula phakathi zombini amalungu nomongo; ke ngoko nika inyameko elizwini lam.

3 Qaphela, intsimi ivuthiwe ilungele ukuvunwa; ke ngoko, nabani na onqwenela ukuvuna makaphose irhengqe yakhe ngamandlakazi akhe, aze avune ngeli thuba imini isekho, ukuze agcinele phezulu umphefumlo wakhe usindiso lwanaphakade ebukumkanini bukaThixo.

4 Ewe, nabani na oya kuphosa irhengqe yakhe aze avune, onjalo ubizwe nguThixo.

5 Ke ngoko, ukuba uya kucela kum uya kufumana; ukuba uya kunkqonkqoza uya kuvulelwa.

6 Funa ukuzisa ngaphambili nokuseka iZiyon yam. Gcina imiyalelo yam ezintweni zonke.

7 Kwaye, ukuba augcina imiyalelo yam uze bunyamezele kuye esiphelweni uya kuba cnobomi obungunaphakade, esona sipho sikhulu sazo zonke izipho zikaThixo.

8 Kwaye kuya kwenzeka, okokuba uya kucela kuBawo egameni lam, ngokholo ukholelwa, uya kufumana auMoya oyiNgcwele, onika intetho, uze ube nokuma bnjengengqina lezinto zoko uya ckukuva kwaye ukubone, kananjalo uze ube nokubhengeza inguquko kuso esi sizukulwana.

9 Qaphela, andinguYesu Krestu, buNyana ckaThixo ophilayo, dowadala amazulu enomhlaba, fukukhanya okungenako ukufihlwa gebumnyameni;

10 Ngako oko, ndimele ukuzisa ngaphambili aivangeli yam epheleleyo ivela bkwabeeNtlanga isiya kwindlu kaSirayeli.

11 Kwaye qaphela, wena David kwaye wena ubizelwe ukuncedisa; into leyo ukuba uyayenza, kwaye uthembekile, uya kusikelelwa kunye emoyeni nasenyameni, kwaye uya kuba mkhulu umvuzo wakho. Amen.