Izibhalo
INtshayelelo


INtshayelelo

IPerile yeXabiso eliKhulu lukhetho lwezinto ezibalulekileyo ezichaphazela imiba ebalulekileyo emininzi yokholo nemfundiso yeBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela. Olu luhlu lwezinto laguqulwa lwenziwa nguMprofeti uJoseph Smith, ezininzi zapapashwa kwiimpepha ezihlala zivela zeBandla ngemihla yakhe.

Ingqokelela yokuqala yezinto eziphethe igama iPerile yeXabiso eliKhulu zenziwa ngowe-1851 nguMdala Franklin D. Richards, ngoko elilungu leQumrhu laba liShumi elineSibini nomongameli weMishini yaseBritane. Injongo yayo yayikukwenza kube nokufikeleleka ngokulula ngakumbi kwizinto ezithile ezibalulekileyo ebezithe zafumana ukujikeleziswa okuncinane ngexesha likaJoseph Smith. Njengokuba ubulungu beBandla banda kuyo yonke iYurophu neAmerika, kwabakho imfuneko yokwenza olu luhlu lwezinto lufumaneke. IPerile yeXabiso eliKhulu yafumana ukusetyenziswa okubanzi kwaye emva koko yaba ngumsebenzi osemgangathweni weBandla ngokwenziwa buBumongameli boKuqala nenkomfa jikelele eSalt Lake City ngowe-10 Oktobha 1880.

Iqela lohlaziyo luthe lwenziwa kwiziqulatho ngokweemfuno zeBandla ezifunekayo. Ngowe-1878 iziqephu zencwadi kaMoses ezingaqulathwanga kwihlelo lokuqala zongezelelwa. Ngowe-1902 iinxenye ezithile zePerile yeXabiso eliKhulu zezinto eziphindiweyo kanjalo zipapashwe kwiMfundiso neMinqophiso zazishiyelelwe. Ukulungiswa kwezahluko neevesi, namanqaku angezantsi kwenziwa ngowe-1902. Upapasho lokuqala lwamaphepha emihlathi ephindiweyo, nezalathiso, lwalu ngowe-1921. Azikho ezinye iinguqu ezenziwayo kwada kwanguAprili 1976, xa iinkcukacha ezimbini zezityhilelo zongezelelwa. Ngowe-1979 ezi nkcukacha zimbini zasuswa kwiPerile yeXabiso eliKhulu kwiMfundiso neMinqophiso, apho ngoku zibonakala njengamacandelo 137 nele-138. Kwihlelo elikhoyo iinguqu ezithile zenziwe ukwenza umxholo ungqinelane namaxwebhu angaphambili.

Okulandelayo yintshayelelo kwiziqulatho ezikhoyo:

  1. Okukhethiweyo kwiNcwadi kaMoses. Isicatshulwa esivela kwincwadi yeGenesis soguqulelo lukaJoseph Smith lweBhayibhile, abasiqalisa ngoJuni 1830.

  2. INcwadi ka-Abraham. Uguqulelo oluphefumlelweyo lwemibhalo ka-Abraham. UJoseph Smith waqalisa uguqulelo ngowe-1835 emva kokufumana ezinye zeepapiri zaseYiputa. Uguqulelo lwapapashwa ngokulandelelanayo kwiTimes and Seasons luqalisa ngowo-1 Matshi 1842, eNauvoo, eIllinois.

  3. UJoseph Smith—UMateyu. Isicatshulwa esivela kubungqina bukaMateyu kuguqulelo lukaJoseph Smith lweBhayibhile (bona kwiiMfundiso neMinqophiso 45:60–61 ngomyalelo onyulu ukuba aqalise uguqulelo lweTestamenta eNtsha).

  4. IMbali—kaJoseph Smith. Obusemthethweni ezivela kubungqina obusemthwthweni nembali kaJoseph Smith, azilungise nonobhala bakhe ngowe-1838–1839 nezapapashwa ngokulandelelanayo kwiTimes and Seasons eNauvoo, eIllinois, ziqalisa ngowe-15 Matshi 1842.

  5. IziVumo zoKholo zeBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela. Ingxelo nguJoseph Smith yapapashwa kwiTimes and Seasons ngowo-1 Matshi 1842, ikhatshwa yimbali emfutshane yeBandla eyayisaziwa ngokuqhelekileyo njengeLeta yaseWentworth.