Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 83


Icandelo 83

Isityhilelo Esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eIndependence, Missouri, Aprili 30, 1832. Esi sityhilelo safunyanwa njengoko uMprofeti wayehleli kwiqumrhu kunye nabazalwana bakhe.

1–4, Abafazi nabantwana banebango lenkxaso yabo kubayeni babo nooyise; 5–6, Abahlolokazi neenkedama banebango eBandleni lenkxaso yabo.

1 Inene, itsho njalo iNkosi, ekongezeni emithethweni yebandla ngokunxulumene nabafazi nabantwana, abo bangabasebandleni, abalahlekelwe ngabayeni babo okanye ooyise:

2 Abafazi abanebango ebayenini lenkxaso yabo, bade abayeni babo bathatyathwe; kwaye ukuba abafunyanwanga bengaboni baya kufumana ubudlelwane ebandleni.

3 Kwaye ukuba abathembekanga abayi kufumana ubudlelwane ebandleni; basenokuhlala emafeni abo ngokunxulumene nemithetho yelizwe.

4 Bonke aabantwana banebango ebazalini babo lenkxaso yabo bade babe kwiminyaka efikisayo.

5 Kwaye emva koko, banebango ebandleni, okanye ngamanye amazwi akuvimba weNkosi, ukuba abazali babo abanazinto zokubanikela amafa.

6 Kwaye uvimba uya kugcinwa ngongcwaliso lwebandla; kwaye aabahlolokazi neenkedama baya kubonelelwa, kanjalo bnjengamahlwempu. Amen.