Uncedo lweZifundo
Lihayi, uyise kaNifayi


Lihayi, uyise kaNifayi

KwiNcwadi kaMormoni, ngumprofeti ongumHebhere awakhokela usapho lwakhe nabalandeli ukuphuma eYerusalem ukuya elizweni lesithembiso kwihemisfere esentshonalanga malunga nama-600 P.K. ULihayi waba ngumprofeti wokuqala phakathi kwabantu bakhe kwiNcwadi kaMormoni.

ULihayi wasabela eYerusalem kunye nosapho lwakhe ngomyalelo weNkosi (1 Nif. 2:1–4). Wayeyinzala kaYosefu, owathengiselwa eYiputa (1 Nif. 5:14). INkosi yamnika umbono womthi wobomi (1 Nif. 8:2–35). ULihayi noonyana bakhe bakha inqanawe baza baya kwihemisfere esentshonalanga (1 Nif. 17–18). Yena nenzala yakhe baba nokuzimisela kwilizwe elitsha (1 Nif. 18:23–25). Phambi kokuba afe, uLihayi wasekelela oonyana bakhe kwaye wabafundisa ngoKrestu nokuza ngaphambili kweNcwadi kaMormoni ngemihla yokugqibela (2 Nif. 1:1–4:12).

Incwadi kaLihayi

UJoseph Smith waqala ngencwadi kaLihayi xa wayeguqulela iNcwadi kaMormoni. Yayiyimbali uMormoni awathi wayishwankathela ukusuka kumacwecwe kaLihayi. Emva kokuba enamaphepha ali-116 ombhalo-ngqangi athe wawaguqulela ukusuka kule ncwadi, uJoseph wanika umbhalo-ngqangi uMartin Harris, obethe ngokufatshene wakhonza njengonobhala kaJoseph ekuguquleleni iNcwadi kaMormoni. Amaphepha ngoko ke alahleka. UJoseph akazange ayiguqule incwadi kaLihayi ukubuyisa umbhalo-ngqangi olahlekileyo kodwa endaweni yoko waguqulela ezinye iingxelo ezinxibeleleneyo zisuka kumacwecwe egolide (Bona isihloko I&M secandelo 3; 10). Ezi ngxelo zizezinye ngoku zizincwadi zokuqala ezintandathu zeNcwadi kaMormoni.