Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 81


Icandelo 81

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eHiram, eOhio, Matshi 15, 1832. UFrederick G. Williams ubizelwa ukuba ngumbingeleli omkhulu nomcebisi kuBumongameli boBubingeleli obuKhulu. Iirekhodi zembali zibonakalisa ukuba xa esi sityhilelo sasifunyanwa ngoMatshi 1832, sabizela uJesse Gause eofisini yobucebisi kuJoseph Smith kuBumongameli. Nangona kunjalo, xa wasilela ukuqhubekeka ngohlobo lwesivumelwano nolu nyulo, ubizo kamva lwatshintshelwa kuFrederick G. Williams. Isityhilelo (esihambisana noMatshi 1832) simele ukuthathwa njengenyathelo elibheka ekwakhiweni okusemthethweni koBumongameli boKuqala, ngokukodwa ubizelo lweofisi yobucebisi kuloo mzimba kwaye lucacisa isidima solonyulo. UMzalwana uGause usebenze ixesha kodwa usikwe eBandleni ngoDisemba 1832. UMzalwana uWilliams wamiselwa kwiofisi ebalulweyo ngoMatshi 18, 1833.

1–2, Izitshixo zobukumkani zisoloko ziphethwe buBumongameli boKuqala; 3–7, Ukuba uFrederick G. Williams uthembekile ebufundisini bakhe, uya kuba nobomi obungunaphakade.

1 Inene, inene, ndithi kuwe sicaka sam Frederick G. Williams: Mamela elizwini lalowo uthethayo, elizwini leNkosi uThixo wakho, uze uphulaphule elubizweni obizelwe kulo, nkqu ekubeni angumbingeleli omkhulu ebandleni lam, nobucebisi kwisicaka sam uJoseph Smith, Omnci.;

2 Endinikele kuye aizitshixo zobukumkani, ezisoloko bizezoBumongameli boBubingeleli oBukhulu:

3 Ke ngoko, inene ndiyamvumela kwaye ndiya kumsikelela, kananjalo nawe, njengokuba uthembekile ebucebisini, kwiofisi endikonyulele kuyo, ngokuthandaza rhoqo, uvakalisa nasentliziyweni yakho, esidlangalaleni nangasese, kanjalo ebufundisini bakhe ekubhengezeni ivangeli elizweni labaphilileyo, naphakathi kwabazalwana bakho.

4 Kwaye ekwenzeni ezi zinto uya kwenza okona kulunga kugqithisileyo kubazalwana bakho, kwaye uya kunyusa auzuko lwalowo uyiNkosi yakho.

5 Ngako oko, thembeka; yima kwiofisi endikonyulele kuyo; anceda ababuthathaka, phakamisa izandla eziwileyo, uze bwomeleze camadolo ahexayo.

6 Kwaye ukuba uthembeke kwaya esiphelweni uya kuba nesithsaba aesingafiyo, bnobomi obungunaphakade ckwiindawo zokuhlala ezilungisiweyo endlwini kaBawo.

7 Qaphela, kwaye yabona, la ngamazwi ka-Alfa no-Omega, nkqu uYesu Krestu. Amen.