Uncedo lweZifundo
Babalo


Babalo

Amandla ancedisayo avela kuThixo avumela amadoda nabafazi bazuze iintsikelelo kobu bomi nasekufumaneni ubomi obungunaphakade nasekuphakanyisweni emva kokuba besebenzise ukholo, beguqukile, baze banike umzamo wabo onguwona wona ekugcineni imiyalelo. Uncedo olunyulu kanje okanye ukomelela kunikwa ngenceba nothando lukaThixo. Wonke umntu onokufa ufuna ubabalo olunyulu ngenxa yoKuwa kuka-Adam kananjalo ngenxa yobuthathaka bomntu.