Izibhalo
Efana Kanye 2


Efana Kanye Evela kwiNcwadi ka-Abraham

Nomb. 2

Umfanekiso
Efana Kanye 2

Inkcazo

Umf. 1. UKolob, ubonisa indalo yokuqala, eyona ikufuphi eselestiyali, okanye indawo yokuhlala kaThixo. Eyokuqala eburhulumenteni, eyokugqibela ngokuphathelele ekulinganisweni kwamaxesha. Umlinganiso ngokwexesha leselestiyali, ixesha leselestiyali elibonisa usuku olunye kwikhubhite. Usuku olunye kuKolob lilingana neminyaka eliwaka ngokomlinganiso walo mhlaba, obizwa ngamaYiputa Jah-oh-eh.

Umf. 2. Ime kufutshane noKolob, ibizwa ngamaYiputa Oliblish, yindalo elandelayo enkulu yoburhulumente ekufuphi kwiselestiyali okanye indawo apho kuhlala uThixo; ephethe isitshixo samandla kanjalo, ngokuphathelele kwezinye iiplanethi; njengoko zatyhilwa nguThixo kuAbraham, njengoko wayenikela idini phezu kwesibingelelo, awayesakhele eNkosini.

Umf. 3. Wenzelwe ukumela uThixo, ehleli phezu kwetrone yakhe, enxitywe ngamandla negunya; kunye nesithsaba sokukhanya kwanaphakade phezu kwentloko yakhe; kanjalo simele amazwi asisiTshixo esikhulu soBubingeleli obuNgcwele, njengoko kwatyhilwa kuAdam eMyezweni wase-Eden, njengokunjalo kuSete, uNowa, uMelkitsedeke, uAbraham, nakubo bonke ekwatyhilwa kubo uBubingeleli.

Umf. 4. Iimpendulo kwigama lesiHebhere uRawukeyangi, elibonisa uphangalalo, okanye isibhakabhaka samazulu; kanjalo inani lokubala, eYiputa elibonisa iwaka; liphendula ekulinganisweni kwamaxesha kaOliblish, olingana noKolob emjikelezweni wakhe nasekulinganiseni kwakhe kwexesha.

Umf. 5. Ithiywe iEnish-go-on-dosh yaseYiputa; le kanjalo yenye yeeplanethi ezilawulayo, kwaye kuthiwa ngamaYiputa liLanga, kwaye iboleka ukukhanya kwayo kuKolob ngendlela kaKae-e-vanrash, osisiTshixo esikhulu, okanye, ngamanye amazwi, amandla okulawula, alawula ezinye iiplanethi ezizinzileyo ezilishumi elinesihlanu okanye iinkwenkwezi, njengokunjalo uFloeese okanye iNyanga, uMhlaba neLanga kwimijikelezo yazo yonyaka. Le planethi ifumana amandla ngendlela kaKli-flos-is-es, okanye umtha kaHa-ko-kau, iinkwenkwezi zimelwe ngeenombolo 22 no 23, zifumana ukukhanya kwimijikelezo kaKolob.

Umf. 6. Umele lo mhlaba kwiimbombo zawo zone.

Umf. 7. Umele uThixo ehleli phezu kwetrone yakhe, etyhila ngamazulu amazwi esiTshixo esikhulu soBubingeleli; njengokunjalo, umqondiso woMoya oyiNgcwele kuAbraham, ukwimo yehobe.

Umf. 8. Uqulathe imibhalo engenako ukutyhilwa ehlabathini; kodwa iya kufunyanwa eTempileni eNgcwele kaThixo.

Umf. 9. Ayimele kutyhilwa ngexesha langoku.

Umf. 10. Kanjalo.

Umf. 11. Kanjalo. Ukuba ihlabathi linako ukuzifuna ezi nombolo, ke makube njalo. Amen.

Amanani 12, 13, 14, 15, 16, 17, 18, 19, 20, no 21 aya kunikwa ngexesha elifanelekileyo leNkosi.

Olu guqulelo lungentla lunikwe kangangoko sinalo naluphi na ilungelo lokulunika ngexesha langoku