Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 3


Icandelo 3

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eHarmony, ePennsylvania, Julayi 1828, ngokunxulumene kwilahleko yamaphepha ali-116 oqobo lwencwadi aguqulelwe esuka kwinxenye yokuqala yeNcwadi kaMormoni, eyayibizwa ngokuba yincwadi kaLihayi. Umprofeti wawavumela la maphepha ethandabuza ukuwasusa elungcinweni lwakhe aye kolo lukaMartin Harris, othe wasebenza isithuba esifutshane njengonobhala kuguqulelo lweNcwadi kaMormoni. Isityhilelo sanikwa ngeYurim neTumim. (Bona kwicandelo 10.)

1–4, Indlela yeNkosi ingumjikelo omnye wanaphakade; 5–15, UJoseph Smith umele ukuguquka okanye alahlekelwe sisipho sokuguqulela; 16–20, INcwadi kaMormoni iza ngaphambili ukusindisa imbewu kaLihayi.

1 aImisebenzi, namacebo, neenjongo zikaThixo azinako ukutyhafiswa, zingenako nokuphuthiswa.

2 Kuba auThixo akahambi kwiindlela ezinamagoso-goso, engajikeli ekunene nangasekhohlo, engaphambuki nakuloo nto athe wayithetha, ke ngoko iindlela zakhe zithe tye, kwaye bindlela yakhe ingumjikelo omnye wanaphakade.

3 Khumbulani, khumbulani okokuba aayingomsebenzi kaThixo otyhafiswayo, kodwa ngumsebenzi wabantu;

4 Kuba nangona umntu anokuba nezityhilelo ezininzi, aze abe namandla okwenza imisebenzi emininzi enamandlakazi, aze ukuba auzigwagwisa ngokomelela kwakhe, aze azenze into engento biingcebiso zikaThixo, aze alandele emva kokulawulwa yintando yakhe neminqweno cyenyama, umele ukuwa aze azizisele dimpindezelo yoThixo olilungisa phezu kwakhe.

5 Qaphelani, ninikwe ezi zinto, kodwa ibiqatha kangakanani imiyalelo yenu; nize nikhumbule kananjalo izithembiso ezazenziwe kuni, ukuba aniyonanga.

6 Kwaye qaphelani, kukangaphi nisoloko anisona imiyalelo nemithetho kaThixo, kwaye nithe naqhubekeka bkwiimpembelelo zabantu.

7 Kuba, qaphelani, animelanga ukuba anoyike umntu ngaphezu kukaThixo. Nangona abantu bazimisele ukuphuthisa iingcebiso zikaThixo, baze bbawanyelise amazwi akhe—

8 Kungoko benimele ukuthembeka; kwaye ngethe wanolulela ingalo yakhe waza wanixhasa nimelane aneentolo zomlilo bzotshaba; kwaye ngebe nam kwixesha ngalinye clenkathazo.

9 Qaphelani, okokuba uJoseph, kwaye uthe wonyulelwa ukwenza umsebenzi weNkosi, kodwa ngenxa yokona, ukuba uthe akaqaphela uya kuwa.

10 Kodwa khumbulani, uThixo unenceba; ke ngoko, guqukani kuko oko nithe nakwenza okuphikisana nomyalelo endithe ndaninika wona, kwaye nisanyuliwe, kwaye kwakhona nibizelwe emsebenzini;

11 Ngaphandle kokuba nenze oku, niya kunikezelwa nize nibe njengabanye abantu, nize ningabi sabi nasipho.

12 Kwaye xa nithe nahlangulwa phezulu koko athe uThixo waninika ukubona namandla aokuguqulela, nihlangulelwe phezulu kuko oko kunyulu ezandleni bzomntu okhohlakeleyo,

13 Othe waphuthisa iingcebiso zikaThixo, wophula ezininzi ngaphezulu izithembiso ezazenziwe ngcwele phambi koThixo, waza wathembela kokwakhe ukugweba anokuzigwagwisa ebulumkweni obubobakhe.

14 Kwaye oku sisizathu sokuba uthe walahlekana namalungelo akho awodwa eli xesha—

15 Kuba uthe wayekela ingcebiso ayomkhokeli wakho ukuba inyhashwe kwasekuqaleni.

16 Nangona kunjalo, umsebenzi wam uya kuya ngaphambili, kuba njengokuba kunje ngolwazi aloMsindisi luthe lweza ehlabathini, bngobungqina bamaYuda, nkqu kunjalo culwazi loMsindisi luya kuza ebantwini bam—

17 Kwaye akumaNifayithi, nakumaYakobhethe, namaYosefayithi, namaZoramayithi, ngobungqina boyise babo—

18 Kwaye obu abungqina buya kuza kulwazi blwamaLeymenayithi, namaLemuwelayithi, namaIshmayelayithi, abeye cbephelela ekungakholweni ngenxa yobugwenxa boyise babo, abo iNkosi yabayekela dekutshabalaliseni abazalwana babo amaNifayithi, ngenxa yobugwenxa namasikizi abo.

19 Kuba ngayo kanye le anjongo bamacwecwe akhuselwe, aqulathe ezi mbali—zokokuba cizithembiso zeNkosi zingathi zizaliseke, athe wazenza ebantwini bakhe;

20 Kwaye ukuba aamaLeymenayithi athe eza kulwazi loyise bawo, nokokuba athi azi izithembiso zeNkosi, nokokuba banokukholelwa kwivangeli cnokuthembela kuko ukulunga kukaYesu Krestu, aze dazukiswe ngokholo egameni lakhe, nangayo inguquko yawo ukuze abe nokusindiswa. Amen.