Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 6


Icandelo 6

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti no-Oliver Cowdery, eHarmony, ePennsylvania, Aprili 1829. UOliver Cowdery waqalisa umsebenzi wakhe njengonobhala kuguqulelo lweNcwadi kaMormoni, Aprili 7, 1829. Wayesele efumene imbonakalo enyulu yenyaniso yobungqina boMprofeti ehlonipha amacwecwe apho kwakukrolwe khona imbali yeNcwadi kaMormoni. UMprofeti wabuza eNkosini ngeYurim neTumim waza wafumana le mpendulo.

1–6, Abasebenzi entsimini yeNkosi bazuza usindiso; 7–13, Asikho isipho esikhulu kunosindiso; 14–27, Ingqina lenyaniso liza ngamandla oMoya; 28–37, Khangela kuKrestu, uze wenze ukulunga ungayeki.

1 Umsebenzi omkhulu anomangalisayo sele kukufutshane ukuba uze phambili ebantwaneni babantu.

2 Qaphela, ndinguThixo; nika inyameko ailizwi lam, elikhawulezayo nelinamandla, belibukhali kunekrele elintlangothi-mbini, elohlula phakathi zombini amalungu nomongo; ke ngoko nika inyameko amazwi am.

3 Qaphela, aintsimi ivuthiwe ilungele ukuvunwa; ke ngoko, ubani lowo unqwenela ukuvuna, makaphose irhengqe yakhe ngamandlakazi akhe, aze avune ngeli thuba imini isekho, ukuze agcinele phezulu umphefumlo wakhe usindiso lwanaphakade ebukumkanini bukaThixo.

4 Ewe, ubani lowo uya akuphosa irhengqe yakhe aze avune, onjalo ubizwe nguThixo.

5 Ke ngoko, ukuba uya akucela kum uya kufumana; ukuba uya kunkqonkqoza uya kuvulelwa.

6 Ngoku, njengokuba ucelile, qaphela, ndithi kuwe, gcina imiyalelo yam, uze aufune ukuzisa ngaphambili nokuseka injongo byeZiyon;

7 aMusa ukungxamela bubutyebi kodwa mayibe cbubulumko, kwaye qaphela, diimfihlelo zikaThixo ziya kutyhilwa kuwe, kwaye ngoko uya kwenziwa isityebi. Qaphela, lowo eunobomi obungunaphakade sisityebi.

8 Inene, inene, ndithi kuwe, kwananjengokuba unqwenela okwam oko kuya kuba njalo kuwe; kwaye ukuba uyanqwenela, uya kuba yindlela yokwenza okulunge ngakumbi kwesi sizukulwana.

9 Musa ukuthetha nto kodwa ainguquko kwesi sizukulwana; gcina imiyalelo yam, uze uncedise ekuziseni ngaphambili umsebenzi wam, ngokunxulumene nemiyalelo yam, kwaye uya kusikelelwa.

10 Qaphela wena unesipho, kwaye wena usikelelwe ngenxa yesipho sam. Khumbula ukuba asinyulu kwaye sivela ngasentla—

11 Kwaye ukuba ufuna aukubuza, wena uya kwazi biimfihlelo ezinkulu nezimangalisayo; ke ngoko wena sebenzisa cisipho sakho, okokuba wena ube nokufumana iimfihlelo, okokuba wena ube nokuzisa ulwazi oluninzi lwenyaniso, ewe, dbaqinisekise ngempazamo yeendlela zabo.

12 Uze ungenzi isipho sakho saziwe nangubani ngaphandle kokuba ibe ngabo bangabokholo lwakho. Uze ungafekethi ngezinto aezinyulu.

13 Ukuba wena uya kwenza okulungileyo, ewe, uze auzibambe buthembekile kuye cesiphelweni, wena uya kusindiswa ebukumkanini bukaThixo, olusesona sikhulu sazo zonke izipho zikaThixo; kuba akukho sipho sikhulu kunesipho dsosindiso.

14 Inene, inene, ndithi kuwe, usikelelwe wena ngako oko wena ukwenzileyo; kuba wena aubizile kum, kwaye qaphela, njengoko uthe rhoqo wena ubuza wena ufumene umyalelo woMoya wam. Ukuba bekungenjalo, wena ngowungathanga weza kwindawo apho wena ukuyo ngeli xesha.

15 Qaphela, wena uyazi ukuba ubuzile kum kwaye ndithe ndayikhanyisela aingqondo yakho; kwaye ngoku ndikuxelela ezi zinto zokokuba wena ube nokwazi okokuba wena ukhanyiselwe nguMoya wenyaniso;

16 Ewe, ndixelela wena, okokuba wena ube nokwazi okokuba akukho namnye ongomnye ngaphandle koThixo lowo awazi iingcinga zakho neenjongo bzentliziyo yakho.

17 Ndixelela wena ezi zinto njengengqina kuwe—okokuba amazwi okanye umsebenzi lowo wena uwubhalileyo auyinyani.

18 Ke ngoko akhuthala; byima ngakwisicaka sam uJoseph, uthembekile, kuzo naziphina iimeko ezinzima anokuba kuzo ngenxa yelizwi.

19 Mcebise kwiimpazamo zakhe, kananjalo fumana ingcebiso kuye. Yiba nomonde; yiba nengqondo ephilileyo; yiba ngcathu; ube nomonde, ukholo, ithemba nothando lwenene.

20 Qaphela, wena Oliver, kwaye ndithethe nawe ngenxa yeminqweno yakho; ke ngoko agcinela phezulu la mazwi entliziyweni yakho. Yiba nentembeko nenkuthalo ekugcineni imiyalelo kaThixo, kwaye ndiya kukurhanga wena ngeengalo zothando lwam.

21 Qaphela, mna ndinguYesu Krestu, auNyana kaThixo. Ndikwanguye owathi weza bkwabangabakhe, kwaye abangabam abandamkelanga. cNdilukhanyiselo olwabonakala debumnyameni, baza ubumnyama abaluqiqa.

22 Inene, inene, ndithi kuwe, ukuba ufuna ingqina elingakumbi, phosa ingqondo yakho kubusuku owathi wakhala kum entliziyweni yakho, okokuba ungathi awazi ngokunxulumene nenyaniso yezi zinto.

23 Andizange na ndithethe auxolo engqondweni yakho ngokunxulumene nalo mba? Leliphi bingqina elinokuba likhulu ukudlula elivela kuThixo?

24 Kwaye ngoku, qaphela, ufumene ingqina; kuba xa ndikuxelele izinto ekungekho mntu uzaziyo akulifumananga ke ingqina?

25 Kwaye, qaphela, ndinikela kuwe isipho, xa unqwenela mna, aukuguqulela, nkqu njengesicaka sam uJoseph.

26 Inene, inene, ndithi kuwe, okokuba kukho aiimbali eziqulathe okuninzi kwevangeli yam, ebigciniwe ingezi ngenxa byenkohlakalo yabantu;

27 Kwaye ngoku ndiyakuyalela, okokuba xa uneminqweno elungileyo—umnqweno owuqwebela isiqu sakho ezulwini—ngoku uya kuncedisa ekuziseni ekukhanyeni, ngesipho sakho, ezoo ndawo azezibhalo zam ebezifihliwe ngenxa yobugwenxa.

28 Kwaye ngoku, qaphela, ndinikela kuwe, kananjalo esicakeni sam uJoseph, izitshixo zesi sipho, esiya kuzisa ukukhanya kuba fundisi; kwaye emlonyeni wamabini okanye amathathu aamangqina ilizwi ngalinye liya kusekwa.

29 Inene, inene, ndithi kuwe, ukuba abawamkeli amazwi am, nale nxenye yevangeli yam nobufundisi, usikelelekile wena, kuba abanako ukwenza nanye kuwe kuba abanakwenza nto kum.

30 Kwaye nanjengokuba abesenza kuwe nkqu njengoko benzayo kum, usikelelekile wena, kuba uya bkuhlala nam celuzukweni.

31 Kodwa ukuba abayawamkela amazwi am, aya kusekwa bbubungqina obuya kunikwa, basikelelekile, kwaye ngoko uya kuba novuyo kwiziqhamo zemisebenzi yakho.

32 Inene, inene, ndithi kuwe, njengokuba ndatshoyo kubafundi bam, apho ababini okanye abathathu abahlangene kunye egameni lam, njengokuba bechukumise into enye, qaphela, ndiya kubakho bphakathi kwabo—nanjengokuba kunjalo mna ndiphakathi kwakho.

33 aNingoyiki ukwenza okulungileyo, boonyana bam, kuba nayiphina into beniyihlwayelayo, kanjalo niya kuvuna kwayona; ke ngoko, ukuba niyihlwayela okulungileyo kanjalo niya kuvuna okulungileyo kube ngumvuzo wenu.

34 Ke ngoko, ningoyiki, mhlambi omncinane; yenzani okulungileyo; yekani umhlaba nesihogo zidibane ngokuchasene nani, kuba xa nakhelwe phezu akolwalwa lwam, aziyi kunoyisa.

35 Qaphelani, andinigwebi; yiyani kwindlela zenu nize aningoni kwakhona; sebenzani ngengqondo ephilileyo umsebenzi endiniyalele wona.

36 aKhangelani kum kuyo yonke ingcinga; ningathandabuzi, ningoyiki.

37 aQaphelani amanxeba agqobhoze icala lam, kananjalo imivumbo byezikhonkwane esezandleni zam nasezinyaweni; thembekani, nigcine imiyalelo yam, kwaye niya ckubudla ilifa dubukumkani bezulu. Amen.