Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 85


Icandelo 85

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Novemba 27, 1832. Eli candelo sisicatshulwa esivela kwileta yoMprofeti isiya kuWilliam W. Phelps, owayehlala eIndependence, eMissouri. Iphendula imibuzo ngabo baNgcwele ababefudukele eZiyon kodwa babengathi balandele imiyalelo yongcwaliso lweepropathi zabo kwaye bathi ngoko abawafumana amafa abo ngokunxulumene nomyalelo omiswe eBandleni.

1–5, Amafa eZiyon amele ukufunyanwa ngongcwaliso; 6–12, Onamandlakazi nowomeleleyo uya kunika abaNgcwele amafa abo eZiyon.

1 Kungumsebenzi kanobhala weNkosi, lowo amonyulileyo, ukugcina imbali, anerekhodi zezinto zonke zebandla jikelele ezenzeka eZiyon, nazo zonke ezizezo bzabangcwalisa iipropathi, baze bafumane amafa kubhishophu ngokusemthethweni;

2 Kananjalo nohlobo lobomi babo, ukholo lwabo, nemisebenzi; nokwabakreqi kanjalo abakreqe emva kokufumana amafa abo.

3 Kuchasene nentando nomyalelo kaThixo okokuba abo bangafumani lifa labo angongcwaliso, kuvumelane nomthetho wakhe, awunikileyo, ukuze abe bnokunikela izishumi abantu bakhe, abalungiselele ngokuchasene nemini cyempindezelo nevuthayo, bamele ukuba namagama abo abhaliswe kunye nabantu bakaThixo.

4 Nakungagcini mbali yabo ngokomlibo, okanye nokungabi nalwazi apho inokufunyanwa khona nakuzo naziphina iirekhodi okanye imbali yebandla.

5 Amagama abo akayi kufunywana, ingengawo amagama ootata, namagama abantantwana ebhaliwe akwincwadi yomthetho kaThixo, itsho iNkosi yemiKhosi.

6 Ewe, litsho njalo ailizwi elizolileyo elincinane, elisebezayo kwaye blihlaba ngqo kuzo zonke izinto, kwaye amaxesha amaninzi lenza amathambo angcangcazele ngelixa lenza kubonakale, lisithi:

7 Kwaye kuya kwenzeka ukuba mna, iNkosi uThixo, ndiya kuthumela onamandlakazi nowomeleleyo, ephethe intonga yamandla esandleni sakhe, embathiswe ngokukhanya njengesigqumathelo, omlomo wakhe uya kuthetha amazwi, amazwi anaphakade; ngelixa izibilini zakhe ziya kuba ngumthombo wenyaniso, enze ngocwangco indlu kaThixo, nokulungelelanisa amafa onke abangcwele, abamagama abo afunyenweyo, namagama oyise babo, nawabantwana babo, abhaliswe encwadini yomthetho kaThixo;

8 Ngelixa loo ndoda, yayibizwe nguThixo kwaye yonyulwa, eyabeka ngaphambili isandla sayo ukuqinisa aityeya kaThixo, iya kuwa ngaselutolweni lokufa, njengomthi obethwe ngetolo eliqaqambileyo lombane.

9 Kwaye bonke abo bangafunyanwanga bebhaliwe akwincwadi yenkumbulo abayi kufumana lifa ngaloo mini, kodwa baya kusikwa ngokungathi kukohlukana kubini, kwaye isabelo sabo siya kunikwa bona phakathi kwabangakholwayo, apho kukho bisijwili nokutshixiza kwamazinyo.

10 Ezi zinto andizithetheli ngokwam; ke ngoko, njengoko iNkosi ithetha, iya kuzaliseka njalo.

11 Kwaye abo bangaboBubingeleli obuKhulu, abamagama abo angafunyanwanga ebhaliwe aencwadini yomthetho, okanye afunyanwa bekreqile, okanye cesikelwe ngaphandle ebandleni, kwanjengabo bobubingeleli obunganeno, okanye amalungu, ngaloo mini abayi kufumana lifa phakathi kwabangcwele boseNyangweni;

12 Ke ngoko, kuya kwenziwa kubo njengakubantwana bombingeleli, njengoko kuya kufunyanwa kubhaliwe kwisahluko sesibini kwivesi zamashumi amathandathu ananye neyamashumi amathandathu anesibini sikaEzra.