Uncedo lweZifundo
Abraham


Abraham

Unyana kaTera, wazalwa eUre yamaKaledi (Gen. 11:26, 31; 17:5). Umprofeti weNkosi kunye naye iNkosi yenza iminqophiso yanaphakade, ngawo zonke izizwe zomhlaba zisikelelekile. UAbraham ekuqaleni wayebizwa Abram.

Incwadi ka-Abraham

Iimbali zamandulo zibhalwe nguAbraham ezeza ekufunyanweni liBandla ngowe 1835. Iimbali nezinye iimamizi zabhaqwa kwindawo yamangcwaba ngaphantsi komhlaba nguAntonio Lebolo, owazinikela kuMichael Chandler. UChandler wazibonisa kuMazwe oMdibaniso ngowe 1835. Abanye abahlobo bakaJoseph Smith bazithenga kuChandler baza bazinika uMprofeti, owaziguqulelayo. Ezinye zezi mbali ngoku zifunyanwa kwiPerile yeXabiso eliKhulu.

Isahluko 1 sibhala amava kaAbraham eUre yeseKaledi, apho ababingeleli abakhohlakeleyo bazama ukumenza idini. Isahluko 2 sibalisa ngohambo lwakhe ukuya eKanan. INkosi yabonakala kuye yaza yenza umnqophiso kunye naye. Isahluko 3 sibhala okokuba uAbraham wabona uthungelwano lweenkwenkwezi waza wabona unxibelelwano phakathi kwemizimba yasezulwini. Isahluko 4–5 ziyenye ingxelo yeNdalo.

Imbewu ka-Abraham

Abantu abathe, ngokuthobela imithetho nemimiselo yevangeli kaYesu Krestu, bafumana izithembiso neminqophiso eyenziwa nguThixo kuAbraham. Amadoda nabafazi banokufumana ezi ntsikelelo ukuba bangabomlibo kaAbraham okanye ukuba bamkelwe njengabantwana elusatsheni lwakhe ngokuwola ivangeli baze babhaptizwe (Gal. 3:26–29; 4:1–7; I&M 84:33–34; 103:17; 132:30–32; Abr. 2:9–11). Inzala yokwenene kaAbraham inokuphulukana neentsikelelo zayo ngokungathobeli (Rom. 4:13; 9:6–8).