Izibhalo
Abraham 4


Isahluko 4

OoThixo baceba indalo yomhlaba nabo bonke ubomi bawo—Amacebo abo ngemihla emithandathu acacisiwe.

1 Kwaye ngoko iNkosi yathi: Masiye ezantsi. Kwaye ke beza ezantsi aekuqalekeni, baza bona, oko kukuthi ooThixo, bbalungiselela baza babumba amazulu nomhlaba.

2 Kwaye umhlaba, emva kokuba ubunjiwe, wawungenanto kwaye uyinkangala, ngokuba babengekabumbi nantoni na kuphela ingumhlaba; kwaye ubumnyama balawula phezu kobuso benzonzobila, kwaye uMoya wooThixo awawufukame phezu kobuso bamanzi.

3 Kwaye bona (ooThixo) bathi: Makubekho ukukhanya; kwaye kwabakho ukukhanya.

4 Kwaye bona (ooThixo) baqiqa ukukhanya; kuba kwakuqaqambile; kwaye bahlula ukukhanya, okanye bakwenza kohlulwe, ebumnyameni.

5 Kwaye ooThixo bathi ukukhanya yiMini, nobumnyama bathi buBusuku. Kwaye kwenzekile okokuba ukususela ngokuhlwa kude kube kusasa bathi bubusuku; nokususela kusasa kude kube ngokuhlwa bathi yimini; kwaye oku kwakukokuqala, okanye ukuqaleka, koko bathi yimini nobusuku.

6 Kwaye ooThixo kanjalo bathi: Makubekho aisibhakabhaka phakathi kwawo amanzi, kwaye siya kwahlula amanzi kumanzi.

7 Kwaye ooThixo bayalela isibhakabhaka, ukuze sohlule amanzi angaphantsi kwesibhakabhaka kuwo amanzi angaphezu kwesibhakabhaka; kuye kwaba njalo, nkqu njengoko bayalela.

8 Kwaye ooThixo bathi isibhakabhaka, aliZulu. Kwaye kwenzekile kuba yaba ngokuhlwa kude kube kusasa kuba bathi bubusuku; kwaye kwenzekile kuba yaba kusasa kude kube ngokuhlwa kuba bathi yimini; kwaye oku byayilixesha lesibini oko bathi bubusuku nemini.

9 Kwaye ooThixo bayalela, besithi: aAmanzi angaphantsi kwamazulu makahlanganiselwe bndaweninye, nomhlaba mawome; kwaye kwaba njalo njengoko wayalelayo;

10 Kwaye ooThixo bathi indawo eyomileyo, nguMhlaba; kwaye intlanganisela yamanzi, bathi, aziiLwandle; kwaye ooThixo babona ukuba bathotyelwe.

11 Kwaye ooThixo bathi: Masilungise umhlaba uze uphume auhlaza; imifuno evelisa imbewu; imithi yeziqhamo eyenza iziqhamo, ngohlobo lwayo, embewu ikuyo evelisa kufana nayo emhlabeni; kwaye kwaba njalo, nkqu njengoko bayalelayo.

12 Kwaye ooThixo balungiselela umhlaba uphume uhlaza oluvela kwimbewu eyiyeyalo, nemifuno evelisa imifuno evela kwimbewu eyiyeyawo, luvelisa imbewu ngokohlobo lwayo; nomhlaba waphuma umthi uvela kwimbewu eyiyeyawo, uvelisa isiqhamo, embewu yawo yayinako kuphela ukuphuma okufana nawo, ngohlobo lwawo; kwaye ooThixo babona ukuba babethotyelwe.

13 Kwaye kwenzekile okokuba babala imihla; ukusuka ngokuhlwa kude kuye kusasa bathi bubusuku; kwaye kwenzekile, ukususela kusasa kude kuye ngokuhlwa bathi yimini; kwaye kwakulixesha lesithathu.

14 Kwaye ooThixo balungiselela aizikhanyiso esibhakabhakeni samazulu kwaye bazenza zahlula imini kubusuku; kwaye bazilungiselela zibe zezemiqondiso zibe zezamaxesha amisiweyo, zibe zezemihla neminyaka;

15 Kwaye bazilungiselela zibe zizikhanyiso esibhakabhakeni samazulu zinike ukukhanya phezu komhlaba; kwaye kwaba njalo.

16 Kwaye ooThixo balungiselela izikhanyiso ezikhulu ezibini, aesikhulu ngakumbi isikhanyiso siza kulawula imini, nesinganeno ngakumbi isikhanyiso siza kulawula ubusuku; isikhanyiso esinganeno ngakumbi kanjalo basibeka kunye neenkwenkwezi;

17 Kwaye ooThixo bazibeka esibhakabhakeni samazulu, ze zinike ukukhanya phezu komhlaba, zize zilawule phezu kwemini nobusuku, nokuzenza zahlule ukukhanya kubumnyama.

18 Kwaye ooThixo baziqwalasela ezo zinto ababeziyalele zide zibe zathobela.

19 Kwaye kwenzekile okokuba ukususela ngokuhlwa kude kube kusasa ukuze kube kusasa ukuze kube sebusuku; kwaye kwenzekile okokuba kwakususela kusasa kude kube ngokuhlwa ukuze kube yimini, kwaye yaba lixesha lesine.

20 Kwaye ooThixo bathi: Masilungise amanzi aphume ngokuninzi imiphefumlo enyakazelayo ephilileyo; neentaka, zibe nokuphaphazela phezu komhlaba esibhakabhakeni esivulekileyo samazulu.

21 Kwaye ooThixo balungisa amanzi ukuze abe nako ukuphuma aoominenga mikhulu, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo enambuzelayo, amanzi awayefanele ukuyiphuma ngokohlobo lwayo; neentaka zonke ezinamaphiko ngohlobo lwazo. Kwaye ooThixo babona ukuba baya kuthotyelwa, nokokuba icebo labo lalilungile.

22 Kwaye ooThixo bathi: Siya kuzisikelela, sizenze ziqhame zize zande, zize ziwazalise amanzi aselwandle okanye aiilwandle; kwaye zenze iintaka zande emhlabeni.

23 Kwaye kwenzekile okokuba kwakususela ngokuhlwa kude kube kusasa kuba bathi oko bubusuku; kwaye kwenzekile okokuba kwakususela kusasa kude kube ngokuhlwa oko bathi yimini; kwaye yaba lixesha lesihlanu.

24 Kwaye aooThixo bawulungisa umhlaba uphume imiphefumlo ephilileyo ngohlobo lwayo, izinto ezizitho zine, nezinambuzane, nezinto eziphilileyo zomhlaba ngohlobo lwazo; kwaye kwaba njalo, njengoko batshoyo.

25 Kwaye ooThixo balungiselela umhlaba uphume izinto eziphilileyo ngohlobo lwazo, nezinto ezizitho zine ngohlobo lwazo, nazo zonke izinambuzane zomhlaba ngohlobo lwazo; kwaye ooThixo babona ukuba ziya kuthobela.

26 Kwaye ooThixo abacebisana phakathi kwabo kwaye bathi: Masiye ezantsi size sibumbe bumntu cngokomfanekiso wethu, ngokufana nathi; kwaye siya kubanika ubukhosi phezu kweentlanzi zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni ezizitho zine, nasemhlabeni wonke, nasezinambuzaneni ezinambuzelayo emhlabeni.

27 Njalo aooThixo beza ezantsi ukuza kwenza umntu ngomfanekiso wabo, bambumba ke ngomfanekiso wooThixo, indoda nomfazi bababumba bona.

28 Kwaye ooThixo bathi: Siya kubasikelela. Kwaye ooThixo bathi: Siya kubenza baqhame kwaye bande, baze bawuzalise umhlaba, baze baweyise, ukuze babe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni eziphilileyo ezinambuzelayo emhlabeni.

29 Kwaye ooThixo bathi: Qaphela, siya kubanika yonke imifuno evelisa imbewu eya kuvela phezu kobuso bawo wonke umhlaba, nayo yonke imithi eya kuvelisa iziqhamo kuyo; ewe, isiqhamo somthi esibavelisela imbewu siya kubanika sona; siya kuba akukudla kwabo.

30 Kwaye izinto zonke eziphilileyo zomhlaba, neentaka zonke zezulu, nezinambuzane zonke ezisemhlabeni, qaphela, siya kuzinika ubomi, kananjalo siya kuzinika yonke imifuno eluhlaza ukuba ibe kukudla, kwaye zonke ezi zinto ziya kwenziwa njalo.

31 Kwaye ooThixo bathi: Siya kwenza yonke into esiyithethileyo, kwaye sizenze; kwaye qaphela, ziya kuthobeka kakhulu. Kwaye kwenzekile okokuba kwakususela ngokuhlwa kude kuye kusasa bathi bubusuku; kwaye kwenzekile okokuba kwakususela kusasa kude kube ngokuhlwa baze oko bathi yimini; kwaye babala ixesha alesithandathu.