Uncedo lweZifundo
Simon


Simon

KwiTestamente eNdala, ngunyana wesibini kaYakobi nomfazi wakhe uLeya (Gen. 29:33; 35:23; Eks. 1:2). Wadibana noLevi kwindyikitya yamaShekemayithi (Gen. 34:25–31). Isiprofetho sikaYakobi ngokunxulumene noSimon sifunyanwa kwiGenesis 49:5–7.

Isizwe sikaSimon

Iinzala zikaSimon zahlala rhoqo nesizwe sikaYuda naphakathi kwemida yobukumkani bukaYuda (Yosh. 19:1–9; Ⅰ IziKr. 4:24–33). Isizwe sikaSimon sadibana noYuda emfazweni ngokuchasene name Kanan (AbaG. 1:3, 17). Kanjalo sadibana kamva nemikhosi kaDavide (Ⅰ IziKr. 12:25).