Uncedo lweZifundo
Yakobi, umzalwana weNkosi


Yakobi, umzalwana weNkosi

KwiTestamente eNtsha, umzalwana weNkosi (Gal. 1:19) nokaYose, uSimon, uYuda, noodade bakhe abathile (Mat. 13:55–56; Marko 6:3; Yuda 1:1). Kanjalo wayesaziwa njengoYakobi oliLungisa waye wathatha isihlalo esibalulekileyo eBandleni eYerusalem (Izenzo 12:17; 15:13; Ⅰ Kor. 15:7; Gal. 2:9–12). Mhlawumbi wabhala incwadi kaYakobi.

Incwadi kaYakobi

Incwadi kwiTestamente eNtsha. Ekuqaleni yayiyincwadi ebhekisele kwizizwe ezilishumi elinesibini zakwaSirayeli ezichithwe ngaphesheya kwaye mhlawumbi zazibhalwe zivela eYerusalem. Incwadi iqulathe izinto ezithile ezichazwe ngokucacileyo ngenkolo eyenziwayo, ibandakanya necebo elibalulekileyo kwisahluko 1 ukuba ke umntu uswele ubulumko, makacele uncedo kuThixo (Yak. 1:5–6; M—JS 1:9–20). Isahluko 2 sithetha ngokholo nemisebenzi. Izahluko 3–4 zithetha ngemfuneko yokulawula ulwimi nokuyala abaNgcwele bangathethi ububi omnye ngomnye. Izahluko 5 zikhuthaza abaNgcwele babe nomonde baze babize abadala ngentsikelelo xa begula; sifundisa kanjalo ngeentsikelelo zokuncedisa ekuguquleni abanye.