Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 58


Icandelo 58

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eZiyon, eJackson Khawunti, eMissouri, Agasti 1, 1831. Ngaphambili nje, ngeSabatha yokuqala emva kokufika koMprofeti neqela lakhe eJackson Khawunti, eMissouri, kwabakho intlangano yebandla yathi yabakho, aze amalungu amabini amkelwa ngobhaptizo. Apha evekini, abanye babaNgcwele baseColesville ababevela kwiSebe iThompson nabanye bafika (bona icandelo 54). Abaninzi babefuna ngamandla ukufunda intando yeNkosi ngokunxulumene nabo kwindawo entsha yokuhlanganela.

1–5, Abo banyamezela iinkxwaleko baya kuthweswa ngozuko; 6–12, AbaNgcwele mabalungiselele umsitho weMvana nesidlo somsitho weNkosi; 13–18, Oobhishophu ngabagwebi bakwaSirayeli; 19–23, AbaNgcwele mabathobele imithetho yelizwe; 24–29, Abantu mabasebenzise igunya labo lokuzikhethela ekwenzeni okulungileyo; 30–33, INkosi iyayalela ize irhoxise; 34–43, Ekuguqukeni, abantu bamele ukuvuma nokulahla izono zabo; 44–58, AbaNgcwele mabathenge ilifa labo baze bahlanganisane eMissouri; 59–65, Ivangeli imele ukushunyayelwa kuzo zonke izidalwa.

1 Phulaphulani, Owu nina badala bebandla lam, nize nibazele indlebe ilizwi lam, nize nifunde kum oko intando yam ikunxulumanise nani, kananjalo kunxulumene aneli lizwe endithe ndanithumela kulo.

2 Kuba inene ndithi kuni, unoyolo lowo auyigcinayo imiyalelo yam, nokokuba kusebomini okanye bekufeni; kwaye lowo cuthembekileyo dkwiinkxwaleko, umvuzo wonjalo mkhulu ngakumbi ebukumkanini bezulu.

3 Aninako ukuqaphela ngamehlo enu endalo, okwa kaloku nje, icebo aloThixo wenu ngokunxulumene nezo zinto eziya kuza emva koku, bnozuko oluya kulandela emva kwenkxwaleko enkulu.

4 Kuba emva akwenkxwaleko enkulu kuza biintsikelelo. Ngako oko umhla uyeza eniya ckuthweswa dngozuko olukhulu; alikafiki ilixa, kodwa ihlobo selikufuphi.

5 Khumbulani oku, ebendinixelele ngaphambili, okokuba aningakubeka entliziyweni, nize nizuze oko kuya kulandela.

6 Qaphelani, inene ndithi kuni, ngesi sizathu ndinithumele—okokuba nithobeke, nokokuba iintliziyo zenu zibe anokulungiselela ukunika bubungqina bezinto ezisezayo;

7 Kananjalo ibe nokuhlonitshwa ekubekeni isiseko, nasekunikeni imbali yelizwe apho aiZiyon kaThixo iya kuma khona;

8 Kananjalo okokuba isidlo sezinto ezityebileyo zibe nokulungiselelwa aamahlwempu; ewe, isidlo sezinto ezityebileyo, sewayini begcinwe ngeentsipho, okokuba umhlaba ube nokukwazi ukuba imilomo yabaprofeti ayisayi kusilela;

9 Ewe, isidlo sendlu yeNkosi, esilungiswe kakuhle, apho kuzo zonke izizwe ziya kumenyelwa.

10 Okokuqala, abazizityebi nabafundileyo, abalumkileyo nabandilisekileyo;

11 Kwaye emva koko kuya kuza loo mini yamandla am; ngoko amahlwempu, iziqhwala, neemfama, nezithulu, ziya kuza aemsithweni weMvana, zidle bisidlo seNkosi, esilungiselelwe loo mini inkulu izayo.

12 Qaphelani, mna, iNkosi, nditshilo.

13 Nokuba aubungqina buya kuhamba buvela eZiyon, ewe, emlonyeni wesixeko selifa likaThixo—

14 Ewe, ngesi sizathu ndinizise apha, kwaye ndisonyule isicaka sam auEdward Partridge, ndaze ndamisela kuye umsebenzi wakhe kweli lizwe.

15 Kodwa ukuba akaguquki ezonweni zakhe, ezikukungakholelwa nobumfama bentliziyo, makalumke hleze aawe.

16 Qaphelani umsebenzi wakhe unikwe yena, kwaye awuyi kunikwa kwakhona.

17 Kwaye lowo umi kulo msebenzi umiswe ukuba abe angumgwebi kwaSirayeli, njengoko kwakunjalo kwimihla yamandulo, ekwahluleni amazwe elifa likaThixo bkubantwana bakhe;

18 Nokugweba abantu bakhe ngobungqina bamalungisa, nangoncedo lwabacebisi bakhe, ngokunxulumene nemithetho yobukumkani enikwe angabaprofeti bakaThixo.

19 Kuba inene ndithi kuni, umthetho wam uya kugcinwa kweli lizwe.

20 Makungabikho mntu ucinga ukuba ungumlawuli; kodwa makuyekwe uThixo amlawule lowo ugwebayo, ngokunxulumene necebiso lentando yakhe, okanye, ngamanye amazwi, lowo ucebisayo okanye uhleli phezu kwesihlalo sokugweba.

21 Makungabikho mntu waphula aimithetho yelizwe, kuba lowo uyigcinayo imithetho kaThixo akukho mfuneko yokwaphula imithetho yelizwe.

22 Ngako oko, thobelani amandla akhoyo, ade aalawule lowo ililungelo lakhe ukulawula, kwaye oyisele zonke iintshaba phantsi kweenyawo zakhe.

23 Qaphelani, aimithetho enithe nayifumana evela esandleni sam yimithetho yebandla, kwaye koku kukhanya niya kuyibamba. Qaphelani, nabu ubulumko.

24 Kwaye ngoku, njengoko ndathetha ngokunxulumene nesicaka sam uEdward Partridge, eli lizwe lilizwe lokuhlala kwakhe, kwanabo athe wabonyulela ukuba ngabacebisi bakhe; kananjalo ilizwe lokuhlala lalowo endithe ndamnyula ukuba agcine auvimba wam;

25 Ngako oko, mabazise iintsapho zabo kweli lizwe, njengoko beya kucebisana phakathi kwabo kunye nam.

26 Kuba qaphelani, akufanelekanga ukuba ndiyalele kuzo zonke izinto; kuba lowo unyanzelwayo kwizinto zonke, onjalo aulivila aze angabi sisicaka esilumkileyo; ngako oko akafumani mvuzo.

27 Inene ndithi, abantu amabaxhinele ukuzinikela kwinjongo elungileyo, baze benze izinto ezininzi ngokwentando yabo ekhululekileyo, baze bazise ubulungisa obungakumbi;

28 Kuba amandla akubo, apho abaziarhente zeziqu zabo. Kwaye njengokuba abantu besenza okulungileyo abasayi kuphulukana nomvuzo wabo nangayiphina indlela.

29 Kodwa lowo ungenzi nayiphina into kude kube uyayalelwa, aze afumane umyalelo ngentliziyo ethandabuzayo, aze awugcine ngobuvila, onjalo augwetyiwe.

30 Ndingubani mna lowo awenze umntu, itsho iNkosi, uya kumenza angabi natyala lowo ungayithobeliyo imiyalelo yam?

31 Ndingubani mna, itsho iNkosi, othe awathembisa waze akazalisekisa?

32 Ndiyayalela baze abantu bangathobeli; andiyarhoxisa kwaye bangafumani ntsikelelo.

33 Ngoko bathi ezintliziyweni zabo: Lo asinguwo umsebenzi weNkosi, kuba izithembiso zayo azizalisekanga. Kodwa yeha kwabo, kuba umvuzo wabo ugoxile angaphantsi, kwaye awuveli ngasentla.

34 Kwaye ngoku ndinika nina izikhokelo eziqhubekekayo ngokunxulumene neli lizwe.

35 Bubulumko obukum bokokuba isicaka sam uMartin Harris abe ngumzekelo kulo ibandla, aazise iimali zakhe phambi kwebhishophu yebandla.

36 Kananjalo, lo ngumthetho kuye wonke umntu oza kweli lizwe ukuze afumane ilifa; kwaye uya kwenza ngeemali zakhe njengoko umthetho ukhokela.

37 Kwaye bubulumko kanjalo okokuba kumele kubekho imihlaba ethengwe eIndependence, eyiyeyendawo kavimba, kananjalo neyendlu ayokushicilela.

38 Kwaye ezinye izikhokelo ngokunxulumene nesicaka sam uMartin Harris ziya kunikwa yena ngokoMoya, okukuba abe nokufumana ilifa lakhe njengokubonwa elungile;

39 Kwaye makaguquke ezonweni zakhe, kuba uzungula aukunconywa lihlabathi.

40 Kananjalo yenzani isicaka sam auWilliam W. Phelps eme kwiofisi endimnyulele yona, aze afumane ilifa lakhe elizweni;

41 Kananjalo ufanele ukuguquka, kuba mna, iNkosi, andanelisekanga nguye, kuba ufuna ukuvelela, kwaye akalulamanga ngokwaneleyo phambi kwam.

42 Qaphelani, lowo uthe awaguquka ezonweni zakhe, onjalo buxolelwe, kwaye mna, iNkosi, candizikhumbuli kwakhona.

43 Ngoko ke ninokwazi ukuba umntu uguqukile ezonweni zakhe—qaphelani, uya akuzivuma aze bazilahle.

44 Kwaye ngoku, inene, ndithi ngokunxulumene nentsalela yabadala bebandla lam, ixesha alikafiki, kuba yiminyaka emininzi, ukuze bona bafumane ilifa labo kweli lizwe, ngaphandle kokuba bayafuna ngomthandazo wokholo, kuphela njengoko liya kunyulelwa kubo ngokweNkosi.

45 Kuba, qaphelani, baya akuhlanganisela abantu kunye ukususela kwiziphelo zomhlaba.

46 Ngako oko, zihlanganiseni kunye; baze abo bangonyulwanga bahlale kweli lizwe, nibayeke bashumayele ivangeli kwiingingqi eziningqongileyo; kwaye emva koko nibavumele babuyele emakhayeni abo.

47 Bavumeleni bashumayele ngendlela, baze abenze ubungqina benyaniso kuzo zonke iindawo, baze babize izityebi, abaphakamileyo nabathobekileyo, nabangamahlwempu baguquke.

48 Kwaye nibavumele bakhe aamabandla, njengokuba abemi bomhlaba beya kuguquka.

49 Kwaye vumelani kubekho iarhente eyonyulwe ngelizwi lebandla, ngalo ibandla eOhio, ukufumana iimali zokuthenga imihlaba aeZiyon.

50 Kwaye ndinika isicaka sam uSidney Rigdon umyalelo, wokokuba uya akubhala inkcazo yomhlaba weZiyon, nengxelo yentando kaThixo, njengoko iya kwenziwa ukuba yaziwe nguMoya kuye;

51 Kwaye ileta nomrhumo, maziziswe kuwo onke amabandla ukuzuza iimali, zokubekwa ezandleni zikabhishophu, ngokwakhe okanye iarhente, njengokuba kubonakala kulungile kuye okanye njengoko eya kukhokela, ekuthengeni imihlaba ngokwelifa labantwana bakaThixo.

52 Kuba, qaphelani, inene ndithi kuni, iNkosi ithanda okokuba abafundi nabantwana babantu mabavule iintliziyo zabo, nkqu ekuthengeni le ngingqi ipheleleyo yelizwe, ngokukhawuleza njengokuba ixesha liya kuvuma.

53 Qaphelani, nabu ubulumko. Bavumeleni benze oku hleze bangazuzi naliphina ailifa, ngaphandle kokuba kube kungokuphalazwa kwegazi.

54 Kwaye kwakhona, njengokuba kwakukho umhlaba abawufumeneyo, makubekho amadoda okusebenza athunyelwayo eendidi zonke kweli lizwe, asebenzele abangcwele bakaThixo.

55 Mazenzeke zonke ezi zinto ngocwangco; kwaye kwenziwe amalungelo awodwa emihlaba aziwe amaxesha ngamaxesha, ngubhishophu okanye iarhente yebandla.

56 Kwaye vumelani umsebenzi wokuhlanganiswa ungangxanyisiswa, nangokusaba; kodwa mayenziwe njengoko iya kucetyiswa ngabadala bebandla kwiinkomfa, ngokunxulumene kulwazi abalufumana amaxesha ngamaxesha.

57 Kwaye vumelani isicaka sam uSidney Rigdon athambise aze abingelelele eli lizwe, nendawo ayetempile, eNkosini.

58 Kwaye vumelani intlanganiso yenkomfa ibizwe; kwaye emva koko vumelani izicaka zam uSidney Rigdon noJoseph Smith, Omnci., babuye, kananjalo uOliver Cowdery kunye nabo, baphumelelise intsalela yomsebenzi endithe ndawonyulela bona elizweni elilelabo, nentsalela njengokuba iya akulawulwa ziinkomfa.

59 Kwaye ningavumeli mntu abuyele kweli lizwe ngaphandle kokuba aunike ubungqina apha endleleni, boko akwaziyo kwaye akholelwa eqiniseke ngokugqithisileyo ngako.

60 Vumelani oko kuthe kwanikelwa kuZiba Peterson kuthatyathwe kuye; nimvumele eme njengelungu ebandleni, aze asebenze ngezandla zakhe, kunye nabazalwana, kude kube auqeqeshwe ngokwaneleyo ngezono zakhe zonke; kuba akazivumanga, kwaye ucinga ukuzifihla.

61 Vumelani intsalela yabadala beli bandla, abeza kweli lizwe, abanye babo abasikelelwe ngokugqithisileyo kwanangaphaya komlinganiselo, kanjalo babambe inkomfa phezu kweli lizwe.

62 Kwaye nivumele isicaka sam uEdward Partridge akhokele inkomfa eya kubanjwa ngabo.

63 Kananjalo bavumeleni babuye, beshumayela ivangeli endleleni, benika ubungqina bezinto ezityhiliweyo kubo.

64 Kuba, inene, isandi masihambele phambili ukusuka kule ndawo ukuya kulo lonke ihlabathi, kwaye kuzo iindawo ezikude zomhlaba—ivangeli amayishunyayelwe kuzo zonke izidalwa, belandelwa byimiqondiso yabo bakholwayo.

65 Kwaye qaphelani uNyana woMntu auyeza. Amen.