Uncedo lweZifundo
MaYuda


MaYuda

AmaYuda anokuba (1) yinzala kaYuda, omnye woonyana abalishumi elinesibini bakaYakobi, (2) abantu bobumkani basezantsi bamandulo bakwaYuda, okanye (3) abantu abenza inkolo, iindlela zokuphila, nezithethe zobuYuda kodwa benokuba okanye benokungabi ngamaYuda ngokuzalwa. Ithe yaba kokuqhelekileyo ukusebenzisa igama umYuda kubhekiswa kuyo yonke inzala kaYakobi, kodwa le yimposiso. Kumele ukuphelela kwabo bokumkani bakwaYuda okanye, ngokukhethekileyo ngakumbi namhlanje, abo besizwe sikaYuda namadlelane akhe.