Uncedo lweZifundo
Isaya


Isaya

Umprofeti weTestamente eNdala owaprofetha ukususela kowa-740–701 P.K. Njengomcebisi oyintloko kaKumkani uHezekiya, uIsaya wayenempembelelo enkulu yenkolo neyopolitiko.

UYesu wacaphula uIsaya kaninzi ngakumbi kunoko Yena wacaphula nawuphina ongomnye umprofeti. Kanjalo uIsaya ucatshulwe kaninzi nguPetros, uYohane, noPawulos kwiTestamente eNtsha. INcwadi kaMormoni neMfundiso neMinqophiso ziqulathe izicatshulwa ezingakumbi ezivela kuIsaya kunezivela kuye nawuphina omnye umprofeti kwaye zinika uncedo olungakumbi ekutolikeni uIsaya. UNifayi wafundisa abantu bakhe kwimibhalo kaIsaya (2 Nif. 12–24; Isaya 2–14). INkosi yaxelela amaNifayithi okokuba “makhulu amazwi kaIsaya” nokokuba zonke izinto uIsaya awaziprofethayo zisaya kuzalisekiswa (3 Nif. 23:1–3).

Incwadi kaIsaya

Yincwadi ekwiTestamente eNdala. Iziprofetho ezininzi zikaIsaya zithetha ngokuza koMkhululi, nobufundisi Bakhe basemhlabeni (Isaya 9:6) nanjengoKumkani oMkhulu ngomhla wokugqibela (Isaya 63). Kanjalo waprofetha kakhulu ngekamva likaSirayeli.

Isahluko 1 siyintshayelelo yentsalela yencwadi. Isaya 7:14; 9:6–7; 11:1–5; 53; nesama 61:1–3 waxela umsebenzi woMsindisi. Izahluko 2, 11, 12, ne35 zithetha ngeziganeko ngemihla yokugqibela, xa ivangeli iya kubuyiselwa, uSirayeli uya kuhlanganiswa, nelizwe elinxaniweyo liya kudubula njengerozi. Isahluko 29 siqulathe isiprofetho sokuza ngaphambili kweNcwadi kaMormoni (2 Nif. 27). Izahluko 40–46 zibhengeza ukongama kukaYehova njengoThixo oyinene phezu koothixo bezithixo zabanquli abangabahedeni. Eziseleyo izahluko, 47–66, zithetha ngeziganeko zobuyiselo lokugqibela lukaSirayeli nokumiselwa kweZiyon, neNkosi ihleli phakathi kwabantu Bayo.