Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 60


Icandelo 60

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eIndependence, eJackson Khawunti, eMissouri, Agasti 8, 1831. Kwesi sehlo abadala ababehambe ukuya eJackson Khawunti ababethathe inxaxheba kubingelelo lomhlaba nesiza setempile banqwenela ukwazi okokuba mabenze ntoni.

1–9, Abadala bamele ukushumayela ivangeli kwiintlanga zabakhohlakeleyo; 10–14, Abamele ukulichitha ngobuvila ixesha labo, nakungcwaba iitalente zabo; 15–17, Banokuhlamba iinyawo zabo njengobungqina ngokuchasene nabo baya kuyala ivangeli.

1 Qaphelani, itsho njalo iNkosi kuni badala beli bandla, abamele ukubuyela ngokukhawuleza emhlabeni ababevela kuwo: Qaphelani, kuyandikholisa, okokuba nize apha;

2 Kodwa ngabathile andikholisekanga, kuba abathanga bayivula aimilomo yabo, kodwa bbafihla italente endibanike yona, ngenxa cyokoyika abantu. Yeha kwabanjalo, kuba umsindo wam uphenjelelwe ngokuchasene nabo.

3 Kwaye kuya kwenzeka, ukuba abathembekanga ngakumbi kum, kuya akuhluthwa, nkqu oko banako.

4 Kuba, mna, iNkosi, ndilawula emazulwini ngentla, naphakathi akwemikhosi yomhlaba; nakwimini xa ndiya kwenza bamatye anqabileyo, bonke abantu baya kwazi ukuba kuyintoni na oko kubonisa amandla kaThixo.

5 Kodwa, inene, ndiya kuthetha nani ngokunxulumene nohambo lwenu oluya kumhlaba enivela kuwo. Makubekho izinto ezenziwe ngezandla, okanye ezithengiweyo, njengoko kulungele nina, akunamsebenzi kum, kwaye thabathani uhambo lwenu ngokukhawuleza ukuya kwindawo ebizwa ngokuba yiSt. Louis.

6 Kwaye ukusuka apho vumelani izicaka zam, uSidney Rigdon, uJoseph Smith, Omnci., no-Oliver Cowdery bathabathe uhambo lwabo oluya eCincinnati;

7 Kwaye kule ndawo bavumeleni baphakamise amazwi abo baze babhengeze ilizwi lam ngamazwi amakhulu, angenamsindo nakuthandabuza, baphakamise izandla zabo ezingcwele phezu kwabo. Kuba ndinako ukunenza angcwele, kwaye izono zenu bzixolelwe.

8 Kwaye vumelani intsalela ithabathe uhambo lwayo ukusuka eSt. Louis, ngababini ngababini, ize ishumayele ilizwi, ingangxamanga, phakathi kweentlangano zabakhohlakeleyo, bade babuyele emabandleni ababesuka kuwo.

9 Kwaye konke oku kube kokokulungiselela kwamabandla; kuba ndabathumelela esi sizathu.

10 Kwaye vumelani isicaka sam auEdward Partridge anike inxenye yemali endimnike yona, abadala bam abayalelwe ukuba babuye;

11 Kwaye lowo unako, mvumeleni ayibuyise ngendlela yearhente; kwaye lowo ungenako, kuye ayifuneki.

12 Kwaye ngoku ndithetha ngentsalela emayize kulo mhlaba.

13 Qaphelani, bathunyelwe ukushumayela ivangeli yam phakathi kweentlangano zabakhohlakeleyo; ngako oko, ndibanika umyalelo, othi: Nize ningalichithi angobuvila ixesha lenu, ningathi niyingcwabe bitalente yenu ukuze ingabi nakwaziwa.

14 Kwaye emva kokuba nize emhlabeni waseZiyon, naza nabhengeza ilizwi lam, niya kubuya ngokukhawuleza, nibhengeza ilizwi lam phakathi kweentlangano zabakhohlakeleyo, ningangxamanga, ningekho amsindweni nakukruthakruthwano.

15 Kwaye nivuthulula authuli ezinyaweni zenu ngokuchasene nabo banganamkeliyo, ningenzi benibona, hleze nibahlokohle, kodwa nenze ngasese; nize nihlambe iinyawo, zenu njengobungqina ngokuchasene nabo ngemini yomgwebo.

16 Qaphelani, oku kunanele, kwaye yintando yalowo unithumileyo.

17 Kwaye ngomlomo wesicaka sam uJoseph Smith, Omnci., kuya kwaziwa ngokunxulumene noSidney Rigdon no-Oliver Cowdery. Intsalela ukususela ngoku kuye kwixesha elizayo. Nkqu kunjalo. Amen.