Uncedo lweZifundo
Davide


Davide

Ukumkani wakwaSirayeli wamandulo kwiTestamente eNdala.

UDavide wayengunyana kaYese wesizwe sakwaYuda. Wayengumfana okhaliphileyo owabulala ingonyama, ibhere, nesigebenga somFilisti uGoliyati (Ⅰ Sam. 17). UDavide wakhethwa waza wathanjiswa abe ngukumkani wakwaSirayeli. NjengoSawule, kubomi bakhe bobudala wayenetyala lokwaphula umthetho kakhulu, kodwa, enge njengoSawule, wayekwazi ukuba nokutyumka kwenene. Ke ngoko wayenako ukufumana uxolelo, ngaphandle kokubulala u-Uriya (I&M 132:39). Ubomi bakhe bunokwahlulwahlulwa bube ziinxenye ezine: (1) eBhetelehem, apho wayengumalusi (Ⅰ Sam. 16–17); (2) entendelezweni kaKumkani uSawule (Ⅰ Sam. 18:1–19:18); (3) njengomsabi (Ⅰ Sam. 19:18–31:13; Ⅱ Sam. 1); (4) njengokumkani phezu koYuda eHebron (Ⅱ Sam. 2–4), waza ekugqibeleni njengokumkani phezu koSirayeli wonke (Ⅱ Sam. 5–24; Ⅰ OoKum. 1:1–2:11).

Isono sikaDavide sokukrexeza noBhatshebha salandelwa luthotho lwamashwa onakalisa iminyaka yobomi bakhe yokugqibela engamashumi amabini. Isizwe sisonke sasiphumelele ngethuba lolawulo lwakhe, kodwa uDavide ngokwakhe wabulaleka ngenxa yeziphumo zezono zakhe. Kwakukho iimbambano zosapho ezithe gqolo, kwimeko ka-Abhisalom noAdoniya, eyaphelela kuvukelo oluphandle. Ezi zehlo zikukuzaliseka kwesibhengezo sikaNatan umprofeti phezu koNatan umprofeti phezu koDavide ngenxa yesono sakhe (Ⅱ Sam. 12:7–13).

Ngaphandle kwezi ntlekele, ulawulo lukaDavide lwalulolona luhle kwimbali yakwaSirayeli, kuba (1) wamanya iintlanga zasisizwe esinye, (2) wakhusela ibango lelizwe olungenampikiswano, (3) wasekela uburhulumente kwinkolo yenene ukuze intando kaThixo ibe ngumthetho kaSirayeli. Ngenxa yezi zizathu, ulawulo lukaDavide ethubeni lwathatyathwa njengexesha eliyigolide yesizwe nohlobo lwexesha elinozuko ngakumbi xa uMesiya eya kuza (Isaya 16:5; Yer. 23:5; Hez. 37:24–28).

Ubomi bukaDavide bubonisa imfuneko yokuba bonke abantu banyamezele ebulungiseni kuye esiphelweni. Njengomfana, kwakusithiwa ubeyindoda “engantliziyo yayo” iNkosi (Ⅰ Sam. 13:14); njengendoda, wayethetha ngoMoya kwaye enezityhilelo ezininzi. Kodwa wahlawula ixabiso elinzima ngenxa yokungathobeli imiyalelo kaThixo (I&M 132:39).