Uncedo lweZifundo
Sityhilelo


Sityhilelo

Unxibelelwano oluvela kuThixo lusiya ebantwaneni Bakhe emhlabeni. Isityhilelo sinokuza ngoKhanyiso lukaKrestu noMoya oyiNgcwele ngendlela yempembelelo, imibono, amaphupha, okanye utyelelo lweengelosi. Isityhilelo sinika isikhokelo esinako ukukhokelela abathembekileyo elusindisweni olungunaphakade kubukumkani beselestiyali.

INkosi ityhila umsebenzi Wayo kubaprofeti Bayo ize iqinisekise kumakholwa okokuba izityhilelo ebaprofetini ziyinyani (Amos 3:7). Ngesityhilelo, iNkosi inika isikhokelo esisodwa kuye wonke umntu osifunayo nonokholo, oguqukayo, kwaye ethobekile kuyo ivangeli kaYesu Krestu. “UMoya oyiNgcwele ngumtyhili,” watsho uJoseph Smith, kwaye “akukho mntu unako ukwamkela uMoya oyiNgcwele ngaphandle kokwamkela izityhilelo.”

KwiBandla leNkosi, uBumongameli boKuqala neKhoram yaBapostile abaLishumi elineSibini bangabaprofeti, iimboni, nabatyhili eBandleni nasehlabathini. UMongameli weBandla nguye kuphela iNkosi ethe yamgunyazisela ukwamkela isityhilelo seBandla (I&M 28:2–7). Wonke umntu unokwamkela isityhilelo sobuqu esisesoncedo olulolwakhe.