Uncedo lweZifundo
Pawulos


Pawulos

NguMpostile kwiTestamente eNtsha. Igama likaPawulos lesiHebhere nguSawule, kwaye wahamba ngeli gama kwade kwasekuqalekeni komsebenzi wakhe eziNtlangeni. Wayethe ngaphambili watshutshisa iBandla kodwa waguqulelwa enyanisweni yalo emva kokubona umbono kaYesu Krestu. UPawulos waya kwihambo ezintathu zobufundisi ezinkulu kwaye wabhala iincwadi ezininzi eziya kwabaNgcwele. Ezilishumi elinesine zezi ncwadi zenza inxenye yeTestamente eNtsha namhlanje. Ekugqibeleni wathathwa njengebanjwa wasiwa eRoma waza wabulawa, mhlawumbi ngentwasahlobo ya-65 E.K.