Uncedo lweZifundo
Mthandazo


Mthandazo

Unxibelelwano oluzolileyo noThixo ngethuba umntu anika ngalo imibulelo aze acele iintsikelelo. Imithandazo ibhekiswa kuBawo wethu osemaZulwini egameni likaYesu Krestu. Imithandazo inako ukuba inganokuthethwa ngokuvakalayo okanye ngokuthe cwaka. Iingcinga zomntu kanjalo zinokuba ngumthandazo ukuba zijoliswe kuThixo. Ingoma yamalungisa ingaba ngumthandazo kuThixo (I&M 25:12).

Injongo yomthandazo ayiyiyo eyokutshintsha intando kaThixo, kodwa kukuzizuzela iziqu zethu nabanye iintsikelelo uThixo asele ethanda ukuzinika, kodwa oko simele ukukucela ukuze sikuzuze.

Sithandaza kuBawo egameni likaKrestu (Yoh. 14:13–14; 16:23–24). Sinako ngokwenene ukuthandaza egameni likaKrestu xa iminqweno yethu iyiminqweno kaKrestu (Yoh. 15:7; I&M 46:30). Sicela ngoko izinto ezilungileyo kwaye njalo ekwenzekayo ukuba uThixo azinike (3 Nif. 18:20). Eminye imithandazo ihlala ingaphendulwa ngenxa yokuba ayimelanga iminqweno kaKrestu nangayiphina indlela kodwa endaweni yoko iphuphuma ukuzicingela komntu (Yak. 4:3; I&M 46:9). Ngokwenene, ukuba sicela uThixo izinto ezingalunganga, iya kujikela ekugwetyweni kwethu (I&M 88:65).