Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 44


Icandelo 44

Isityhilelo esinikwe uJoseph Smith uMprofeti noSidney Rigdon, eKirtland, eOhio, kwinxalenye yokugqibela kaFebruwari 1831. Sivumelana kunye nesicelo esikulo mba esicacisiweyo, iBandla lonyula inkomfa ibanjwe kusekutsha kwinyanga kaJuni olandelayo.

1–3, Abadala bamele ukuhlangana enkomfeni; 4–6, Bamele ukulungiselela ngokunxulumene nemithetho yelizwe nokukhathalela amahlwempu.

1 Qaphelani, itsho njalo iNkosi kuni zicaka zam, kufanelekile kum okokuba abadala bebandla lam babizwe kunye, ngeleta okanye ngenye indlela, ukususela empumalanga nokususela entshonalanga, nokususela entla nokususela ezantsi.

2 Kwaye kuya kwenzeka, ukuba njengokuba beya kuthembeka, kwaye basebenzise ukholo kum, ndiya kubathululela auMoya wam phezu kwabo ngomhla abazihlanganise ngawo kunye.

3 Kwaye kuye kwenzeka okokuba baya kuya ngaphambili ezingingqini ezingqongileyo, baze abashumayele inguquko ebantwini bam.

4 Kwaye abaninzi baya akuguqulwa, njengokuba niya kufumana amandla okuzilungiselela iziqu zenu bngokunxulumene nemithetho yomntu;

5 Ukuze aiintshaba zenu zingabi namandla phezu kwenu; ukuze nibe nokukhuselwa kuzo zonke izinto; ukuze nibe nako ukugcina imithetho yam; ukuze onke amakhamandela abe nokuqhawulwa apho utshaba lufuna ukutshabalalisa abantu bam.

6 Qaphelani, ndithi kuni, okokuba nimele aukuvelela amahlwempu nabasweleyo nize nilungiselele isiqabu sawo, ukuze babe nokugcinwa kude kube zonke izinto ziyenziwa ngokunxulumene nomthetho wam lowo nithe nawamkela. Amen.