Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 92


Icandelo 92

Isityhilelo esinikwe uJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Matshi 15, 1833. Isityhilelo siyalela uFrederick G. Williams, obenyulwe kutsha nje abengumcebisi kuJoseph Smith, kwimisebenzi yakhe kwiFemi eManyeneyo (bona kwizihloko zamacandelo 78 no82).

1–2, INkosi inika umyalelo onxulumene nolwamkelo locwangco olumanyeneyo.

1 Inene, itsho njalo iNkosi, ndininika aucwangco lomanyano, olumanyeneyo ngokuvumelana nomyalelo obunikwe ngaphambili, isityhilelo nomyalelo onxulumene nesicaka sam uFrederick G. Williams, okokuba niya kumamkela kulo mmiselo; oko ndikuthethe komnye ndikuthethe kubo bonke.

2 Kwaye kwakhona, ndithi kuwe sicaka sam Frederick G. Williams, uya kuba lilungu elichwayitileyo kolu manyo; kwaye nanjengokuba uthembekile ekugcineni yonke imiyalelo engaphambili uya kusikelelwa ngonaphakade. Amen.