Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 55


Icandelo 55

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuWilliam W. Phelps, eKirtland, eOhio, Juni 14, 1831. UWilliam W. Phelps, umshicileli, nosapho lwakhe babesandula ukufika eKirtland, waza uMprofeti wafuna eNkosini ulwazi ngokunxulumene naye.

1–3, UWilliam W. Phelps uyabizwa aze akhethe ukuba abhaptizwe, amiselwe abe ngumdala, aze ashumayele ivangeli; 4, Kanjalo abhalele iincwadi abantwana kwizikolo zeBandla; 5–6, Umele ukuhamba aye eMissouri, apho kuya kuba ngummandla wemisebenzi yakhe.

1 Qaphela, itsho njalo iNkosi kuwe, sicaka sam William, ewe, nkqu iNkosi ayomhlaba wonke, wena ubizwe waza wakhethwa; kwaye emva kokuba bubhaptizwe ngamanzi, ukuba oko ukwenza ngeliso elinikele kuzuko lwam, uya kufumana uxolelo lwezono zakho nokwamkela uMoya oyiNgcwele ngokubekwa cizandla;

2 Kwaye ngoko uya kumiselwa ngesandla sesicaka sam uJoseph Smith, Omnci., ube ngumdala kweli bandla, ushumayele inguquko anoxolelo lwezono ngendlela yobhaptizo egameni likaYesu Krestu, uNyana kaThixo ophilileyo.

3 Kwaye nabanina oya kubeka izandla zakho kubo, ukuba batyumkile phambi kwam, uya kuba namandla okunika uMoya oyiNgcwele.

4 Kwaye kwakhona, uya kumiselwa uncedise isicaka sam uOliver Cowdery ekwenzeni umsebenzi wokushicilela, nowokukhetha nokubhalela aiincwadi izikolo kweli bandla, ukuze abantwana abancinane kanjalo babe nokufumana umyalelo phambi kwam njengoko kukholekile kum.

5 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, ngenxa yesi sizathu uya kuthabatha uhambo kunye nezicaka zam uJoseph Smith, Omnci., noSidney Rigdon, ukuze ube anokutyalwa emhlabeni welifa lakho wenze lo msebenzi.

6 Kwaye kwakhona, vumela isicaka sam uJoseph Coe kanjalo athabathe uhambo lwakhe kunye nabo. Intsalela iya kwenziwa yaziwe ukususela ngoku nakwixesha elizayo, nkqu njengoko ndiya kuthanda. Amen.