Uncedo lweZifundo
Hagayi


Hagayi

Umprofeti weTestamente eNdala owaprofetha malunga nama-520 P.K. eYerusalem, kamsinyane nje emva kokuba abantu abangamaYuda babuya bevela elubhacweni lwabo eBhabhilon (Ezra 5:1; 6:14). Wathetha ngokwakha kwakhona indlu yeNkosi eYerusalem waza wakhalimela abantu ngenxa yokuba yayingekathi igqibeke. Kanjalo wabhala ngetempile yemileniyam nokulawula koMsindisi.

Incwadi kaHagayi

Kwisahluko 1, iNkosi yakhalimela abantu ngokuhlala kwizindlu zabo ezigqityiweyo ngelixa itempile yayisele ingekakhiwa. Isahluko 2 sibhala isiprofetho sikaHagayi sokokuba iNkosi iya kunika uxolo etempileni Yayo.