Uncedo lweZifundo
Moses


Moses

Ngumprofeti weTestamente eNdala owaKhokela amaSirayeli wawakhupha ebukhobokeni baseYiputa kwaye wawanika uthotho lwemithetho yenkolo, yentlalo, yemicimbi yenkonzo njengoko ityhilwe nguThixo.

Ubufundisi bukaMoses banabela ngaphaya kwemida yexesha lobomi bakhe bomzimba onokufa. UJoseph Smith wafundisa okokuba, ehlangene kunye noEliya, weza kwiNtaba yoKwenziwa kuMila Kumbi waza wanikela izitshixo zobubingeleli phezu koPetros, uYakobi, noYohane (Mat. 17:3–4; Marko 9:4–9; Luka 9:30; I&M 63:21).

UMoses wabonakala kuJoseph Smith no-Oliver Cowdery ngoAprili 3, 1836, kwitempile eKirtland, eOhio, waza wanikela kubo izitshixo zokuhlanganiswa kukaSirayeli (I&M 110:11).

Isityhilelo semihla yokugqibela sithetha kakhulu ngokunxulumene noMoses. Ukhankanywa kaninzi kwiNcwadi kaMormoni, nakwiMfundiso neMinqophiso sifunda ngobufundisi bakhe (I&M 84:20–26) nokokuba wafumana ububingeleli kuyisezala uYitro (I&M 84:6).

Isityhilelo semihla yokugqibela kanjalo siqinisekisa ingxelo yebhayibhile yobufundisi bakhe phakathi kwabantwana bakwaSirayeli kwaye iqinisekisa kwakhona okokuba wayengumbhali weencwadi ezintlanu eziqalisa iTestamente eNdala (1 Nif. 5:11; Moses 1:40–41).

Incwadi kaMoses

Yincwadi kwiPerile yeXabiso eliKhulu equlathe uguqulelo oluphenjelelweyo lukaJoseph Smith lwezahluko zokuqala ezisixhenxe zeGenesis.

Isahluko 1 sibalisa umbono apho awathi uMoses wabona uThixo kuwo, owamtyhilela lonke icebo losindiso. Izahluko 2–5 ziyingxelo yeNdalo noKuwa komntu. Izahluko 6–7 ziqulathe umbono ngoEnoki nobufundisi bakhe emhlabeni. Isahluko 8 siqulathe umbono ngoNowa noNogumbe omkhulu.

Iincwadi ezinthlanu zikaMoses

Iincwadi zokuqala ezintlanu zeTestamente eNdala zaziwa njengeencwadi zikaMoses. Amacwecwe obhedu kaNifayi athatyathwa kuLabhan ayequlathe iincwadi zikaMoses (1 Nif. 5:11).