Izibhalo
Abraham 3


Isahluko 3

UAbraham ufunda ngelanga, inyanga, neenkwenkwezi ngokusebenzisa iYurim neTumim—INkosi ityhila kuye indalo engunaphakade yoomoya—Ufunda ngobomi baphambi-komhlaba, umiselo lwangaphambili, indalo, ukukhethwa koMkhululi, imo yesibini yomntu.

1 Kwaye mna, Abraham, andandineYurim neTumim, iNkosi uThixo wam awayendinike yona, eUre yaseKaledi;

2 Kwaye ndabona aiinkwenkwezi, ezazinkulu, nokokuba enye yazo yayikufutshane ngokugqithisileyo kwitrone kaThixo; kwaye kwakukho ezininzi ezinkulu ezazikufutshane kuyo;

3 Kwaye iNkosi yathi kum: Ezi zezilawulayo; kwaye igama lenye enkulu anguKolob, ngokuba isondele kum, kuba ndiyiNkosi uThixo wakho: Ndimise le inye ilawule zonke ezo zizezohlobo olufanayo njengaleyo ume phezu kwayo.

4 Kwaye iNkosi yathi kum, ngeYurim neTumim, okokuba uKolob wayengokohlobo lweNkosi, ngokunxulumene namaxesha akhe namaxesha athile onyaka kwimijikelo yakhe; kuba umjikelo omnye awawuyimini eNkosini, ngokohlobo lwakhe lokubala, kwaye uba liwaka bleminyaka ngokwexesha elimiselwe kuleyo wena ume kuyo. Oku kukubalwa kwexesha leNkosi, ngokokubala kukaKolob.

5 Kwaye iNkosi yathi kum: Iplanethi enokukhanya okunganeno ngakumbi, okunganeno ngakumbi kunaleyo iza kulawula imini, nkqu ubusuku, ingentla okanye inkulu ngakumbi kunaleyo wena ome kuyo kwindlela yokubala, kuba ihamba ngohlobo olucotha ngakumbi; oku kufanelekile ngokuba ime ngentla komhlaba wena ome phezu kwawo, ke ngoko ukubalwa kwexesha layo akukuninzanga kangako njengenani leentsuku zayo, nokweenyanga, nokweminyaka.

6 Kwaye iNkosi yathi kum: Ngoku, Abraham, la amanqaku mabini akhona, qaphela amehlo akho abona oko; kunikwe wena ukuqonda amaxesha okubala, nexesha elibekiweyo, ewe, ixesha elibekiweyo lomhlaba wena ome phezu kwawo, nexesha elimisiweyo lokukhanya okukhulu ngakumbi okumiselwe ukulawula imini, nokukhanya nexesha elimisiweyo lokukhanya okunganeno okumiselwe ukulawula ubusuku.

7 Ngoku ixesha elimisiweyo lokukhanya okunganeno ngakumbi lixesha elide ngakumbi njengasekubaleni kwalo ukubala kwako kunokubala kwexesha lomhlaba wena ome phezu kwawo.

8 Kwaye apho la manqaku akhoyo, kuya kuba lelinye inqaku elingaphezu kwawo, oko kukuthi, kuya kuba yenye iplanethi ekubala kwayo amaxesha kuya kuba kuselixesha elide;

9 Kwaye njalo kuya kuba kukubala kwexesha leplanethe enye engentla kunenye, ude wena uze kufutshane kuKolob, uKolob ongokokubala kwexesha leNkosi; uKolob omiswe kufuphi netrone kaThixo, elawula zonke ezoo planethi azizezohlobo olufanayo njengaleyo wena ume phezu kwayo.

10 Kwaye unikwe ukwazi ixesha elimisiweyo lazo zonke iinkwenkwezi ezimiselwe ukunika ukukhanya, ude wena uze kufutshane netrone kaThixo.

11 Njalo ke mna, Abraham, andathetha kunye neNkosi, ubuso ngobuso, njengomntu ethetha kunye nomnye; kwaye yandixelela ngemisebenzi izandla zayo eziyenzileyo;

12 Kwaye wathi kum: Nyana wam, nyana wam (kwaye isandla sakhe sasoluliwe), qaphela ndiya kubonisa zonke ezi. Kwaye wabeka isandla sakhe phezu kwamehlo am, kwaye ndazibona ezo zinto ezenziwe ngesandla sakhe, zazininzi; kwaye zaphindaphindwa phambi kwamehlo am, ndaye andabinako ukubona isiphelo sazo.

13 Kwaye wathi kum: Lo nguShineha, olilanga. Kwaye wathi kum: UKokob, oyinkwenkwezi. Kwaye wathi kum: UOliya, oyinyanga. Kwaye wathi kum: UKokobhim, othetha iinkwenkwezi, okanye zonke ukukhanya okukhulu ezazisesibhakabhakeni sezulu.

14 Kwaye ke yayilixesha lasebusuku xa iNkosi yathetha la mazwi kum: Ndiya akukwandisa, bnembewu yakho emva kwakho, njengezi; nokokuba wena ungenako ukubala cinani lentlabathi, liya kuba njalo inani leembewu zakho.

15 Kwaye iNkosi yathi kum: Abraham, ndiya kubonisa ezi zinto phambi kokuba uye eYiputa, ukuze ube nokubhengeza onke la mazwi.

16 Ukuba izinto ezimbini zikho, kuze kubekho enye ngentla kwenye, kuya kubakho izinto ezinkulu ngakumbi ngentla kwazo; ke ngoko auKolob uyeyona inkulu yazo zonke iiKokobhim wena ozibonileyo, ngokuba ukufutshane ngokugqithisileyo kum.

17 Ngoku, ukuba kukho izinto ezimbini, enye ingentla kwenye, ize inyanga ibe ngentla komhlaba, ngoko inokuba yiloo planethi okanye inkwenkwezi enokubakho ngentla kwayo; kwaye akukho nto iNkosi uThixo wakho aya kuyithatha entliziyweni yakhe aze ayenze ngaphandle kokuba uya akuyenza.

18 Nangona kunjalo wenza iinkwenkwezi ezinkulu ngakumbi; njengoko, kanjalo, ukuba kukho oomoya ababini, kwaye omnye uya kuqiqa ngakumbi kunomnye, kunjalo aba moya babini, kwaye nangona aba moya babini omnye uqiqa ngakumbi kunomnye, abanasiqalo; babekho ngaphambili, abayi kuba nasiphelo, baya kubakho emva koku, kuba abayinolam, okanye unaphakade.

19 Kwaye iNkosi yathi kum: La manqaku akho, kuba kukho oomoya ababini, omnye uqiqe ngakumbi kunomnye; kuya kubakho omnye oqiqileyo ngakumbi kunabanye; ndiyiNkosi uThixo wakho, andiqiqe ngaphezu kwayo yonke.

20 INkosi uThixo wakho uthumele ingelosi aikukhulule ezandleni zombingeleli waseElikena.

21 Ndihlala phakathi kwayo yonke; ke ngoko, mna ngoku, ke ngoko, ndize ezantsi kuwe ndibhengeza kuwe aimisebenzi eyenziwe zizandla zam, kuyo bubulumko bam buyigqibelelisa yonke, kuba ndilawula emazulwini ngentla, nasezantsi emhlabeni, ngobulumko bonke nobukrelekrele, ngaphezu kwako konke ukuqiqa amehlo akho akubonileyo ukususela ekuqaleni; ndize ezantsi ekuqaleni phakathi kwazo zonke iingqiqo wena ozibonileyo.

22 Ngoku iNkosi ibonise kum, Abraham, aiingqiqo ezazilungiselelwe bphambi kokuba ihlabathi libekho; kwaye phakathi kwezi kwakukho ezininzi cezibekekileyo nezinkulu;

23 Kwaye uThixo wabona le miphefumlo ukuba yayilungile, kwaye wema esazulwini sayo, kwaye wathi: Le ndiya kuyenza abalawuli bam; kuba wema phakathi kwaleyo yayingoomoya, kwaye wabona okokuba yayilungile; kwaye wathi kum: Abraham wena ungomnye wayo; wena awanyulwa phambi kokuba uzalwe.

24 Kwaye apho kwema aomnye phakathi kwabo owayefana noThixo, kwaye wathi kwabo babekunye naye: Siya kuya ezantsi, kuba kukho indawo apho, kwaye siya kuthatha kwezi zinto, kwaye bsiya kwenza cumhlaba apho aba baya kuhlala khona;

25 Kwaye siya akubavavanya ngale ndlela, sibone ukuba baya bkuzenza zonke izinto naziphina iNkosi uThixo wabo aya kubayalela zona;

26 Kwaye abo bagcina aimo yokuqala yabo iya kongezelelwa ngaphezulu; kwaye abo bangayigciniyo imo yokuqala yabo abayi kuba nalo uzuko ebukumkanini obufanayo nabo bagcina imo yabo yokuqala; kwaye abo bagcina bimo yabo yesibini baya kuba cnozuko olongezelelwe phezu kweentloko zabo ngonaphakade kanaphakade.

27 Kwaye aiNkosi yathi: Ndiya kuthuma bani? Kwaye omnye waphendula ofana bnoNyana woMntu: Ndikho, thuma mna. Kwaye comnye waphendula waza wathi: Ndikho, thuma mna. Kwaye iNkosi yathi: Ndiya kuthuma owokuqala.

28 Kwaye aowesibini waba nomsindo, kwaye akayigcina imo yakhe yokuqala; kwaye, ngaloo mhla, babaninzi bamlandela.