Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 86


Icandelo 86

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Disemba 6, 1832. Esi sityhilelo safunyanwa ngelixa uMprofeti wayehlola kwaye ehlela umbhalo-ngqangi woguqulelo lweBhayibhile.

1–7, INkosi inika itsingiselo yomzekeliso wengqolowa nomdiza; 8–11, Icacisa iintsikelelo zobubingeleli kwabo baziindlalifa ezisemthethweni ngokunxulumene nenyama.

1 Inene, itsho njalo iNkosi kuni zicaka zam, ngokunxulumene anomzekeliso wengqolowa nowomdiza:

2 Qaphelani, inene ndithi, intsimi yayilihlabathi, kwaye abapostile babengabahlwayeli bembewu;

3 Kwaye emva kokuba balala ubuthongo umtshutshisi omkhulu webandla, umkreqi, ihenyukazi, nkqu aiBhabhilon, owenza zonke izizwe zisele endebeni yakhe, kwiintliziyo zalo utshaba, nkqu uSathana, uhleli elawula—qaphelani uhlwayela umdiza; ngako oko, umdiza waminxa ingqolowa waza waqhubela bibandla entlango.

4 Kodwa qaphelani, angemihla yokugqibela, nkqu ngoku xa iNkosi iqalisa ukuzisa ngaphambili ilizwi, negqabi lintshula kwaye lisathambile—

5 Qaphelani, inene ndithi kuni, aiingelosi ziyalila eNkosini imini nobusuku, ezilungele kwaye zilindele ukuthunyelwa ngaphambili bzivunele phantsi amasimi;

6 Kodwa iNkosi ithi kuzo, ningawususi umdiza xa igqabi lisathambile (kuba inene ukholo lwenu lubuthathaka), hleze nitshabalalise ingqolowa kanjalo.

7 Ke ngoko, vumelani ingqolowa nomdiza zikhule kunye kude kube ixesha lokuvuna livuthwe ngokuzeleyo; ngoko ke niya kuqala nibuthele ngaphandle ingqolowa ukusuka phakathi komdiza, kwaye emva kokubuthwa kwengqolowa, qaphelani kwaye yabonani, umdiza ubotshwa ngezithungu, ize intsimi isale ukuba itshiswe.

8 Ke ngoko, itsho njalo iNkosi kuni, kubo abo aububingeleli buqhubekeke kuyo imilibo yooyise—

9 Kuba aniziindlalifa ezisemthethweni, ngokwasenyameni, kwaye bbenifihliwe ehlabathini kunye noKrestu ekuThixo—

10 Ke ngoko ubomi benu nobubingeleli buhleli, kwaye bumele ukuhlala ngani nangomlibo wenu kude aukubuyiselwa kwezinto zonke ezithethwe ngemilomo yabo bonke abaprofeti abangcwele ukususela ngoko laqalayo ihlabathi.

11 Ke ngoko, nisikelelwe nina ukuba niqhubeka ekulungeni kwam, aukhanyiselo eziNtlangeni, nangabo obu bubingeleli, umsindisi ebantwini bam buSirayeli. INkosi ikuthethile. Amen.