Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 45


Icandelo 45

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya eBandleni, eKirtland, eOhio, Matshi 7, 1831. Ukutshayelela ukubhala esi sityhilelo, imbali kaJoseph Smith ichaza okokuba “kweli xesha leBandla … iingxelo ezininzi ezibubuxoki … namabali abubuyatha, zapapashwa … zaze zajikeleza, … ukunqanda abantu ekuziphandeleni umsebenzi, okanye ekwamkeleni ukholo. … Kodwa ekugcobeni kwabaNgcwele, … ndafumana okulandelayo.”

1–5, UKrestu ungumthetheleli wethu kunye noYise; 6–10, Ivangeli ngumthunywa ekulungiseni indlela phambi kweNkosi; 11–15, UEnoki nabazalwana bakhe bamkelelwe yiNkosi Kuyo; 16–23, UKrestu watyhila imiqondiso yokuza kwakhe njengoko inikiwe eNtabeni yeMinquma; 24–38, Ivangeli iya kubuyiselwa, amaxesha abeeNtlanga aya kuzalisekiswa, kwaye isigulo esidakumbisayo siya kugubungela ilizwe; 39–47, Imiqondiso, imimangaliso, noVuko ziya kukhapha ukuBuya kweSibini; 48–53, UKrestu uya kuma eNtabeni yeMinquma, kwaye amaYuda aya kuwabona amanxeba ezandleni Zakhe nasezinyaweni; 54–59, INkosi iya kulawula ngeMileniyam; 60–62, UMprofeti uyalelwa ukuqalisa uguqulelo lweTestamente eNtsha, ngolwazi olubalulekileyo oluya kwenziwa ukuba lwaziwe; 63–75, AbaNgcwele bayalelwa ukuba bahlanganisane baze bakhe iYerusalem eNtsha, abantu abavela kuzo zonke izizwe baya kuya kuyo.

1 Phulaphulani, Owu nina bantu abebandla lam, bubukumkani obunikelwe kubo; mamelani nina nize ninike indlebe kulowo ubeke isiseko somhlaba, cowenze amazulu nazo zonke izihlwele zawo, kwaye ngaye zonke izinto eziphilayo zenziwa, zaza zashukuma, zaza zabakho.

2 Kwaye kwakhona ndithi, phulaphulani elizwini lam, hleze kube aukufa kuya kuniphangela; kulo bilixa xa ningacingi ukuba ihlobo liya kudlula, cnokuvuna kuphelile, kwaye nemiphefumlo yenu ingasindiswanga.

3 Mamelani kuye aongumthetheleli kunye noYise, ocengela injongo yenu phambi kwakhe—

4 Esithi: Bawo, qaphela aiimbandezelo nokufa kwakhe bongenasono, kuye wawukholiseke kakuhle; qaphela igazi lonyana wakho eliphalalayo, igazi lakhe owamnikelayo ukuze wena cubenokuzukiswa;

5 Ngako oko, Bawo, sindisa aba bazalwane abakholelwa egameni lam, ukuze babe nokuza kum baze babe bnobomi obungunaphakade.

6 Phulaphulani, Owu nina bantu bebandla lam, kwaye nina badala mamelani kunye, nize nive ilizwi lam ngelixa libizayo anamhlanje, nize ningazenzi lukhuni iintliziyo zenu;

7 Kuba inene ndithi kuni okokuba andinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo, ukukhanya nobomi behlabathi—bukhanyiso lwabonakala ebumnyameni basuka ubumnyama abaluqiqa.

8 Ndeza kwabangabam, baza abangabam abandamkela; kodwa njengokuba bebaninzi abandamkelayo ndabanika aamandla okwenza bimimangaliso emininzi, baza cbangoonyana bakaThixo; kwaye nkqu kwabo dbakholelwayo egameni lam ndabanika amandla okuzuza eubomi obungunaphakade.

9 Kwaye nkqu kunjalo ndithumele aumnqophiso wam bwanaphakade ehlabathini, ube lukhanyiso ehlabathini, kwaye ube cyibhanile yabantu bam, dneyabeeNtlanga ekufuneni kuyo, kwaye ube engumthunywa phambi kobuso bam ekulungiseni indlela phambi kwam.

10 Ngako oko, yizani nina kuwo, kwaye nalowo uzayo ndiya kuqiqa njengasebantwini kwimihla yakudala, kwaye ndiya kunibonisa aukuqiqa kwam okomeleleyo.

11 Ngako oko, mamelani nina kunye kwaye nindivumele ndinibonise nkqu obam ubulumko—bakhe enithi nina unguThixo akaEnoki, nabazalwana bakhe,

12 aAbohlulwayo emhlabeni, baza bamkelelwa kum—bisixeko esigciniweyo kude kube ngumhla oya kuza wobulungisa—umhla owafunwa ngabo bonke abantu abangcwele, kwaye abazange bawufumane ngenxa yenkohlakalo namasikizi;

13 Kwaye bavuma ukuba abangabasemzini neendwendwe emhlabeni;

14 Kodwa bazuza aisithembiso sokuba baya kuwufumana baze bawubone besenyameni yabo.

15 Ngako oko, phulaphulani ndaye ndiya kuqiqa nani, ndaye ndiya kuthetha nani ndize ndiprofethe njengasebantwini bemihla yakudala.

16 Kwaye ndiya kubonisa ngokucacileyo njengoko andakubonisa kubafundi bam njengoko ndema phambi kwabo, disenyameni ndisithi: Njengoko nindicelile ngokunxulumene bnemiqondiso yokuza kwam, ngomhla xa ndiya kuza ndisebuqaqawulini bam emafini asezulwini, ukuzalisekisa izithembiso endizenze kooyihlo,

17 Kuba njengokuba nithe nakhangela aukungabikho okude bkomoya wenu emizimbeni yenu kube bubukhoboka, ndiya kunibonisa ukuba umhla wenkululeko uya kuza njani na, kananjalo cubuyiselo dlokusasazwa lukaSirayeli.

18 Kwaye ngoku nina nijonge kule tempile iseYerusalem, nina eniyibiza ngokuba yindlu kaThixo, kwaye iintshaba zenu zithi okokuba le ndlu ayisayi kuwa.

19 Kodwa, inene ndithi kuni, inkangala iya kuza phezu kwesi sizukulwana njengesela ebusuku, kwaye aba bantu baya kutshatyalaliswa baze basasazwe phakathi kwezizwe zonke.

20 Kwaye le tempile eniyibonayo ngoku iya kukhahlelwa phantsi ukuze kungabisayi kusala nelitye elinye phezu kwelinye.

21 Kwaye kuye kwenzeka, okokuba esi sizukulwana samaYuda singabi sadlula kude kube yonke inkangala esinixelele ngayo ngokunxulumene nabo iya kudlula.

22 Nina nithi okokuba niyazi aisiphelo sehlabathi siyeza; nithi kanjalo okokuba niyazi ukuba amazulu nomhlaba aya kudlula;

23 Kwaye koku nithi ngenene, kuba kunjalo ngenene; kodwa ezi zinto ndinixelele zona azisayi kwenzeka kude kube konke kuya kuzalisekiswa.

24 Kwaye oku ndinixelele ngokunxulemene neYerusalem; kwaye loo mhla uya kuza, intsalela iya akusasazwa phakathi kwezizwe zonke;

25 Kodwa ziya akuhlanganiswa kwakhona; kodwa ziya kulinda kude ibe ixesha babeeNtlanga liyazalisekiswa.

26 Kwaye angaloo mhla kuya kuviwa bokweemfazwe namarhe eemfazwe, kwaye wonke umhlaba uya kuba kwizidubedube, kwaye iintliziyo zabantu ziya ckoyika, kwaye baya kuthi okokuba uKrestu dubambezela ukuza kwakhe kude kube sisiphelo somhlaba.

27 Kwaye uthando lwabantu luya konakala lubande, kwaye ubugwenxa buya kuba buninzi.

28 Kwaye xa amaxesha aabeeNtlanga efikile, bukukhanya kuya kugqobhozela ngaphambili phakathi kwabo bahleli emnyameni, kwaye kuye kuba kukuzaliseka kwevangeli yam;

29 Kodwa aabakwamkeli; kuba abakuqiqi ukukhanya, kwaye bajika bintliziyo zabo zakude kum ngenxa cyemiyalelo yabantu.

30 Kwaye kweso sizukulwana amaxesha abeeNtlanga aya kuzalisekiswa.

31 Kwaye kuya kubakho abantu abemi kweso sizukulwana, abangasayi kudlula kude kube baya kubona aisibetho esiphuphumayo; kuba isifo esiyinkangala siya kugubungela ilizwe.

32 Kodwa abafundi bam baya akuma kwiindawo ezingcwele, kwaye abayi kushukunyiswa; kodwa phakathi kwabakhohlakeleyo, abantu abaya kuphakamisa amazwi abo baza bbaqalekise uThixo baze bafe.

33 Kwaye kuya kubakho aiinyikima zomhlaba kanjalo endaweni ezininzi, neentshabalalo ezininzi; nangona kunjalo abantu baya kuziqaqadekisa iintliziyo zabo ngokuchasene nam, kwaye baya kuthabatha bikrele, omnye ngokuchasene nomnye, kwaye baya kubulalana.

34 Kwaye ngoku, xa mna iNkosi ndithethe la mazwi kubafundi bam, bakhathazeka.

35 Kwaye ndathi kubo: Maze aningakhathazeki, kuba, zonke ezi zinto ziya kwenzeka, niya kuba nokwazi ukuba izithembiso ezazenziwe kuni ziya kuzalisekiswa.

36 Kwaye xa ukukhanya kuya kuqala ukugqobhozela ngaphambili, kuya kuba nabo njengomzekeliso endiya kunibonisa wona—

37 Nina khangelani kwaye niqaphele aimikhiwane, kwaye niyibone ngamehlo enu, kwaye nithi xa iqalisa ukuhluma, kwaye amagqabi awo sele ethambile, kungokuba ihlobo likufuphi;

38 Nkqu kunjalo kuya kuba kuloo mhla xa beya kubona zonke ezi zinto, ngoku ke baya kwazi ukuba ilixa likufuphi.

39 Kwaye kuya kwenzeka ukuba lowo aundoyikayo uya bkujonga phambili ukuza ckomhla omkhulu weNkosi, nkqu dimiqondiso yokuza ekoNyana woMntu.

40 Kwaye baya kubona imiqondiso nemimangaliso, kuba iya kubonakaliswa ngaphambili emazulwini ngasentla, nasemhlabeni ngezantsi.

41 Kwaye baya kuqaphela igazi, anomlilo, nemiphunga yomsi.

42 Kwaye phambi kokuza komhla weNkosi, ailanga liya kuba mnyama, ize inyanga ijike ibe ligazi, neenkwenkwezi ziwe ezulwini.

43 Kwaye intsalela iya kuhlanganiselwa kule ndawo;

44 Kwaye ngoko baya kukhangela mna, kwaye, qaphela, ndiya kuza; kwaye baya kundibona emafini ezulu, ndinxityiswe ngamandla anobuqaqawuli obukhulu; nazo zonke iingelosi ezingcwele; kwaye lowo bungandilindiyo uya kukhutshelwa ngaphandle.

45 Kodwa phambi kokuba ingalo yeNkosi ibe iya kuwa, ingelosi iya kukhalisa aixilongo layo, kwaye abangcwele ebebelele baya bkuza ngaphambili bandikhawulele cndiselifwini.

46 Ngako oko, ukuba nilele aniseluxolweni nisikelelekile nina; kuba njengokuba nindibona ngoku kwaye nisazi ukuba ndim, nkqu kunjalo niya bkuza kum nemiphefumlo yenu iya ckuphila, nokukhululwa kwenu kuya kugqityeleliswa; nabangcwele baya kuza ngaphambili bevela kwiimbombo zone zomhlaba.

47 Ngoko ke aingalo yeNkosi iya kuwa phezu kwezizwe.

48 Kwaye ngoko iNkosi iya kubeka unyawo lwayo phezu akwentaba, kwaye iya kucandeka kubini, kwaye umhlaba uya bkugungqa, kwaye uhexele ngapha nangapha, kwaye amazulu nawo aya ckungcangcazela.

49 Kwaye iNkosi iya kuvakalisa ilizwi layo, zaye zonke iziphelo zomhlaba ziya kuliva; kwaye nezizwe zomhlaba ziya kuba alusizi kwaye abo bahlekileyo baya kububona ubuyatha babo.

50 Kwaye intlekele iya kugubungela umgculeli, kwaye umgxeki uya kupheliswa; kwaye abo bebelinde ubugwenxa baya kugawulelwa phantsi baze baphoswe emlilweni.

51 Kwaye aamaYuda ngoko aya bkukhangela kum aze athi: Ngawantoni la manxeba asezandleni zakho nasezinyaweni zakho?

52 Ngoko ke aya kwazi ukuba ndiyiNkosi; kuba ndiya kuthi kuwo: La manxeba ngamanxeba kuwo andenzakaliswa endlwini yabahlobo bam. Ndinguye owanyuselwa phezulu. NdinguYesu lowo bwabethelelwayo. NdinguNyana kaThixo.

53 Kwaye ngoko baya akulila ngenxa yobugwenxa babo; ngoko baya kuba buhlungu ngenxa yokuba batshutshisa bukumkani wabo.

54 Kwaye ngoko izizwe azabahedeni ziya kukhululwa, baze abo bangawazanga umthetho baya kuba nxaxheba bkuvuko lokuqala; kwaye kuya ckunyamezeleka kubo.

55 Kwaye auSathana uya bkukhonkxwa, ukuze angabi nandawo ezintliziyweni zabantwana babantu.

56 Kwaye ngaloo amhla, xa ndiya kuza ebuqaqawulini bam, umzekeliso uya kuzalisekiswa endathetha ngawo ngokunxulumene bneentombi ezilishumi.

57 Kuba abo balumkileyo baza bayamkela ainyaniso, baza bamkele uMoya oyiNgcwele ukuze bubesisikhokelo sabo, baza cabakhohliswa—inene ndithi kubo, abayi kugawulelwa phantsi baze baphoselwe demlilweni, kodwa baya kuwunyamezela umhla.

58 Kwaye aumhlaba uya kunikwa bona bubelilifa; kwaye baya kwanda baza bomelele, nabantwana babo baya ckukhulela delusindisweni ngaphandle kwesono.

59 Kuba iNkosi iya kuba aphakathi kwabo, kwaye nobuqaqawuli nayo buya kuba phezu kwabo, kwaye iya kuba ngukumkani wabo bnommisi-mthetho wabo.

60 Kwaye ngoku, qaphelani, ndithi kuni, akuyi kunikwa kuni, ukwazi okungaphaya ngokunxulumene nesi sahluko, kude kube aiTestamente eNtsha iguqulelwe, kwaye kuyo zonke ezi zinto ziya kwenziwa ukuba zaziwe;

61 Ngako oko ndinikela kuni ukuba nibe nokuyiguqulela ngoku, ukuze nibe nokulungiselela izinto ezizayo.

62 Kuba inene ndithi kuni, okokuba izinto ezinkulu zinilindele;

63 Niva angeemfazwe emazweni asemzini; kodwa qaphelani, ndithi kuni, zikufutshane, nkqu eminyangweni yenu, kwaye asiyiyo iminyaka emininzi nibe niya kuva ngemfazwe kumazwe wenu.

64 Ngako oko mna, iNkosi, nditshilo, zihlanganiseni ukususela akumazwe asempumalanga, zihlanganiseni kunye nina badala bebandla lam; yiyani ngaphambili kumazwe asentshonalanga, bizani abemi baguquke, kwaye njengokuba beguquka, yakhelani mna amabandla.

65 Kwaye ngentliziyo enye nangengqondo enye, qokelelani ubutyebi benu ukuze nibe anokuthenga ilifa eliya konyulelwa nina ngoku nakwixesha elizayo.

66 Kwaye liya kubizwa ngokuba ayiYerusalem eNtsha, bilizwe cloxolo, isixeko desiligwiba, indawo yokhuseleko yabangcwele bakaThixo oseNyangweni;

67 Kwaye aubuqaqawuli beNkosi buya kuba nabo, kwaye uloyiko lweNkosi luya kuba lapho, njengokuba abakhohlakeleyo abayi kuza kulo, kwaye iya kubizwa iZiyon.

68 Kwaye kuya kwenzeka phakathi kwabakhohlakeleyo, okokuba wonke umntu ongayi kuthabatha ikrele lakhe ngokuchasene nommelwane wakhe anyanzeleke asabele ukhuseleko eZiyon.

69 Kwaye apho kuya akuhlanganisana kuyo bephuma kwisizwe ngasinye esiphantsi kwezulu; kwaye iya kuba kukuphela kwabantu abangayi kuba semfazweni omnye nomnye.

70 Kwaye kuya kuthiwa phakathi kwabakhohlakeleyo: Masingahambi siyokulwa ngokuchasene neZiyon, kuba abemi beZiyon bayoyikeka; ngako oko asinako ukumelana nabo.

71 Kwaye kuya kwenzeka okokuba amalungisa aya kuhlanganisana aphume phakathi kwezizwe zonke, kwaye aya kuza eZiyon, ecula iingoma zokugcoba kwanaphakade.

72 Kwaye ngoku ndithi kuni, gcinani ezi zinto ekuyeni phesheya ehlabathini kude kube kufanelekile kum, ukuze nibe niwufezile lo msebenzi emehlweni abantu, nasemehlweni eentshaba zenu, ukuze zibe nokwazi imisebenzi yenu nide nibe nifeze into endiniyalele yona;

73 Ukuze xa beya kuyazi, babe baya kucinga ezi zinto.

74 Kuba xa iNkosi iya kubonakala iya akoyikeka kubo, kuba uloyiko lobabamba, kwaye baya kuma qelele baze bangcangcazele.

75 Kwaye zonke izizwe ziya koyika ngenxa yokoyikeka kweNkosi, namandla okomelela kwayo. Nkqu kunjalo. Amen.