Uncedo lweZifundo
Eliya


Eliya

Umprofeti weTestamente eNdala owabuya kwimihla yokugqibela ezokunikezela izitshixo zegunya lokutywina kuJoseph Smith no-Oliver Cowdery. Ngemihla yakhe, uEliya walungiselela kuBukumkani baseNtla bukaSirayeli (Ⅰ OoKum. 17–22; Ⅱ OoKum. 1–2). Wayenokholo olukhulu eNkosini kwaye uqatshelwa ngemimangaliso emininzi. Ngesicelo sakhe, uThixo wanqanda imvula iminyaka emithathu enesiqingatha. Wavusa inkwenkwe ekufeni kwaye wabiza umlilo wehla uvela ezulwini (Ⅰ OoKum. 17–18). Abantu bamaYuda basalindela ukubuya kukaEliya, njengoko uMalaki waprofetha ukuba uya kwenza (Mal. 4:5). Uhleli elundwendwe olungamenywanga kwiSidlo sePasika yamaYuda, apho umnyango ovuliweyo nesihlalo esingenamntu sisoloko silindele yena.

UMprofeti uJoseph Smith wathi okokuba uEliya wayephethe amandla okutywina oBubingeleli bukaMelkitsedeke kwaye wayengumprofeti wokugqibela owenza njalo phambi kwexesha likaYesu Krestu. Wabonakala eNtabeni yoKwenziwa kuMila Kumbi kunye noMoses waza wanikela izitshixo zobubingeleli kuPetros, uYakobi, noYohane. (Mat. 17:3). Wabonakala kwakhona, kunye noMoses, ngoAprili 3, 1836, eTempileni yaseKirtland Ohio waza wanikela kwakhona izitshixo phezu koJoseph Smith no-Oliver Cowdery (I&M 110:13–16). Konke okoku kwakuse-kulungiseleni ukuBuya kweSibini kweNkosi, njengoko kuthethiweyo ngako kuMalaki 4:5–6.

Amandla kaEliya ngamandla okutywina obubingeleli ngawo izinto ezibotshiweyo okanye ezikhululiweyo emhlabeni zibotshiwe okanye zikhululwe ezulwini (I&M 128:8–18). Izicaka ezikhethiweyo yiNkosi emhlabeni namhlanje zinamandla okutywina kwaye zenza imimiselo yevangeli yokusindisa abaphilileyo nabafileyo (I&M 128:8).