Uncedo lweZifundo
AmaLeymenayithi


AmaLeymenayithi

Iqela labantu kwiNcwadi kaMormoni, abaninzi babo babeyinzala kaLeymeni, oyena mdala unyana kaLihayi. Ayesiva ngokungathi ayoniwe nguNifayi nenzala yakhe (Moz. 10:11–17). Isiphumo soko, avukela ngokuchasene namaNifayithi kwaye esoloko ezala iimfundiso zevangeli. Nangona kunjalo, kufutshane nje phambi kokuzalwa kukaYesu Krestu, amaLeymenayithi amkela ivangeli kwaye ayelungile ngakumbi kunamaNifayithi (Hil. 6:34–36). Iminyaka engamakhulu amabini emva kokuba uKrestu watyelela amaMerika, kunye amaLeymenayithi namaNifayithi akhohlakala aza aqalisa ukwenza imfazwe ngokuchaseneyo. Malunga nama-400 E.K., amaLeymenayithi asitshabalalisa ngokupheleleyo isizwe samaNifayithi.