Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 37


Icandelo 37

Isityhilelo esinikwe uJoseph Smith uMprofeti noSidney Rigdon, kufutshane eFayette, eNew York, Disemba 1830. Apha kuso kunikwe umyalelo wokuqala ngokunxulumene nentlangano kweli xesha lokuzihlanganisela likaThixo.

1–4, AbaNgcwele babizelwa ukuhlangana eOhio.

1 Qaphelani, ndithi kuni okokuba akukafaneleki kum okokuba aniguqulele kwakhona kude kube niya kuya eOhio, kwaye oku kungenxa yotshaba nangenxa yenu.

2 Kwaye kwakhona, ndithi kuni okokuba aniyi kuhamba nide nibe nishumayele ivangeli yam kwezoo ndawo, kwaye nibe nomeleze ibandla naphina apho lifumaneka khona, kwaye ngaphezulu ngokukodwa aeColesville; kuba, qaphelani, bathandaza kum elukholweni olukhulu.

3 Kwaye kwakhona, umyalelo ndiwunika ibandla, wokokuba kufanelekile kum okokuba bamele bahlanganisane kunye aeOhio, ngokuchasene nexesha ngalo isicaka sam uOliver Cowdery aya kubuyela kubo.

4 Qaphelani, nabu ubulumko, kwaye yekani wonke umntu aazikhethele ndide ndibuye. Nkqu kunjalo. Amen.