Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 130


Icandelo 130

Uluhlu lwemiyalelo enikwe nguJoseph Smith uMprofeti, eRamus, eIllinois, Aprili 2, 1843.

1–3, UYise noNyana banokubonakala ngeziqu ebantwini; 4–7, Iingelosi zihlala kwindawo eyiselestiyali; 8–9, Umhlaba oyiselestiyali uya kuba yiYurim neTumim; 10–11, Ilitye elimhlophe linikwe bonke abangena kwihlabathi iselestiyali; 12–17, Ixesha lokuBuya kweSibini lifihliwe kuBaprofeti; 18–19, Ulwazi oluzuzwe kobu bomi buvuka nathi eluVukweni; 20–21, Zonke iintsikelelo ziza ngokuthobela umthetho; 22–23, UYise noNyana banemizimba yenyama namathambo.

1 Xa uMsindisi eya akubonakala siya kumbona njengoko enjalo. Siya kubona ukuba bungumntu njengathi.

2 Kwaye ekwanjalo intlalontle ekhoyo phakathi kwethu apha, iya kubakho phakathi kwethu apho, kuphela iya kudityaniswa anobuqaqawuli banaphakade, buqaqawuli obo ngoku esingabuxhamliyo.

3 UYohane 14:23—Ukubonakala akoYise bnoNyana, kulo vesi, ckukubonakala ubuqu; kwaye nembono yokuba uYise noNyana dbahlala entliziyweni yomntu yimbono endala yeenkolo, kwaye ayiyiyo inyaniso.

4 Ekuphenduleni umbuzo—Ingaba akunjalo na ukubala akwexesha likaThixo, ixesha leengelosi, ixesha labaprofeti, ngokunxulumene neplanethi abahlala kuyo?

5 Ndiyaphendula, Ewe. Kodwa akukho azingelosi ezilungiselelayo kulo mhlaba ngaphandle kwabo bangowawo okanye babengowawo.

6 Iingelosi azihlali kwiplanethi enjengalo mhlaba;

7 Kodwa zihlala ebusweni bukaThixo, kwingqukuva aenjengolwandle lweglasi bnomlilo, apho zonke izinto zibonakala ngenxa yobuqaqawuli bazo, ixesha eludlulileyo, ixesha langoku, nexesha elizayo, kwaye ziqhubekeka ziphambi kweNkosi.

8 Indawo apho uThixo ahlala khona aiyiYurim neTumim enkulu.

9 Lo amhlaba, kwimo yawo yokungcwaliseka neyokungafi, uya kwenziwa ufane nekristale kwaye uya kuba yiYurim neTumim kubemi abahlala phezu kwawo, ngawo zonke izinto ziphathelele kubukumkani obungaphantsi, okanye zonke izikumkani zohlobo olungezantsi, ziya kubonakaliswa kwabo bahlala kuwo; kwaye lo mhlaba iya kuba ngokaKrestu.

10 Ngoko ke ilitye elimhlophe elikhankanyiweyo kwiSityhilelo 2:17, liya kuba yiYurim neTumim komnye ngamnye ofumana elinye, ngazo izinto eziphathelele kuhlobo oluphakame ngakumbi lwezikumkani eziya kwenziwa zazeke;

11 Kwaye ailitye elimhlophe linikwe komnye wabo abeza kubukumkani beselestiyali, phezu kwalo kukho bigama elitsha elibhaliweyo, ekungekho mntu ulaziyo kuphela ngulowo ulifumanayo. Igama elitsha ligama elisisitshixo.

12 Ndiprofetha, egameni leNkosi uThixo, kuba ukuqalisa akweenzima eziya kubangela impalalo-gazi enkulu eyandulela ukuza koNyana woMntu iya kuba bseMzantsi Carolina.

13 Inokuvuka mhlawumbi ngomba wobukhoboka. Eli lilizwi elibhengezwe kum, ngethuba ebendithandaza ngokunyanisekileyo ngesihloko, kuDisemba ngowama-25, 1832.

14 Kanye ndandithandaza ngokunyaniseke kakhulu ekwazini ixesha alokuza koNyana woMntu, xa ndeva ilizwi liphindaphinda okulandelayo:

15 Joseph, nyana wam, ukuba wena unokuphila ude ube neminyaka engamashumi asibhozo anesihlanu ubudala, wena uya kububona ubuso boNyana woMntu; ke ngoko oku makwanele, kwaye ungabuyi undikhathaze kulo mba.

16 Ndashiywa njalo, ngaphandle kokuba nako ukugqiba okokuba oku kuza kubhekisele ekuqaleni kwemileniyam okanye ekubonakaleni okuthile kwangaphambili, okanye nokokuba ndimele ukufa ndize njalo ndibone ubuso bakhe.

17 Ndikholelwa ekubeni ukuza koNyana woMntu akuyi kukhawuleza nangaluphina uhlobo kunelo xesha.

18 Nawuphina umgaqo awobukrelekrele esiwuzuzayo kobu bomi, uya kuvuka kunye nathi beluvukweni.

19 Kwaye ukuba umntu uzuza aulwazi nobukrelekrele kobu bomi bngenkuthalo yakhe cnokuthobeka kunomnye, uya kuba dnethuba elikhulu kwihlabathi elizayo.

20 Kukho aumthetho, umiselo wasezulwini ongenakubhangiswa bphambi kweziseko zeli hlabathi, phezu kwawo kusekelwe zonke ciintsikelelo—

21 Kwaye xa sizuza nayiphina intsikelelo evela kuThixo, kungokuthobela la mthetho usekelwe phezu kwawo.

22 aUYise bunomzimba wenyama namathambo obambekayo njengowomntu; uNyana ngokunjalo; kodwa cuMoya oyiNgcwele awunawo umzimba wenyama namathambo, kodwa usisiqu soMoya. Ukuba bekungenjalo, uMoya oyiNgcwele ubungenako ukuhlala kuthi.

23 Umntu unokuzuza auMoya oyiNgcwele, kwaye unokuhla phezu kwakhe kwaye ungahlali kunye naye.