Uncedo lweZifundo
Bhabheli, Bhabhilon


Bhabheli, Bhabhilon

Ikomkhulu laseBhabhilon.

IBhabheli yafunyanwa nguNimrodi kwaye yayisesona sixeko sidala elizweni lase Milambo, okanye eShinare (Gen. 10:8–10). INkosi yabhidanisa intetho ngexesha abantu babesakha iNcopho yaseBhabheli (Gen. 11:1–9; Etere 1:3–5, 33–35). IBhabhilon kamva yaba likomkhulu likaNebhukadenetsare. Wakha isixeko esikhulukazi amanxowa aso asasele. IBhabhiloni yaba sisixeko esikhohlakele kakhulu yaye ukususela oko yaba nokuba ngumqondiso wenkohlakalo yehlabathi.