Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 89


Icandelo 89

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Februwari 27, 1833. Njengesiphumo sabazalwana basekuqaleni ababesebenzisa icuba kwiintlanganiso zabo, uMprofeti wakhokelelwa ekuphononongeni umba; ngokulandelayo, wabuza eNkosini ngokunxulumene nawo. Esi sityhilelo, saziwa njengeLizwi loBulumko, saba sisiphumo.

1–9, Ukusetyenziswa kwewayini, neziselo ezinamandla, icuba, neziselo ezishushu akuvunyelwanga; 10–17, Amahlamvu amayeza, iziqhamo, inyama, neenkozo zimiselwe usetyenziso lwabantu nolwezilwanyana; 18–21, Ukuthobela umthetho we vangeli, ubandakanya neLizwi loBulumko, kuzisa iintsikelelo zenyama nezomoya.

1 aIlizwi loBulumko, lenzelwa inzuzo yequmrhu lababingeleli abakhulu, abahlanganisene eKirtland, nebandla, kananjalo nabangcwele eZiyon—

2 Ukuthunyelwa umbuliso; ingenguwo umyalelo okanye isinyanzelo, kodwa ngesityhilelo nangelizwi lobulumko, zibonisa ngaphambili umyalelo anentando kaThixo kusindiso lwenyama lwabo bonke abangcwele ngemihla yokugqibela—

3 Linikelwe umgaqo kunye anesithembiso, lilungiselela amandla ababuthathaka nabona babuthathaka ngokugqithisileyo babo bonke babangcwele, abangabangcwele okanye abanokubizwa.

4 Qaphelani, inene, itsho njalo iNkosi kuni: Kwisiphumo asobubi nokuyila okukhoyo nokuya kubakho ezintliziyweni zabantu babenza amayelenqe ngemihla yokugqibela, cndinilumkisile, kwaye ndinilumkise kwa ngaphambili, ngokuninika eli lizwi lobulumko ngesityhilelo—

5 Ukuze nanjengokuba nawuphina umntu esela aiwayini okanye isiselo esinamandla phakathi kwenu, qaphelani oko akulunganga, kungafanelekanga nasemehlweni kaYihlo, kuphela xa nizihlanganise kunye ninikela imithendeleko yenu phambi kwakhe.

6 Kwaye, qaphelani, oku kumele ibe yiwayini, ewe, aiwayini engcwengileyo yediliya yesidiliya, esenziwe nini.

7 Kwaye, kwakhona, aiziselo ezinamandla azizizo ezesisu, kodwa zezokuhlamba imizimba yenu.

8 Kwaye kwakhona, icuba asililo aelomzimba, ingelilo nelesisu, kwaye alimlungelanga umntu, kodwa lihlamvu eliliyeza lemigruzuko neenkomo zonke ezigulayo, limele ukusetyenziswa ngentelekelelo nobuchule.

9 Kwaye kwakhona, iziselo ezishushu azizizo ezomzimba okanye isisu.

10 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, onke aamahlamvu angamayeza aphilisayo uThixo uwamisele ukwakheka, indalo, nosetyenziso lomntu—

11 Onke amahlamvu angameyeza exesheni lawo, neziqhamo zonke exesheni lazo; zonke ezi zimele ukusetyenziswa ngobulumko anangemibulelo.

12 Ewe, kanjalo ainyama byezilwanyana neyeentaka zezulu, mna, iNkosi, ndiyimisele ukusetyenziswa ngabantu ngemibulelo; nangona kunjalo zimele ukusetyenziswa cngoqoqosho;

13 Kwaye kuyandikholisa okokuba zimele ukuba zingasetyenziswa, kuphela ngamaxesha obusika, okanye engqele, okanye endlala.

14 Zonke aiinkozo zimiselwe ukusetyenziswa ngabantu nezilwanyana, zibe ngumsimelelo wobomi, ingekuphela ebantwini kodwa izilwanyana zasendle, neentaka zezulu, nazo zonke izilwanyana zasendle ezibalekayo okanye ezirhubuluza emhlabeni;

15 Kwaye ezi uThixo uzenzele ukusetyenziswa ngabantu kuphela ngamaxesha endlala nendlala egqithisileyo.

16 Zonke iinkozo zilungele ukutya kwabantu; kanjalo njengesiqhamo sesidiliya; eso sivelisa isiqhamo, nokokuba kusemhlabeni okanye ngaphezu komhlaba—

17 Nangona kunjalo, ingqolowa yeyomntu, nerhasi yeyenkomo, nehabile yeyehashe, narayi yeyentaka neehagu, nazo zonke izilwanyana zasendle, nerhasi yeyazo zonke izilwanyana ezinoncedo, nokwenza iziselo ezingenancasa ibukhali, kanjalo njengezinye iinkozo.

18 Kwaye bonke abangcwele abakhumbulayo ukugcina nokwenza ezi ntetho, behamba ekuthobeleni imiyalelo, baya kufumana aimpilo enkabeni yabo nomongo emathanjeni abo;

19 Kwaye baya kufumana aubulumko neendyebo ezinkulu byolwazi, nkqu iindyebo ezifihliweyo;

20 Kwaye baya akubaleka baze bangadinwa, kwaye baya kuhamba baze bangatyhafi.

21 Kwaye mna, iNkosi, ndibanika aisithembiso, okokuba ingelosi etshabalalisayo iya bkudlula kubo, njengabantwana bakaSirayeli, ize ingababulali. Amen.