Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 47


Icandelo 47

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Matshi 8, 1831. UJohn Whitmer, obesele esebenze njengonobhala woMprofeti, ekuqaleni wathandabuza xa wacelelwa asebenze njengombhali-mbali weBandla nomrekhodi, athathe indawo kaOliver Cowdery. Wabhala, “Ndinga andingekwenzi oku kodwa ndiqwalasele ukuba intando yeNkosi mayenziwe, nokuba ifuna oku, ndinqwenela iyibonise ngoJoseph iMboni.” Emva koko uJoseph Smith wafumana esi sityhilelo, uJohn Whitmer wavuma waza wasebenza kwiofisi yakhe ayonyulelweyo.

1–4, UJohn Whitmer wonyulelwa ukugcina imbali yeBandla nokubhalela uMprofeti.

1 Qaphela, kufanelekile kum okokuba isicaka sam uJohn abhale aze agcine aimbali esisigxina, kwaye akuncedise, sicaka sam Joseph, ekukhupheleni zonke izinto eziya kunikwa wena, ade abe ubizelwe eminye imisebenzi.

2 Kwakhona, inene ndithi kuwe okokuba unako kanjalo ukuphakamisa ilizwi lakhe ezintlanganisweni, naninina kuya kufaneleka.

3 Kwaye kwakhona, ndithi kuwe okokuba kuya konyulelwa kuye ukugcina ingxelo nembali yebandla ngokuqhubekekayo; kuba uOliver Cowdery ndimonyulele kwenye iofisi.

4 Ngako oko, kuya kunikwa kuye, njengokuba eya kuthembeka, anguMonwabisi, abhale ezi zinto. Nkqu kunjalo. Amen.