Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 75


Icandelo 75

Isityhilelo esinikwe ngo Joseph Smith uMprofeti e Amherst, e Ohio, Januwari 25, 1832. Eli candelo liquka izityhilelo ezimbini ezahlukeneyo (esokuqala kwiivesi 1 ukuya ku22 size esesibini kwiivesi 23 ukuya ku36) zinikwe ngemini enye. Ithuba laliyinkomfa apho uJoseph Smith waxhaswa waza wamiselwa ukuba nguMongameli woBubingeleli obuPhezulu. Abadala abathile banqwenela ukufunda ngakumbi ngemisebenzi yabo ekhawulezileyo. Ezi zityhilelo zalandela.

1–5, Abadala abanyanisekileyo abashumayela ivangeli baya kuzuza ubomi obungunaphakade; 6–12, Thandazela ukufumana uMonwabisi, ofundisa zonke izinto; 13–22, Abadala baya kuhlalela ekugweba abo bawalayo umyalezo wabo; 23–36, Iintsapho zabefundisi zimele ukufumana uncedo oluvela eBandleni.

1 Inene, inene, ndithi kuni, mna othetha nkqu angelizwi loMoya wam, nkqu buAlfa no-Omega, iNkosi yenu noThixo wenu—

2 Phulaphulani, Owu nina, ninikele amagama enu ekuyeni ngaphambili ukubhengeza ivangeli yam, anokuthena bisidiliya sam.

3 Qaphelani, ndithi kuni okokuba yintando yam ukuba nibe nokuya ngaphambili kwaye ningahlali, anakunqena kodwa sebenzani ngamandlakazi enu—

4 Niphakamisela phezulu amazwi enu njengokungathi kungesandi sexilongo, anibhengeza binyaniso ngokunxulumene kwizityhilelo nemiyalelo endininike yona.

5 Kwaye njalo, ukuba nina nithembekile niya kuthwaliswa aizithungu ezininzi, bnithweswe cngembeko, dnozuko, enokungafi, fnangobomi obungunaphakade.

6 Ke ngoko, inene ndithi kwisicaka sam uWilliam E. McLellin, andirhoxisa umsebenzi endawunika yena nokuya kumazwe asempumalanga;

7 Kwaye ndimnika umsebenzi omtsha nomyalelo omtsha, kuyo mna, iNkosi, andimohlwaya ngenxa byokumbombozela kwentliziyo yakhe;

8 Kwaye wona; nangona kunjalo, ndiyamxolela kwaye ndithi kuye kwakhona, hamba uye kwamazwe asezantsi.

9 Kwaye vumelani isicaka sam uLuke Johnson ahambe kunye naye, baze babhengeze izinto endibayalele zona—

10 Bebizela egameni leNkosi auMonwabisi, oya kubafundisa zonke izinto ezifanele bona—

11 aBethandaza rhoqo okokuba bangatyhafi; nanjengokuba beya kwenza oku, ndiya kuba nabo nkqu ukuya esiphelweni.

12 Qaphelani le yintando yeNkosi uThixo wenu ngokunxulumene nani. Nkqu kunjalo. Amen.

13 Kwaye kwakhona, inene itsho njalo iNkosi, vumelani isicaka sam auOrson Hyde nesicaka sam buSamuel H. Smith bathabathe uhambo lwabo oluya kumazwe asempumalanga; baze babhengeze izinto endibayalele zona; nanjengokuba bethembekile, yabonani, ndiya kuba ckunye nabo nkqu ukuya esiphelweni.

14 Kwaye kwakhona, inene ndithi kwisicaka sam uLyman Johnson, nakwisicaka sam auOrson Pratt, kanjalo baya kuthabatha uhambo lwabo oluya kumazwe asempumalanga, kwaye qaphelani, kwaye yabonani, ndikunye nabo kanjalo, nkqu ukuya esiphelweni.

15 Kwaye kwakhona, ndithi kwisicaka sam uAsa Dodds, nakwisicaka sam uCalves Wilson, okokuba baya kuthabatha uhambo lwabo oluya kumazwe asentshonalanga, baze babhengeze ivangeli yam, nkqu njengoko ndibayaleleyo.

16 Kwaye lowo uthembekileyo uya koyisa zonke izinto, aze aaphakanyiselwe phezulu ngomhla nokugqibela.

17 Kwaye kwakhona, ndithi kwisicaka sam uMajor N. Ashley, nakwisicaka sam uBurr Riggs, bavumeleni bathabathe uhambo lwabo kanjalo oluya kwilizwe lasezantsi.

18 Ewe, bavumeleni bonke abo bathabatha uhambo, njengoko ndibayalele, behamba ukusuka endlwini kuye endlwini, nokusuka kwidolophana ukuya kwidolophana, nokusuka esixekweni ukuya esixekweni.

19 Kwaye kuyo nayiphina indlu eningena kuyo, baze banamkele, shiyani intsikelelo yenu phezu kwaloo ndlu.

20 Kwaye kuyo nayiphina indlu eningena kuyo, baze banganamkeli, niya kumka ngokukhawuleza kuloo ndlu, nize anivuthulule uthuli lweenyawo zenu njengobungqina obuchasene nabo.

21 Kwaye niya kuzaliswa akukugcoba novuyo; kwaye nazi oku, okokuba ngomhla womgwebo niya kuba bngabagwebi baloo ndlu, kwaye nibagwebe;

22 Kwaye kuya kunyamezeleka ngakumbi umhedeni ngomhla womgwebo, kunaloo ndlu; ke ngoko, abhinqani izinqe zenu nize nithembeke, kwaye niya kuzoyisa zonke izinto, nize ninyuselwe phezulu ngomhla wokugqibela. Nkqu kunjalo. Amen.

23 Kwaye kwakhona, itsho njalo iNkosi kum, Owu nina badala bebandla lam, eninikele ngamagama enu ukuze nibe nokwazi intando yayo ngokunxulumene nani—

24 Qaphelani, ndithi kuni, okokuba ngumsebenzi webandla ukuncedisa ekuxhaseni iintsapho zabo, kananjalo ukuxhasa iintsapho zabo babiziweyo kwaye kuyimfuneko ukuthunywa baye ehlabathini babhengeze ivangeli ehlabathini.

25 Ngako oko, mna, iNkosi, ndininika lo myalelo, okokuba nizuzele iindawo iintsapho zenu, njengokuba abazalwana benu bethanda ukuvula iintliziyo zabo.

26 Kwaye vumelani bonke abanjalo njengoko benako ukuzuzela iindawo iintsapho zabo, nenkxaso yebandla, bangasileli ukuya ehlabathini, nokokuba kusempumalanga okanye entshonalanga, okanye emntla, okanye emzantsi.

27 Celani niya kuphiwa, nkqonkqozani kwaye niya kuvulelwa, kwaye kwenziwe nazeke ukususela phezulu, nkqu angoMonwabisi, apho baya kuya khona.

28 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, okokuba wonke umntu obopheleleke aekuboneleleni busapho olulwakhe, mvumeleni alubonelele, kwaye nanga yiphina indlela akayi kuphulukana nesithsaba sakhe sonke; kwaye mvumeleni asebenze ebandleni.

29 Vumelani wonke umntu aakhuthale ezintweni zonke. Kwaye bivila alisayi kuba nandawo ebandleni, ngaphandle kokuba liyaguquka lilungise iindlela zalo.

30 Ngako oko, vumelani isicaka sam uSimeon Carter nesicaka sam uEmer Harris bamanyane ebufundisini;

31 Kananjalo isicaka sam uEzra Thayre nesicaka sam auThomas B. Marsh;

32 Kanjalo isicaka sam uHyrum Smith nesicaka sam uReynolds Cahoon;

33 Kananjalo isicaka sam uDaniel Stanton nesicaka sam uSeymour Brunson;

34 Kananjalo isicaka sam uSylvester Smith nesicaka sam uGideon Carter;

35 Kananjalo isicaka sam uRuggles Eames nesicaka sam uStephen Burnett;

36 Kananjalo isicaka sam uMicah B. Welton kananjalo isicako sam uEden Smith. Nkqu kunjalo. Amen.