Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 46


Icandelo 46

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya eBandleni, eKirtland, eOhio, Matshi 8, 1831. Kweli xesha laliselitsha leBandla, umfuziselo omanyeneyo wokulawula iinkqubo zeBandla wawungekathi wenziwe. Nangona kunjalo, isithethe sokwamkela kuphela amalungu nabandwendweli abanyanisekileyo kwindibano zomthendeleko nezinye iindibano zeBandla zathi noko zanokufana jikelele. Esi sityhilelo sibonisa intando yeNkosi ngokunxululumene nokulawula nokuqhuba iindibano nesikhokelo Sakhe ekufuneni nasekucaluleni iziphiwo zoMoya.

1–2, Abadala bamele ukuqhuba iindibano njengoko bakhokelwa nguMoya oyiNgcwele; 3–6, Abafuni benyaniso abamelanga ukukhethelwa ngaphandle kwiinkqubo zomthendeleko; 7–12, Celani kuThixo nize nifune izipho zoMoya; 13–26, Uluhlu lwezinye lwezi zipho lunikiwe; 27–33, Iinkokeli zeBandla zinikwe amandla okucalula izipho zoMoya.

1 Phulaphulani, Owu nina bantu bebandla lam, kuba inene ndithi kuni okokuba ezi zinto zathethwa kuni aukuninceda nokufunda.

2 Kodwa nangona ezo zinto zibhaliweyo, kusoloko kunikwa aabadala bebandla lam ukususela kwasekuqaleni, kwaye kuya kusoloko kunjalo, bukuqhuba zonke iindibano njengoko belawulwa kwaye bekhokelwa nguMoya oyiNgcwele.

3 Nangona kunjalo niyayalelwa ningaze anikhuphele namnye ngaphandle kwiindibano zenu zesidlangalala, ezibanjwa phambi kwehlabathi.

4 Niyayalelwa kanjalo ningakhupheli namnye ngaphandle aongowebandla kwiindibano zenu zomthendeleko; nangona kunjalo, ukuba kukho owonayo, bmakangathabathi atye ade abe wenze uxolelwaniso.

5 Kwaye kwakhona ndithi kuni, anisayi kukhuphela namnye ngaphandle kwiindibano zenu zomthendeleko abafuna ngenzondelelo ubukumkani—ndithetha oku ngokunxulumene nabo bangengabo abebandla.

6 Kwaye kwakhona ndithi kuni, ngokunxulumene neendibano zenu azoqiniso, ukuba ngaba kukho nabani na abangengabo abebandla, abafuna ngenzondelelo ubukumkani, aniyi kuba khuphela ngaphandle.

7 Kodwa niyayalelwa kuzo zonke aizinto nicele kuThixo, onika engenakumbi; kwaye noko uMoya ukungqinayo kuni nkqu kunjalo ndinga ningenza kubo bonke bubungcwele bentliziyo, nihamba ngokuthe mbo phambi kwam, cnicingela isiphelo sosindiso lwenu, nisenza zonke izinto ngomthandazo dnombulelo, ukuze eningalahlekiswa ngoomoya abangcolileyo okanye iimfundiso fzoomtyholi, okanye gimiyalelo yabantu; kuba ezinye zezabantu, kwaye ezinye zezoomtyholi.

8 Ngako oko, lumkani hleze nikhohliswe, nokokuba nibe aninakukhohliswa afunani ngenzondelelo ezona zipho, nisoloko nikhumbula oko nikunikiweyo;

9 Kuba inene ndithi kuni, zinikelwa ukunceda abo bathanda mna baze bagcine yonke imiyalelo yam, nalowo ufuna ukwenza njalo; ukuze bonke babe nokuncedakala abo bafunayo okanye bacela kum, abacelayo kwaye ingabi akokomqondiso ukuze babe bnokuzichithela ezinkanukweni zabo.

10 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, ndinga ningasoloko nikhumbula, kwaye nisoloko nigcine aezingqondweni zenu oko ezo bzipho zikuko, okokuba zinikwe ibandla.

11 Kuba bonke abanazo zonke izipho ezinikwe bona; kuba izipho ezininzi, kwaye awonke umntu unikwe isipho ngoMoya kaThixo.

12 Kwabathile kunikwe esinye, nakwabathile kunikwe esinye, ukuze zonke zibe nokuncedisana.

13 Kwabanye sinikwe ngoMoya oyiNgcwele aukwazi okokuba uYesu Krestu nguNyana kaThixo, nokokuba wabethelelelwa izono zehlabathi.

14 Kwabanye sinekelwe aukukholelwa emazwini abo, okokuba banako kanjalo ukuba nobomi obungunaphakade ukuba baqhubekeka bethembekile.

15 Kwaye kwakhona, kwabathile sinikwe ngoMoya oyiNgcwele ukwazi aiindlela ezingafaniyo zolungiselelo, njengoko kuya kukholiseka kwa kuyo iNkosi, ngokunxulumene njengoko iNkosi iya kuthanda, okufanele iinceba zayo ngokunxulumene kwiimeko zabantwana babantu.

16 Kwaye kwakhona, sinikwe ngoMoya oyiNgcwele kwabanye ekwazini iindlela ezininzi zokuwusebenzisa, nokokuba zezikaThixo, ukuze ukubonakaliswa koMoya kube nokunikwa kubo bonke abantu bancedakale ngawo.

17 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, kwabathile sinikwe, ngoMoya kaThixo, ailizwi lobulumko.

18 Komnye sinikwe ngelizwi alolwazi, ukuze bonke babe nokufundiswa ukulumka nokuba nolwazi.

19 Kwaye kwakhona, kwabathile sinikelwe ukuba anokholo ukuze baphile;

20 Kwaye kwabanye sinikelwe ukuba nokholo alokuphilisa.

21 Kwaye kwakhona, kwabathile sinikelwe ukusebenza akwemimangaliso;

22 Kwaye kwabanye sinikelwe aukuprofetha;

23 Kwaye kwabanye sinikelwe aukucalula komoya.

24 Kwaye kwakhona, sinikelwe kwabathile bathethe angeelwimi;

25 Kwaye komnye sinikelwe ukutolika iilwimi.

26 Kwaye zonke ezi azipho zivela kuThixo, ukunceda babantwana bakaThixo.

27 Kwaye akubhishophu webandla, nakwabanjalo njengoko uThixo aya konyula aze abamisele ekulunguzeni phezu kwebandla baze babe ngabadala ebandleni, bafanele ukusifumana sinikwe bona bbanakane zonke ezoo zipho hleze kube kuya kubakho nabani na phakathi kwenu ozisebenzisayo kwaye abe akanguye okaThixo.

28 Kwaye kuya kwenzeka okokuba lowo ucela aeseMoyeni uya kufumana kuMoya;

29 Kuba kwabathile sinokunikelwa ukuba nazo zonke izipho, ukuze kube nokubakho kwentloko, ukuze ngoko onke amalungu abe nokuncedakala yiloo nto.

30 Lowo aucela beseMoyeni ecela ngokunxulumene cnentando kaThixo; ngako oko kuyenzeka nkqu njengoko ecela.

31 Kwaye kwakhona, ndithi kuni, zonke izinto zimele ukwenziwa egameni likaKrestu, nantoni na eniyenza kuMoya;

32 Kwaye nimele ukunika aumbulelo kuThixo nikuMoya ngayo nayiphi na intsikelelo enisikelelwe ngayo.

33 Kwaye nimele ukwenza aisidima bnobungcwele njalo niqhubekeka phambi kwam. Nkqu kunjalo. Amen.